Iintlanganiso Zenkonzo NgoJanuwari
Iveki Eqala NgoJanuwari 5
8 imiz: IZaziso zasekuhlaleni. Izaziso ezikhethiweyo kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani.
17 imiz: “Kuvuyele Ukunikela Ubungqina Obucokisekileyo.” Ingxubusho nabaphulaphuli. Balaselisa izinto eziyintloko ukuze unikele iintshumayelo eziphumelelayo: (1) Bulisa ngobuhlobo, (2) gqabaza okanye uphakamise umbuzo ophathelele umbandela ongundaba-mlonyeni ngelo xesha, (3) bhekisela kwiSibhalo esifanelekileyo, uze (4) utsalele ingqalelo kwimpapasho ehanjiswayo. Yiba nomvakalisi ofanelekayo oza kwenza umboniso ngentshumayelo ecebisekayo yotyelelo lokuqala neyokubuyela.
20 imiz: Isifundo Sentsapho Esibangela Uvuyo. Isibini esitshatileyo sixubusha iintswelo zokomoya zentsapho yaso. Sixhalabele iimpembelelo zehlabathi ezibachaphazela kakubi abantwana baso, sivakalelwa kukuba kufuneka sibomeleze ubumoya babantwana baso kodwa siyavuma ukuba isifundo saso sentsapho besingaqhutywa rhoqo yaye ngokufuthi besingakhi. Sikunye, sihlaziya amacebiso endlela yokuqhuba isifundo sentsapho esakhayo anikelwe kwiMboniselo ka-Agasti 1, 1997, iphepha 26-9. Bobabini bazimisele ukuwalandela ukuze bakhusele impilo-ntle yokomoya yabantwana babo.
Ingoma 142 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoJanuwari 12
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Ingxelo yemali.
15 imiz: “Zisebenzise Kakuhle Izimemo.” Ingxubusho nabaphulaphuli. Quka namava akwiMboniselo kaDisemba 1, 1996, iphepha 13, isiqendu 15.
20 imiz: “UYehova Unika Amandla Angaphaya Koko Kuqhelekileyo.” Imibuzo neempendulo. (Bona i-w90-XO 7/15 19, isiqendu 15-16.) Lungiselela ukuba kubekho abanye abaza kunikela amava akhuthazayo bebonisa indlela uYehova aye wabomeleza ngayo.
Ingoma 81 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoJanuwari 19
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Iindaba Ezingokobuthixo. Bulela inkxaso yemali.
15 imiz: Iimfuno zasekuhlaleni.
20 imiz: Kulungiselele Kwangoku Ukugcina UMthetho KaThixo Ngegazi. Umdala ofanelekayo uxubusha ngendlela ekubaluleke ngayo ukuzalisa iqweqwe eliyiAdvance Medical Directive/Release. Ulwalathiso oluphefumlelweyo oluvela kwiNdumiso 19:7 lubonisa ukuba IZenzo 15:28, 29 zibonisa umthetho ogqibeleleyo kaThixo ngokuphathelele igazi. Abanquli abanyanisekileyo bazabalazela ukuwugcina loo mthetho. La maxwebhu azisa uzimiselo lwakho lokwenjenjalo yaye ayakuthethela xa ungakwazi ukuthetha. (Thelekisa IMizekeliso 22:3.) Iqweqwe elitsha lisisifungo sakho sangoku sokungalamkeli igazi. Emva kwale ntlanganiso, amaNgqina abhaptiziweyo afuna ukuzifumanela iqweqwe elitsha aya kulifumana, ibe lawo anabantwana abangabhaptizwanga abasephantsi kolwalathiso lwawo aya kufumana i-Identity Card ngomntwana ngamnye. La maqweqwe akamele azaliswe ngokuhlwanje. Amele azaliswe ngenyameko ekhaya kodwa ANGATYOBELWA. Ukuwatyobela, ukucela amangqina atyobele aze abhale umhla kuwo onke la maqweqwe kumele kwenziwe emva kweSifundo Sencwadi Sebandla esilandelayo, phantsi kolwalathiso lomqhubi wesifundo sencwadi. Oku kuya kuqinisekisa ukuba bonke abakwiqela lakhe abafuna ukuzalisa le medical directive bayancedwa njengoko kuyimfuneko. Abo batyobela njengamangqina bafanele bambone umnini-qweqwe xa elityobela. Nabani na ongekhoyo ngelo xesha nofuna ukuzalisa nokutyobela elo qweqwe uza kuncedwa ngumqhubi okanye abadala kwiNtlanganiso Yenkonzo elandelayo de bonke abavakalisi ababhaptiziweyo babe bawazalise kakuhle amaqweqwe abo. (Yenza impinda yeleta kaOktobha 15, 1991.) Ngokulungelelanisa ulwimi olusetyenziswe kweli qweqwe ngokuvumelana neemeko zabo nezigqibo zabo, abavakalisi abangabhaptizwanga basenokuzibhalela ezabo iidirective ukuze bayisebenzise kubo nakubantwana babo.
Ingoma 146 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoJanuwari 26
12 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Hlolisisa umnikelo woncwadi ngoFebruwari. Khankanya ingongoma ibe nye okanye zibe mbini eziya kuba luncedo xa uhambisa incwadi ethi Incopho YeSityhilelo.
15 imiz: “Bonakalisa Intlonelo Ngendawo KaYehova Yonqulo.” Imibuzo neempendulo. Imele isingathwe ngumdala, omele ngobubele abonise indlela enokusebenza ngayo ekuhlaleni.
18 imiz: Ukufaka Ingxelo Yesabelo Sethu Kumsebenzi Wokunikela Ubungqina Ehlabathini Lonke. (Isekelwe kwincwadi ethi Ubulungiseleli Bethu, iphepha 100-2, 106-10) Intetho nengxubusho esingathwa ngunobhala. Emva kokubonisa umzekelo ongokweZibhalo wokufaka ingxelo yomsebenzi wethu ngokuthe rhoqo, ubiza izicaka zolungiselelo ezibini ukuze zihlolisise umxholwana othi “Isizathu Sokuba Sifake Ingxelo Yenkonzo Yethu Yasentsimini.” Emva koko unobhala ubethelela ukubaluleka kokufaka iingxelo ezichanileyo ngokukhawuleza aze akhuthaze bonke ukuba bafake iingxelo zabo zenkonzo yasentsimini zikaJanuwari ekupheleni kwale nyanga. Uchaza izizathu zokuba ukubeka usukelo lobuqu kuyingenelo, aqukumbele ngamagqabaza akhuthazayo ngokuphathelele iintsikelelo eziza kwabo banesabelo esizeleyo kumsebenzi wokunikela ubungqina.
Ingoma 189 nomthandazo wokuqukumbela.