IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 9/99 iphe. 7
  • Isingxobo Semibuzo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Isingxobo Semibuzo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1999
  • Amanqaku Afanayo
  • Yilungele Ngoku Imeko Yezonyango Engxamisekileyo
    Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2023
  • UThixo Ulijonga Njani Igazi?
    Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!—Incoko Efundisa NgeBhayibhile
  • Ngaba Uyalwazi Ukhetho Olubekwe Phambi Kwakho?
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2009
  • Ngaba Uyazilazila?
    Ubulungiseleli BoBukumkani—2008
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1999
km 9/99 iphe. 7

Isingxobo Semibuzo

◼ Ngaba uyilungele imeko yongxamiseko?

Kwihlabathi lanamhlanje, ‘ixesha nesihlo’ ngokufuthi ziyasifikela zize zibangele imeko yongxamiseko yezonyango, kuquka nokunyanzelwa ngotofelo-gazi. (INtshu. 9:11) Ukuze silungele imeko enjalo, uYehova uye walungiselela uncedo ngeendlela ezininzi ngentlangano yakhe, kodwa ulindele ukuba senze indima yethu. Olu ludwe lungezantsi lolwezinto zokunceda wena.

• Phatha iqweqwe lakutshanje leAdvance Medical Directive/Release ngamaxesha onke.

• Qiniseka ukuba abantwana bakho bayiphethe i-Identity Card yakutshanje.

• Hlola isihlomelo soBulungisleli Bethu BoBukumkani bukaMatshi 1993, uqhelisela indlela yokuqiqa noogqirha nabagwebi mayela nokunyangwa komntwana wakho.

• Hlolisisa amanqaku angenxalenye yegazi nezinye izinto ezinokusetyenziswa endaweni yegazi. (Kunconyelwa: IMboniselo, kaOktobha 1, 1994, iphepha 31; kaJuni 1, 1990, iphepha 30-1; kaMatshi 1, 1989, iphepha 30-1; UVukani!, wesiNgesi kaDisemba 8, 1994, iphepha 23-7; nowesiNgesi ka-Agasti 8, 1993, iphepha 22-5; nokaDisemba 8 1991, iphepha 26; nesihlomelo soBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaMatshi 1993 nesikaJuni 1992. Zigcine kwifayile ukuze kube lula ukuzifumana.)

• Yenza isigqibo emva kokucingisisa ngobulumko enoba uya kuwusebenzisa kusini na umatshini ojikelezisa igazi ngaphandle komzimba okanye wamkele iimveliso ezinenxalenye yegazi.

• Ngaphambi kokuba uye esibhedlele, ukuba kunokwenzeka, yazisa abadala ukuze bakuxhase yaye baqhagamshelane neKomiti Yokunxibelelana Nezibhedlele (Hospital Liaison Committee [HLC]) ukuba kuyimfuneko. Kwimeko yomntwana omncinane, cela abadala bazise iHLC kwangethuba.

Kwenze Kucace Ukungalamkeli Kwakho Igazi: Iingxelo zibonisa ukuba bambi abazalwana noodade balinda de ibe ngumzuzu wokugqibela ngaphambi kokuba baxelele oogqirha ukuba abalifuni igazi. Oku akunalwazelelo kubasebenzi bezonyango yaye kukubeka kumngcipheko wokutofelwa igazi. Ukuba oogqirha bayazazi iinkolelo neminqweno yakho yaye ixhaswa ngamaxwebhu atyobelweyo achaza iimbono zakho ezingqalileyo, kuyabanceda basebenze ngaphandle kokulibazisa yaye ngokufuthi kubanika ezinye iindlela ezongezelelekileyo zonyango ezingabandakanyi gazi.

Ekubeni kusenokubakho imeko yongxamiseko yezonyango nanini na, ngokuqhelekileyo xa ungayilindelanga kangako, thabatha amanyathelo okuzikhusela wena nabantwana bakho ekutofelweni igazi ngoku.—IMize. 16:20; 22:3.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share