Nikela Ubungqina Njengommelwane Olungileyo
1 UYesu wathi “mthande ummelwane wakho njengawe siqu.” (Mat. 22:39) Ngokungathandabuzekiyo, ‘wenza okulungileyo’ kwabo ukholwa nabo, kodwa ngaba ungabathanda nabanye abantu? (Gal. 6:10) Ngaziphi iindlela?
2 Ngokuzazisa: Ngaba abamelwane bakho bayazi ukuba uliNgqina? Ukuba akunjalo, kutheni ungabatyeleli xa ukwinkonzo yasentsimini? Imiphumo isenokukothusa! Okanye ukuba uziva ukhululekile, zama ukunikela ubungqina obungacwangciswanga kubo. Xa usebenza phakathi kwekhaya, usenokubabona besebenza emzini wabo okanye bebethwa ngumoya. Thetha nabo uncumile. Zama ukuthetha ngeenkolelo zakho, indawo ekuyo iHolo yoBukumkani, noko kwenziwa apho, uze ubaxelele nangabanye basekuhlaleni abadla ngokubakho. Bamemele ezintlanganisweni. Zimisele ukunikela ubungqina ngokucokisekileyo ngeendaba ezilungileyo kuye wonke ubani omaziyo.—IZe. 10:42; 28:23.
3 Ngehambo Yakho Engumzekelo: Ukuba nobuhlobo kwakho kuya kuphawuleka yaye bunokukuvulela ithuba lokuba unikele ubungqina. Kwaye ‘kuhombisa imfundiso kaThixo.’ (Tito 2:7, 10) Yiba nomdla wokwenene kubamelwane bakho. Yiba nobuhlobo uze ube ngoqondayo. Lihlonele ixesha lokuba babe bodwa bangaphazanyiswa. Ukuba omnye wabo uyagula, yiba novelwano uze unikele uncedo. Xa kukho intsapho efikayo elumelwaneni, ziphe ithuba lokuyamkela. Izenzo zobubele ezilolo hlobo zishiya igama elihle yaye ziyamkholisa uYehova.—Heb. 13:16.
4 Ngembonakalo Yekhaya Lakho: Ukuba ngummelwane olungileyo kuquka ukunyamekela ikhaya lakho ukuze libukeke. Ikhaya nenkundla ecocekileyo nebukekayo zinikela ubungqina ngokwazo. Kodwa ikhaya elimdaka okanye elinezinto ezingoongqikana liya kuphazamisa isigidimi soBukumkani. Ngaloo ndlela, kubaluleke gqitha ukuba uligcine ikhaya lakho, inkundla nenqwelo-mafutha zikwimeko entle.
5 Ukuba nenkxalabo ngabo bangeyonxalenye yebandla lamaKristu kubonisa uthando ngabamelwane bakho. Unokuba yintoni umphumo? Usenokuba ‘ngokubona imisebenzi yakho emihle,’ abanye babo baya ‘kumzukisa uThixo.’—1 Pet. 2:12.