Iintlanganiso Zenkonzo NgoSeptemba
Iveki Eqala NgoSeptemba 6
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Izaziso Ezikhethiweyo kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani.
17 imiz: “Ngaba Usebenza Unenjongo?” Yenza amagqabaza entshayelelo angaphantsi komzuzu, uze ulandelise ngengxubusho yemibuzo neempendulo. Quka amagqabaza akwincwadi ethi Ubulungiseleli Bethu, iphepha 88-9. Bakhuthaze bonke ukuba bazingise yaye bacokise kubulungiseleli babo.
18 imiz: “Bazali—Babekeleni Umzekelo Omhle Abantwana Benu.” Intshayelelo emfutshane ngumdala, ilandelwe kukuxutyushwa kwenqaku ngabazalwana ababini abangabazali. Bavakalisa inkxalabo ngokukhusela abantwana babo kutyekelo olungakhiyo abachanabeka kulo esikolweni, kumabonwakude, kwizalamane ezingengomaNgqina nakwabanye. Abazalwana bahlola izinto ezibonakalisa ukungabi nantlonelo, intetho yehlabathi nokuzilungisa kuquka ukuziyolisa okungakhiyo. Emva kokuphawula imfuneko yokumisela umzekelo omhle, baxubusha iindlela zokwakha ulangazelelo olungakumbi ngesifundo sentsapho, iintlanganiso zebandla nenkonzo yasentsimini.—Bona IMboniselo kaJulayi 1, 1999, iphepha 8-22, noVukani! kaOktobha 8, 1991, iphepha 25, 26.
Ingoma 101 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoSeptemba 13
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Ingxelo yemali.
15 imiz: Siqhube Njani Kunyaka Ophelileyo? Intetho ngumveleli wenkonzo. Hlolisisa iimbalasane kwingxelo yebandla yonyaka wenkonzo yowe-1999. Ncoma izinto ezintle eziye zenziwa. Chaza iinkalo ekunokufuneka kuphuculwe kuzo. Nikela ingqalelo kwindlela eliqhube ngayo ibandla kuziwo lweentlanganiso nasekuqhubeni izifundo zeBhayibhile. Yandlala usukelo olusengqiqweni lonyaka ozayo. Bakhuthaze bonke ukuba bafake ingxelo nyanga nganye ebudeni bonyaka wenkonzo olandelayo yaye basebenzisane nonobhala nabaqhubi bezifundo zencwadi njengokuba bebanceda bonke ukuba bafake ingxelo rhoqo.
20 imiz: “Uya Kuthini KumHindu?” Imibuzo neempendulo. Bethelela imbaluleka yokufumana into enivisisana ngayo nomntu, yaye ubonise iindawo esibona ngasonye kuzo nomHindu. Bonisa indlela iintshumayelo ezicetyisiweyo ezinokulungelelaniswa ngayo kubantu abanemvelaphi yalo naluphi na unqulo. Yenza umboniso wentshumayelo elungiselelwe kakuhle yokunikela ubungqina kumHindu. Ukuze ufumane inkcazeko engakumbi ngobuHindu bona isihlomelo soBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaFebruwari 1998; incwadi ethi Ukuqiqa, iphepha 22; nethi Iphulo Loluntu Lokufuna UThixo, isahluko 5. Ukuba akakho amaHindu kumhlaba wenu, bonisa indlela yokuqalisa izifundo ngencwadi ethi Ulwazi.
Ingoma 140 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoSeptemba 20
12 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Hlolisisa amalungiselelo ebandla omhlaba ongabelwanga bani ngoSeptemba nango-Oktobha. Balisa amava abangela umdla ngoku aye afunyanwa kumhlaba ongabelwanga bani. Yazisa amalungiselelo enkonzo yasentsimini angoSeptemba 24.
15 imiz: Iimfuno zasekuhlaleni.
18 imiz: Yisebenzise Kakuhle Incwadi Ethi Creator. Intetho nemiboniso. UBulungiseleli Bethu BoBukumkani buka-Aprili 1999 bachaza ukuba incwadi ethi Creator inokuhanjiswa nanini na xa sidibana nabantu (1) abangakholelwayo kuThixo okanye (2) abakholelwayo kuThixo kodwa bengaqondi kakuhle ukuba ungubani na okanye ziziphi iimpawu anazo neenjongo zakhe. Imibuzo exhokonx’ iingcinga namagqabaza akwiqweqwe elingasemva inokusetyenziselwa ukuvusa umdla wokufunda le ncwadi. Okanye iphepha 152 linokusetyenziswa kakuhle. Umvakalisi usenokubuza oku: “Sinokuwafumana phi amacebiso asemagqabini ngendlela yokucombulula ezona ngxaki zethu zintsonkothileyo?” Unokubonisa loo mntu indlela abasemagunyeni abaye bayincoma ngayo iNtshumayelo kaYesu yaseNtabeni, amcele akhethe ibe nye kwiingongoma ezisixhenxe ezibalaseleyo ezizezona zibangela umdla kuye, andule ukufunda iindinyana ezimbalwa ezicatshuliweyo. Yenza imiboniso yala macebiso mabini okuhambisa incwadi ethi Creator. Bakhuthaze bonke ukuba baziphathele le ncwadi kubulungiseleli basentsimini, bakulungele ukuyihambisa nanini na kufanelekile.
Ingoma 175 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoSeptemba 27
15 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Khumbuza abavakalisi ukuba bangenise iingxelo zenkonzo yasentsimini kaSeptemba. Bakhuthaze bonke ukuba bacwangcise ukuba nenxaxheba ngokuzeleyo ekusasazeni amaphephancwadi ngo-Oktobha. Hlolisisa amanye amacebiso avela kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaOktobha 1996, iphepha 12, angendlela yokulungiselela iintshumayelo. Usebenzisa amaphephancwadi akutshanje, khankanya iingongoma ezimbalwa ekunokuthethwa ngazo uze wenze umboniso ngentshumayelo enye okanye ezimbini.
15 imiz: Isingxobo Semibuzo. Intetho ngumdala.
15 imiz: “Unqulo Lokwenyaniso Luyanda EMpuma Yurophu.” Umdala uqhuba ingxubusho yemibuzo neempendulo. Caphula amava okanye ubungqina bolwando kula mazwe alapha, njengokuba kuchazwe kwiiNcwadi Zonyaka zakutshanje.
Ingoma 87 nomthandazo wokuqukumbela.