Abaveleli Abakhokelayo—Umveleli Wesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
1 Umveleli weSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo yindoda engumdala esebenza nzima ekuthetheni nasekufundiseni nefanelwe yimbeko nentsebenziswano yethu. (1 Tim. 5:17) Ziziphi iimbopheleleko anazo?
2 Nguye onyamekela ithala leSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo kwiHolo yoBukumkani. Unomdla ongazenzisiyo wokukhuthaza bonke abafanelekayo babhalise esikolweni. Uyaqiniseka ukuba kugcinwa ingxelo echanileyo ukuze izabelo zenziwe ngolungelelwano ubuncinane iiveki ezintathu ngaphambi kwenxalenye nganye yesikolo. Kufuneka alazi kakuhle ibandla, ecinge ngomfundi ngamnye namandla akhe. Nangona esenokuba nomnye umzalwana omncedisayo ekulungiseleleni ucwangciso lwesikolo, nguye omele abe izabelo.
3 Ukuze afundise ngobuchule esikolweni, umveleli ufanele alungiselele kakuhle veki nganye, izabelo azifundisise ngokucokisekileyo. Oku kumenza agcine ibandla linomdla kwizifundo, akwazi ukubona enoba izabelo zigutyungelwa ngokuchanileyo kusini na, yaye abalaselise iingongoma ezibalulekileyo eziya kuqukwa kwimpinda ebhalwayo.
4 Emva kwentetho yomfundi ngamnye, umveleli uya kumncoma umfundi aze achaze isizathu sokuba uphawu oluthile lwentetho lube lolulungileyo okanye kufuneke luphuculwe. Ukuba nabani na ufuna uncedo olongezelelekileyo ukulungiselela izabelo zakhe zesikolo, umveleli okanye omnye owabelwe nguye anganikela uncedo lobuqu.
5 Ukuze singenelwe ngokupheleleyo kumsebenzi onzima womveleli weSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo nakubo nabaphi na abaluleki abangakumbi abasebenza phantsi kolwalathiso lwakhe, sifanele sibekho rhoqo esikolweni. Kwakhona sifanele siphumeze zonke izabelo zethu size sisebenzise isiluleko esisifumanayo kunye neso sinikwa abanye abafundi. Ngale ndlela, siya kubuphucula ubuchule bethu bokunikela isigidimi soBukumkani kwindlu ngendlu nakuwonke-wonke.—IZe. 20:20; 1 Tim. 4:13, 15.