Okumele Kukhunjulwe NgeSikhumbuzo
ISikhumbuzo salo nyaka singeCawa, Aprili 8. Abadala bafanele banikele ingqalelo kule mibandela ilandelayo:
◼ Xa nibeka ixesha lale ntlanganiso, qinisekani ukuba imifuziselo ayiyi kuhanjiswa de kube semva kokutshona kwelanga.
◼ Wonk’ ubani, kuquka isithethi, ufanele aziswe ngexesha nendawo echanileyo esiza kuba kuyo iSikhumbuzo.
◼ Kufanele kufunwe isonka newayini efanelekileyo zize zilungiswe.—Bona IMboniselo kaFebruwari 15, 1985, iphepha 17.
◼ Kufanele kuziwe eholweni neepleyiti, iigilasi netafile efanelekileyo nelaphu layo kwangethuba zize zibekwe ngeendawo zazo.
◼ IHolo yoBukumkani okanye enye indawo eza kuqhutyelwa kuyo le ntlanganiso ifanele icocwe kakuhle kwangexesha.
◼ Kufanele kukhethwe abalindi nabo baza kuhambisa isonka newayini kwangethuba baze bayalelwe ngenkqubo efanelekileyo nangemisebenzi yabo.
◼ Kufanele kwenziwe amalungiselelo okusa isonka newayini kuye nabani na ongumthanjiswa ogulayo nongenakukwazi ukubakho.
◼ Ukuba umntu osusiweyo kubudlelane uthabatha imifuziselo, akanakubalwa kubantu abathabathayo, kodwa unokubalwa kubantu abeze esikhumbuzweni.—Bona IMboniselo yesiNgesi kaFebruwari 1, 1976, iphepha 76.
◼ Xa amabandla aliqela eza kusebenzisa iHolo yoBukumkani enye, afanele alungelelaniswe kakuhle ukuze kuphetshwe ukuxinana okungeyomfuneko phambi kweholo, emnyango, kwiindledlana zikawonke wonke nakwiindawo zokumisa iinqwelo-mafutha.