Bazali—Babekeleni Umzekelo Omhle Abantwana Benu
1 ILizwi likaThixo lisixelela ukuba “uyise [nonina] welungisa ugcoba kakhulu.” (IMize. 23:24, 25) Enjani intsikelelo kubazali abaye babamisela umzekelo omhle abantwana babo! Ilungu leKomiti yeSebe lathi ngabazali balo: “Inyaniso yayibubomi babo bonke, yaye nam ndandifuna ukuyenza ibe bubomi bam bonke.” Yintoni abafanele bayibone abantwana kubazali babo?
2 Isimilo Nentlonelo Enzulu: Yimbopheleleko yabazali ukubethelela iimpawu ezintle kubantwana babo. Isimilo siyafundwa, hayi ngentetho nje kuphela, kodwa ngokujonga nokuxelisa. Ngoko ke, sinjani isimilo sakho? Ngaba bakhe bakuve abantwana bakho usithi “ndicel’ uxolo,” “nceda,” “enkosi”? Entsatsheni, ngaba niphathana ngentlonelo enzulu? Ngaba uyaphulaphula xa abanye bethetha? Ngaba uyaphulaphula xa abantwana bakho bethetha nawe? Ngaba ezi mpawu zintle zibonakaliswa kwiHolo yoBukumkani nasekhaya?
3 Ukomelela Ngokomoya Nokusebenza Ngenzondelelo: Umzalwana oye wachitha ngaphezu kweminyaka engama-50 kwinkonzo yexesha elizeleyo ukhumbula oku: “Umama notata babengumzekelo omhle gqitha wokuzixabisa iintlanganiso nokuba nenzondelelo kubulungiseleli.” Ubabonisa njani abantwana bakho ukuba unenkxalabo yokulondoloza imeko yokomoya yabo bakwindlu yakho? Ngaba niyihlolisisa kunye itekisi yosuku? Ngaba ninaso isifundo sentsapho esiqhutywa rhoqo? Ngaba abantwana bakho bakhe bakubone ufunda iBhayibhile neempapasho zoMbutho? Yintoni abayivayo xa uthandazela intsapho? Ngaba uba nencoko eyakhaya ngokomoya nabantwana bakho, uxubusha izinto ezakhayo ngenyaniso nebandla? Ngaba niyakulangazelela ukubakho kuzo zonke iintlanganiso nize nibe nesabelo kubulungiseleli basentsimini njengentsapho?
4 Bazali, hlolisisani umzekelo eniwubekela abantwana benu. Wenzeni ube ngobalaseleyo, baya kuwuxabisa ubomi babo bonke. Omnye umfazi womveleli ohambahambayo, ngoku okwiminyaka yakhe yama-70 ubudala wathi: “Ndisangenelwa nangoku kumzekelo omhle wabazali bam abanothando nabangamaKristu. Yaye umthandazo wam onyanisekileyo ngowokuba ndibonise uxabiso lwam ngokupheleleyo ngeli lifa ngokulisebenzisa kakuhle ngalo lonke ixesha nelizayo.”