Kuvuyele Ukunikela Ubungqina Obucokisekileyo
1 Sonke Siyakuvuyela Ukwenza Ezona Zinto Sizenza Kakuhle. Umarko 7:37 Uthi Izihlwele Zavakalisa Oku Ngoyesu: “Wenze Kakuhle Zonke Izinto.” Akumangalisi Ngoko Ukuba Uyesu Abe Wayekuvuyela Ukwenza Ukuthanda Kukayehova! (Thelekisa INdumiso 40:8.) Ngokucingisisa Ngala Macebiso Alandelayo, Nathi Siya Kufumana Uvuyo Njengoko Sithobela Umyalelo Kayesu ‘Wokushumayela Ebantwini Nokunikela Ubungqina Obucokisekileyo.’ (IZe. 10:42) Ngojanuwari Sihambisa Incwadi Ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila Okanye Ethi Iphulo Loluntu Lokufuna Uthixo. Sinokuzisebenzisa Njani Ezi Mpapasho Ukuze Sinikele Ubungqina Obucokisekileyo?
2 Ekubeni ngokufuthi abantu bexhalabele imibandela ephathelele impilo, usenokuthi:
◼ “Phezu kwazo nje izinto ezibalaseleyo eziye zaphunyezwa kwezamayeza, abantu basabandezeleka kakhulu ngenxa yokugula. Ucinga ukuba siyintoni isizathu soku? [Vumela impendulo.] UYesu Kristu wathi iindyikitya zokufa zaziya kubakho ngemihla yokugqibela. [Luka 21:11] Ukanti iBhayibhile ikwathetha nangexesha apho ukugula kungasayi kubakho. [Funda uIsaya 33:24.] Phawula indlela le ncwadi elivuselela ngayo ithemba ngokuphathelele loo mfundiso isisiseko yeBhayibhile.” Gqabaza ngokufanelekileyo ngeSifundo 46 okanye esama-57 uze uhambise le ncwadi ngomnikelo wee-R12,00.
3 Xa unikela ubungqina obungacwangciswanga kufuphi neendawo ezineevenkile, usenokubulisa uze ubuze oku:
◼ “Ngaba uyayiphawula na into yokuba amaxabiso ezinto namhlanje aya exhoma kangangokuba kunzima ukuziphilisa? [Vumela impendulo.] Ngaba ucinga ukuba liya kuze libekho ixesha ekuya kubakho ngalo unqabiseko lokwenene kwezoqoqosho?” Vumela impendulo. Yandula ke uvule iSifundo 52, esinomxholo othi “UYesu Wondla Amawakawaka Ngokungummangaliso,” uze utsalele ingqalelo yakhe kumfanekiso nakwiziqendu ezithile ezifanelekileyo. Hambisa le ncwadi ngee-R12,00. Usenokuchaza indlela oye wakunandipha ngayo ukuncokola naye uze wandule ukumbuza: “Ngaba ikho indlela yokuba siqhubeke nale ncoko ngelinye ixesha?” Ngale ndlela unokukwazi ukufumana inombolo yomnxeba okanye ikhelingi yasekhaya yaloo mntu.
4 Xa uthetha nomzali okanye nomntu oselula usenokufumana ithuba lokuzama le ntshumayelo:
◼“Inkoliso yabantu abaselula ifuna abantu abayimizekelo enokubaxelisa, kodwa kunzima ukufumana abayimizekelo emihle. UYesu Kristu wamisela umzekelo ogqibeleleyo kumntu wonke. [Funda eyoku-1 kaPetros 2:21.] Ubomi bakhe bonke babusekelwe ekunquleni uYise osemazulwini. Ucinga ukuba bekunokuba njani ukuba abantu abangakumbi bebenokuzama ukumxelisa?” Vumela impendulo. Yalatha kwisiqendu 3 kwiphepha elandulela elokugqibela kule ncwadi, elichaza iimpawu zakhe ezikhethekileyo. Chaza indlela incwadi ethi Umntu Obalaseleyo enokusinceda ngayo sonke ukuze sibe ngamaKristu alunge ngakumbi. Hambisa incwadi ngee-R12,00 uze wenze amalungiselelo aqinisekileyo okubuyela.
5 Xa ubuyela kwabo babonakalise umdla, usenokuzama ukuqalisa isifundo seBhayibhile ngokusebenzisa le ntshayelelo:
◼“Ukugqibelana kwethu, wathetha amazwi abangel’ umdla gqitha. [Khankanya amagqabaza awenziwa nguloo mntu.] Bendisoloko ndicinga ngawo, kwaye ndingathanda ukwabelana nawe ngezinto endizifumanisileyo xa bendisenza uphando ngalo mba. [Mfundele isibhalo esifanelekileyo.] Sinokukuqhubela isifundo sesisa esiye senza izigidi zabantu zakwazi ukubona iimfundiso ezisisiseko zeBhayibhile ngexesha elingephi. Olo hlolisiso lunokunceda ekwakheni intembelo yakho kwinzaliseko eqinisekileyo yamadinga kaThixo.” Balaselisa eminye imibuzo eza kuphendulwa. Ukuba loo mntu akasamkeli isifundo seBhayibhile, mchazele ukuba sinaso esinye isifundo esikhethekileyo esikhawulezayo esithabatha imizuzu eli-15 kuphela veki nganye esithabatha iiveki ezili-16. Mbonise incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo, tyhila kwisifundo 1, uze ucele ukumbonisa indlela esiqhutywa ngayo.
6 Ungalibali Ukusebenzisa Izimemo: Unokuzisebenzisa ngokunempumelelo kwintshayelelo yakho ukuze uvuselele umdla kwizinto zokomoya, okanye usenokusishiya apho kungamkelwanga ncwadi khona. Apho ufumana khona umdla, sebenzisa isigidimi esibhalwe ngemva kwesimemo ukuze ukhuthaze loo mntu amkele isifundo sekhaya seBhayibhile yaye eze ezintlanganisweni zethu.
7 Sebenzisa ubuchule emsebenzini wakho, ibe uya kuba novuyo xa uwenza. Nikela ingqalelo ezingisileyo ekunikeleni ubungqina obucokisekileyo, uze ukuvuyele ukuzisebenzisa kakuhle zonke iinkalo zobulungiseleli bethu.—1 Tim. 4:16.