Iindaba Ezingokobuthixo
◼ EMzantsi Afrika: Ebudeni benyanga ka-Aprili, kaMeyi nekaJuni kwanikezelwa ezi Holo zoBukumkani zilandelayo: IMakhakhe neLeribe eLesotho, eScottburgh, eKokstad, Izingolweni neKwa-Nzimakwe KwaZulu Natal. Ngenxa yokuba iHolo yoBukumkani yaseWestonaria yayandisiwe yaye ihlaziywe ngokupheleleyo nayo yaphinda yanikezelwa. Onke la mabandla avakalise uxabiso lwawo olunzulu ngabasebenzi abathandekayo beKomiti Yenqila Yokwakha kwakunye nawo onke amatsha-ntliziyo aye abanceda ekwakheni indawo yawo yonqulo.