Ndifuna Isifundo SeBhayibhile!
1 Ngesizathu esivakalayo uninzi lwethu luye lwavakalisa umnqweno wokuqhuba isifundo seBhayibhile. Umsebenzi wokuqhutywa kwezifundo zeBhayibhile uyindlela esiphumeza ngayo usukelo lwethu lokwenza abafundi. (Mat. 28:19, 20) Ukanti uninzi lwethu seluchithe iinyanga, mhlawumbi iminyaka, lungakhange lulungcamle uvuyo olukhethekileyo oluziswa kukufundisa ubani inyaniso. Yintoni esinokuyenza ngale nto ngoNovemba? Ekubeni incwadi ethi Ulwazi iza kuhanjiswa kule nyanga, sinokwenza umgudu okhethekileyo wokuqalisa izifundo zeBhayibhile ngayo.
2 Bekela Bucala Impelaveki Enye Okanye Ngaphezulu: Sikhuthaza wonk’ ubani ukuba abekele bucala ixesha elithile kule nyanga ukuze anikele ingqalelo ekuqaliseni isifundo seBhayibhile esitsha. Abaqhubi Bezifundo Zencwadi Zebandla bafanele bakhethe impelaveki okanye iimpelaveki eziya kusetyenziselwa le njongo ngokukhethekileyo baze balungelelanise amaqela abo ukuze azibhokoxe kumsebenzi wokwenza amabuyelo.
3 Phatha iingxelo zamabuyelo akho kwezi ntlanganiso zenkonzo yasentsimini. Uze utyelele bonke abo baye babonisa umdla, bathabathe uncwadi, okanye baye beza ezintlanganisweni. Kumntu ngamnye buyela unenjongo yokuqalisa isifundo.
4 Yenza Imiboniso Yendlela Yokuqhuba Isifundo SeBhayibhile: Kwiintlanganiso ezikhethiweyo zenkonzo, kufanele kwenziwe umboniso olungiselelwe kakuhle, obonisa indlela yokuqalisa isifundo kwibuyelo. Usenokuthi: “Abantu abaninzi banayo iBhayibhile, kodwa abaqondi ukuba ineempendulo zemibuzo ebalulekileyo esijamelene nayo sonke ebomini. [Mbonise iziqulatho zencwadi ethi Ulwazi, uze ufunde umxholo wesahluko 3, 5, 6, 8 nese-9.] Usebenzisa le kangangeyure okanye ngaphezulu ngeveki, unokuqonda iimfundiso ezisisiseko zeBhayibhile ngeenyanga ezingephi. Ungazikhethela nje omnye kule mixholo, ndiya kukuvuyela ukukubonisa indlela esebenza ngayo le nkqubo.” Ukuba umntu uyasonqena isifundo ngenxa yokuxakeka, mchazele ukuba sikwanayo nenkqubo engadl’ ixesha. Mbonise incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo, uze ucele ukumfundela imizuzu eli-15 ukusa kwengama-30 ngeveki.
5 Ukuba ngokumanyeneyo senza umgudu wokuqalisa izifundo yaye sithandazela intsikelelo kaYehova kwimigudu yethu, ngokuqinisekileyo siya kuzifumana izifundo ezitsha! (1 Yoh. 5:14, 15) Ukuba ufuna isifundo seBhayibhile, eli isenokuba lithuba lokuba usiqalise.