Abamelwane Abalungileyo Baluncedo
“Ulunge ngakumbi ummelwane okufuphi kunomzalwana okude.”—IMizekeliso 27:10.
NGENKULUNGWANE yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo omnye umntu wabuza uYesu wathi: “Ngubani ngokwenene ummelwane wam?” Ekuphenduleni uYesu wamxelela, kungekhona ngalowo ungummelwane wakhe, kodwa ngoko kumenza abe ngummelwane wokwenene. Kusenokwenzeka ukuba uqhelene nalo mzekeliso kaYesu. Abaninzi bawazi njengebali lomSamariya olungileyo yaye libhalwe kwincwadi yeVangeli kaLuka. UYesu wabalisa wenjenje:
“Umntu othile wayesihla evela eYerusalem esiya eYeriko waza wagaxeleka kubaphangi, abathi bamhluba baza bambetha, bemka, bemshiya esecicini lokufa. Ke kaloku, kwakukho mbingeleli uthile owayesihla ngaloo ndlela, kodwa, akumbona, wacezela phaya. Kwangokunjalo, nomLevi, akufika kuloo ndawo waza wambona, wacezela phaya. Kodwa umSamariya othile owayehamba kuloo ndlela waya kuye, waza akumbona, waba nosizi. Wafika wawabopha amanxeba akhe, ewagalela ioli newayini. Wandula ke wamkhwelisa eqegwini lakhe wamsa kwindlu yabahambi, wamonga. Yaye ngengomso wakhupha iidenariyo ezimbini, wazinika umgcini-ndlu yabahambi, waza wathi, ‘Uze umonge, nento othe wadleka yona ngaphezu koku, ndoyihlawula ekubuyeni kwam.’ Ngubani kwaba bathathu obonakala kuwe engummelwane waloo mntu wagaxeleka kubaphangi?”—Luka 10:29-36.
Kuyacaca ukuba loo mntu wayifumana ingongoma. Ngaphandle kokuthandabuza wamchaza ngokuchanileyo lowo wayengummelwane waloo ndoda yayenzakele, esithi: “Ngulowo wamenzela inceba.” Ngoko uYesu wathi kuye: “Hamba uye kwenjenjalo nawe.” (Luka 10:37) Onjani wona ukuba namandla umzekeliso ngoko kuthethwa kukuba ngummelwane wokwenene! Eli bali likaYesu linokusishukumisela ukuba sizibuze oku: ‘Ndingummelwane onjani? Ngaba imvelaphi yobuhlanga okanye yobuzwe bam yiyo ephembelela indlela endikhetha ngayo abamelwane bam? Ngaba ezo zinto zindenza ndingancedi nje nokuba ngubani na endimbona esengxakini? Ngaba ndenza konke okusemandleni ukuze ndibe ngummelwane olungileyo?’
Ufanele Uqale Phi?
Ukuba sifuna ukuphucula kule nkalo, simele siqale ngokuguqula isimo sethu sengqondo. Sifanele sizabalazele ukuba ngabamelwane abalungileyo. Oku kunokuba negalelo ekufumaneni abamelwane abalungileyo. Malunga namawaka amabini eminyaka eyadlulayo, uYesu wawubethelela loo mgaqo ubalulekileyo wobuntu kwiNtshumayelo yakhe edumileyo yaseNtabeni. Wathi: “Zonke izinto, ngoko, enifuna abantu bazenze kuni, yenzani ngokunjalo nani kubo.” (Mateyu 7:12) Ukubaphatha ngembeko, ngesidima nangobubele abanye kubakhuthaza ukuba nabo bakuphathe ngendlela efanayo.
Kwinqaku elithi “Ukuthanda Ummelwane Wakho,” elikwiphephancwadi iThe Nation Since 1865, umbhali uLise Funderburg wakhankanya izinto ezilula ezinokwenziwa ukuze kwakhiwe ubuhlobo nabamelwane. Wabhala wathi: “Ndifuna . . . abamelwane bamanyane ngokwenzelana izinto ezincinane zobubele—baphathelane amaphephandaba, bagcinelane abantwana, bayelane nasevenkileni. Le yindlela endifuna baphathane ngayo kweli hlabathi lingamanyenanga, apho abantu baziva benganqabisekanga ngenxa yoloyiko nolwaphulo-mthetho.” Wongezelela athi: “Kukho indawo ofanele uqale kuyo. Usenokuqala kummelwane wakho.”
Kwakhona iphephancwadi iCanadian Geographic lachaza enye inkalo enokunceda abamelwane babe nesimo sengqondo esihle kwabanye. Umbhali uMarni Jackson wathi: “Njengentsapho, abamelwane ngabantu ophila nabo ongenakusoloko ukwazi ukuzikhethela. Ulwalamano kunye nabo lufuna ubuchule, intlonelo ethile nokunyamezelana.”
Abamelwane Abalungileyo—Bakulungele Ukupha
Yinyaniso ukuba, abaninzi kuthi banokuba madolw’ anzima ukuya kubamelwane. Kusenokubonakala kulula ukuphepha ukunxulumana nabo. Noko ke, iBhayibhile ithi “Kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.” (IZenzo 20:35) Ngoko ke, ummelwane olungileyo uzabalazela ukuqhelana nabantu abamngqongileyo. Ngoxa kungenakude kufuneke azisondeze gqitha, usenokuthetha amazwi ambalwa obuhlobo, mhlawumbi aqale ngokuncuma okanye ngokubulisa.
Njengoko kukhankanyiwe ngasentla, “izinto ezincinane zobubele” abenzelana zona abamelwane, zezona zibalulekileyo ekwakheni nasekulondolozeni ubuhlobo. Ngoko kubalulekile ukucinga ngeendlela zokubonisa ububele kummelwane, kuba oku kuya kukhulisa intsebenziswano entle nentlonelo. Ngaphezu koko, ngokwenjenjalo, siya kuba sithobela isiluleko seBhayibhile esithi: “Musa ukwala nokulungileyo kwabo kuselungelweni labo ukukufumana, xa kusemandleni esandla sakho ukukwenza.”—IMizekeliso 3:27; Yakobi 2:14-17.
Abamelwane Abalungileyo—Bakwamkela Ngoxabiso Oko Bakufumanayo
Bekuya kuba kuhle ukuba wonke umntu ebelwamkela ngoxabiso uncedo nezipho azifumanayo. Ngelishwa, oku akusoloko kunjalo. Izenzo ezininzi zoncedo nezipho ezisuka entliziyweni ziye azamkelwa ngoxabiso ngokokude abo bazenzayo bathi, ‘Ndigqibelisile ukwenza oko!’ Maxa wambi, phezu kwayo yonke imigudu yakho yokubabulisa ngobuhlobo abamelwane bakho basenokunqwala nje bengabonisi mdla.
Ukanti, kwiimeko ezininzi lowo uncedwayo asikuko nokuba akanambulelo ngokwenene, nakuba esenokubonakala enjalo. Kusenokwenzeka ukuba yimvelaphi yakhe emenza abe mathidala okanye abe neentloni, nto leyo emenza abe ngathi akanabubele. Kwelinye icala, kweli hlabathi lizaliswe kukungabi nambulelo, abanye abantu basenokumangaliswa bububele bakho, okanye basenokude bakukrokrele. Basenokufuna ukuqala baqiniseke ngawe. Ngoko ke, ukwakha ubuhlobo kusenokufuna ixesha nomonde. Noko ke, xa abamelwane bezabalazela ukunikela uncedo baze abanye balwamkele ngoxabiso, oko kuya kuba negalelo ekwakheni uxolo nolonwabo ekuhlaleni.
Xa Kusehla Intlekele
Ummelwane olungileyo uba luncedo gqitha xa kusehla intlekele. Kumaxesha obunzima, kulapho babonakala kakuhle khona abamelwane bokwenene. Kukho iingxelo ezininzi zoncedo olunikelwa ngabamelwane kumaxesha anjalo. Xa besehlelwa yintlekele bonke abamelwane, oko kubenza basebenzisane baze bazibhokoxe bencedana. Nkqu nabo baneembono ezahlukeneyo badla ngokusebenza kunye.
Ngokomzekelo, iThe New York Times yanikela ingxelo yokuba xa inyikima enkulu yantlitha iTurkey ngowe-1999, abamelwane ababeziintshaba bamanyana. Kwiphephandaba laseAthens, umbhali wemihlathi ongumGrike uAnna Stergiou wathi: “Siye safundiswa ukubathiya abantu baseTurkey kangangeminyaka. Kodwa intlungu yabo engathethekiyo zange isivuyise. Sasibuhlungu gqitha, sikhala ngokungathi obo butshaba babukho kangangexesha elide buphelile xa sasibona ezo ntsana zifileyo.” Xa elo phulo lokuhlangula layekiswa ngokusemthethweni, abahlanguli abangamaGrike abazange bavume ukuyeka ukukhangela abo basaphilayo.
Ukubandakanyeka kumsebenzi wohlangulo emva kwentlekele ngokuqinisekileyo kusisenzo esihle nesobugorha sabamelwane. Sekunjalo, ukusindisa ubomi bommelwane ngokumlumkisa kusengaphambili ngentlekele ngokuqinisekileyo kunokugqalwa njengesona senzo sibaluleke ngakumbi sabamelwane. Okubuhlungu kukuba, imbali ibonisa ukuba abo balumkisa abamelwane ngentlekele ezayo basoloko bengakhathalelwa, kuba ngexesha abenza eso silumkiso ngalo, sukube loo ntlekele izayo ingekaqondwa ncam. Abo balumkisayo badla ngokungahoywa. Kufuneka ukuzingisa nokuzincama okukhulu kuye nabani na ozama ukunceda abantu abangayiqondiyo ingozi abakuyo.
Esona Senzo Sikhulu Sommelwane
Namhlanje, kukho eyona nto inkulu ngakumbi kunentlekele yemvelo eza kwehlela uluntu. Sisiganeko esaxelwa kwangaphambili sikaThixo uSomandla esiya kuphelisa ulwaphulo-mthetho, ubungendawo nezinye iingxaki emhlabeni. (ISityhilelo 16:16; 21:3, 4) Esi siganeko sikhulu asiyonto nje ethelekelelwayo kodwa siza kwenzeka ngokuqinisekileyo! AmaNgqina kaYehova azimisele ukwabelana nabantu abaninzi kangangoko kunokwenzeka ngolwazi olufunekayo ukuze basinde kwesi siganeko sisemnyango sehlabathi lonke. Kungenxa yoko le nto ezibhokoxa kangaka kumsebenzi wawo wokushumayela owaziwa ehlabathini lonke. (Mateyu 24:14) Oku akwenza ngokuzithandela, kuba ethanda uThixo nommelwane.
Ngoko ke, musa ukuvumela umkhethe okanye ukukruquka kukuthintele ekuphulaphuleni amaNgqina xa eze ekhayeni lakho okanye edibana nawe kwenye indawo. Azama ukuba ngabamelwane abalungileyo. Ngoko ke samkele isicelo sawo sokufundisisa iBhayibhile kunye nawe. Aya kukufundisa indlela iLizwi likaThixo elisiqinisekisa ngayo ngokuhlalisana ngolonwabo kwabamelwane kwikamva elingekude. Ngelo xesha, alusayi kubakho ucalucalulo lobuhlanga nolonqulo oluya konakalisa ulwalamano oluhle esilunqwenela ngokwenene.
[Imifanekiso ekwiphepha 6, 7]
Kubalulekile ukubonisa ububele kubamelwane bakho
[Inkcazelo]
Globe: Mountain High Maps® Copyright © 1997 Digital Wisdom, Inc.