Izaziso
◼ Umnikelo woncwadi ngoJanuwari: Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila ngomnikelo wee-R12,00, okanye Iphulo Loluntu Lokufuna UThixo ngomnikelo wee-R6,00. NgoFebruwari: ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele! ngomnikelo wee-R12,00. NgoMatshi: Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade ngomnikelo wee-R4,00. Nikelani ingqalelo ekuqaliseni izifundo zeBhayibhile zamakhaya. NgoAprili: Umrhumo wonyaka weMboniselo ngeposi ngomnikelo wee-R48,00 kwiinkupho zakabini ngenyanga. Umrhumo wonyaka weenkupho eziphuma kanye ngenyanga okanye umrhumo weenyanga ezintandathu weenkupho eziphuma kabini ngenyanga ngee-R24,00. Imirhumo yeqela zii-R24,00 kunye nee-R12,00 ngokwamaxesha afanayo nangasentla. Yenza umgudu okhethekileyo wokuhambisa imibhalo yala maphephancwadi xa umrhumo ungamkelwa.
◼ Bonke abavakalisi ababhaptiziweyo abakhoyo kwiNtlanganiso Yenkonzo yeveki eqala ngoJanuwari 19 baza kunikwa iqweqwe leAdvance Medical Directive/Release kunye neIdentity Card elungiselelwe abantwana babo.
◼ Ukususela ngoFebruwari, kodwa kungekhona emva koMatshi 1, abaveleli besiphaluka baza kube benikela intetho yesidlangalala entsha enomxholo othi “Ngaba Unembono Efana NekaThixo Ngobomi?”
◼ Amabandla afanele enze amalungiselelo afanelekileyo ukuze enze iSikhumbuzo salo nyaka ngoMgqibelo, Aprili 11, emva kokutshona kwelanga. Nangona intetho isenokuqalisa ngaphambi kwexesha, ukuhanjiswa kwemifuziselo yeSikhumbuzo akufanele kuqaliswe de kube semva kokutshona kwelanga. Buzani kumaziko asekuhlaleni ukuze niqonde elona xesha litshona ngalo ilanga kwindawo yenu. Nangona kuyinto enqwenelekayo ukuba ibandla ngalinye liqhube esalo iSikhumbuzo, oko kusenokungenzeki ngawo onke amaxesha. Apho kukho iqela lamabandla ngokuqhelekileyo asebenzisa iHolo yoBukumkani enye, mhlawumbi elinye okanye angaphezulu kuloo mabandla asenokusebenzisa esinye isakhiwo ngaloo ngokuhlwa. ISikhumbuzo asifanele siqhutywe ebusuku kakhulu kangangokuba abantu abasandul’ ukuba nomdla bangakwazi ukubakho. Nocwangciso alufanele luxineke kangangokuba kungabikho xesha ngaphambi nasemva kwalo mbhiyozo lokubulisa iindwendwe, lokwenza amalungiselelo okunikela uncedo olungakumbi lokomoya kwabo banomdla, okanye lokukhuthazana. Ngemva kokuziqwalasela ngenyameko zonke izibakala, abadala bafanele bagqibe ngamalungiselelo aya kuba luncedo ngakumbi kwabo beze eSikhumbuzweni ukuze bangenelwe ngokupheleleyo kweso sihlandlo.
◼ Intetho yesidlangalala ekhethekileyo yexesha leSikhumbuzo sowe-1998 iza kunikelwa ngeCawa, ngoMatshi 29. Ulwandlalo lwayo luza kuthunyelwa. Amabandla aza kube enotyelelo lomveleli wesiphaluka, indibano yesiphaluka okanye indibano ekhethekileyo yosuku olunye ngaloo mpela-veki aza kuba nentetho ekhethekileyo kwiveki elandelayo. Akukho bandla lifanele libe nentetho ekhethekileyo ngaphambi koMatshi 29, 1998.
◼ Ukususela ngeveki kaMeyi 4, 1998, ukuya kutsho ngeveki kaSeptemba 14, 1998, incwadi ethi IBhayibhile—Ngaba IliLizwi LikaThixo Okanye Lomntu? iza kube ifundwa kwiSifundo Sencwadi Sebandla.
◼ NCEDA UPHAWULE: Umxholo wonyaka we-1998 uza kuba zii-R16,00 umnye. Ncedani nikulungise ngokufanelekileyo oko kuLudwe Lwamaxabiso lwenu.
◼ Umhla ka-Aprili 4, 1998, uza kube uluSuku Lwamaphephancwadi lwethu olukhetheke gqitha. Kwixesha elidluleyo abaninzi baye bakunandipha ukuba nesabelo kumsebenzi woSuku Lwamaphephancwadi olukhethekileyo. Kutheni ungaqalisi kwangoku ukuceba ukuze ube nesabelo ngokupheleleyo kulo nyaka? Amabandla afanele afake iiodolo ezikhethekileyo zamaphephancwadi ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka.