Sinako Ukwenza Imisebenzi Emikhulu Ngakumbi
1 Ubulungiseleli bukaYesu Kristu babubalasele ngemisebenzi emihle. Esenza imimangaliso, wondla amawaka, waphilisa abaninzi waza wavusa abathile kwabafileyo. (Mat. 8:1-17; 14:14-21; Yoh. 11:38-44) Imisebenzi yakhe yatsala ingqalelo yalo lonke uhlanga. Ukanti, ngengokuhlwa eyandulela usuku lokubulawa kwakhe, waxelela abalandeli bakhe oku: “Inene, inene, ndithi kuni, Lowo uqhelisela ukholo kum, naye lowo uya kwenza imisebenzi endiyenzayo; ibe uya kwenza imisebenzi emikhulu ngakumbi kunale.” (Yoh. 14:12) Sinokuyenza njani imisebenzi “emikhulu ngakumbi”?
2 Ngokugubungela Intsimi Engakumbi: Intsimi kaYesu yayipheleliselwe ePalestina, ngoxa abafundi bakhe bokuqala baxelelwa ukuba banikele ubungqina “nakwezona nxalenye zikude zomhlaba,” kude lee kunalapho uYesu wayeshumayele khona. (IZe. 1:8) Namhlanje umsebenzi wokushumayela awawuqalisayo wenziwa ehlabathini lonke, kumazwe angama-232. (Mat. 24:14) Ngaba unesabelo ngokuzeleyo ekusebenzeni intsimi eyabelwe ibandla lenu?
3 Ngokufikelela Abantu Abangakumbi: UYesu washiya abafundi abambalwa ngokwentelekiso ukuze baqhubeke nomsebenzi wokushumayela. Noko ke, ngenxa yenzondelelo yabo ekunikeleni ubungqina ngePentekoste yowama-33 C.E., abo bamkela inyaniso nababhaptizwa ngaloo mhla babebalwa kwisithuba samawaka amathathu. (IZe. 2:1-11, 37-41) Ukuhlanganiswa kwabo ‘banotyekelo olufanelekileyo ngobomi obungunaphakade’ kwaqhubeka de kwaleli xesha siphila kulo, apho sibhaptiza umlinganiselo we-1000 ngosuku. (IZe. 13:48) Ngaba wenza konke okusemandleni akho ukuze ufikelele abantliziyo zinyanisekileyo naphi na apho banokufunyanwa khona uze ulandelele abanomdla ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka?
4 Ngokushumayela Ixesha Elide: Ubulungiseleli bukaYesu basemhlabeni babupheleliselwe kwiminyaka emithathu enesiqingatha. Uninzi lwethu selushumayele ixesha elingaphezulu lee kunelo. Kungakhathaliseki ukuba lide kangakanani ixesha esiya kuvunyelwa ukuba siqhubeke nalo msebenzi ngalo, sinombulelo ngokunceda umfundi ngamnye angene endleleni esa ebomini. (Mat. 7:14) Ngaba uba nokuninzi kokwenza emsebenzini weNkosi nyanga nganye?—1 Kor. 15:58.
5 Sinokuhlala siqinisekile ukuba ekubeni sixhaswa nguYesu, siya kuqhubeka sisenza imisebenzi emikhulu ngakumbi njengabafundi bakhe bokwenyaniso.—Mat. 28:19, 20.