IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 3/02 iphe. 5-8
  • Masakhe Size Sinyamekele IiHolo ZoBukumkani Zethu

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Masakhe Size Sinyamekele IiHolo ZoBukumkani Zethu
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2002
  • Imixholwana
  • Ngaba Nifuna IHolo YoBukumkani?
  • Kufuneka Amatsha-ntliziyo Angakumbi
  • Ukunyamekela Indawo Yethu Yokunqula Ngokufanelekileyo
  • Umsebenzi Osengaphambili
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2002
km 3/02 iphe. 5-8

Masakhe Size Sinyamekele IiHolo ZoBukumkani Zethu

1 Hayi indlela esivuyiswa ngayo kukwazi ukuba kukho iiHolo zoBukumkani ezingama-600 eziphakamisa unqulo olunyulu kwiindawo ezikwiAfrika esemazantsi. Ezi zakhiwo, zihle, ziluncedo yaye zindilisekile. Abazalwana bethu bahlanganisana kwezi ndawo zintle zonqulo ngovuyo apho ukukhuthazana kuyinto ephambili.—Heb. 10:24, 25.

2 Nyakenye kuye kwanikezelwa iiholo ezintsha ezingama-60 kulungiselelwa abavakalisi abangama-3 539 nabanye abaninzi abanomdla. Sibothulel’ umnqwazi bonke abo baye baqhutywa ziintliziyo baxhasa lo mgudu ubalaseleyo ngeendlela ezahlukeneyo. Noko ke, kusekho amabandla angaphezu kwama-300 anabavakalisi abangama-19 472 asafuna indawo efanelekileyo yokunqula. Ngoko, ukuze kukhawuleziswe le nkqubo yokwakha kuye kwamiselwa usukelo lokwakha iiholo ezili-100 ezintsha kulo nyaka wenkonzo. Lubonakala lunokufikelelwa olu sukelo xa sicinga ukuba ngoku kukho ezingama-84 ezakhiwayo namabandla ali-104 angakumbi afumene iziza. Ekubeni inkoliso yamabandla asezixekweni kule ntsimi yethu inazo iiHolo zoBukumkani, ngoku sinikela ingqalelo kwiidolophu ezincinane nasezilalini.

3 Sihlandlo ngasinye kusakhiwa iHolo yoBukumkani kubakho ubungqina obuhle obunikelwayo ekuhlaleni. Abantu baseBotswana baba nomdla omkhulu gqitha xa kwakhiwa ngesiquphe iholo kwisixeko esilikomkhulu salapho. Ngaloo mpela-veki amaNgqina ommandla waseRhawutini aya apho, ngokuzithandela anikela ngobugcisa nezixhobo zawo. Iphepha-ndaba lalapho iBotswana Guardian labhengeza lathi: “Makubekho Iholo.” Omnye umsasazi kanomathotholo wabuza imibuzo ephathelele umthetho mayela naloo msebenzi wokwakha, nto leyo eyavusa umdla ngakumbi ebantwini. Kodwa abasemagunyeni babesele bevumile ukuba kuqhutyekwe naloo msebenzi yaye abantu baseGaborone baqhubeka benomdla kuloo msebenzi kwezo ntsuku zintathu zilandelayo. Emva kwaloo mpela-veki iphephandaba iThe Midweek Sun lanikela ingxelo yokuba iholo amaNgqina “ebethembise ukuba iya kugqitywa ibe sele ilungele ukusetyenziswa, ngokwenene iye yagqitywa.”

Ngaba Nifuna IHolo YoBukumkani?

4 Abadala basekuhlaleni bafanele bawuxubushe lo mbandela nomveleli wesiphaluka. Umveleli wesiphaluka usenokufuna ukuphinda aphonononge iingongoma ezilishumi ezikwiphepha 6 lesihlomelo soBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaMatshi 1994, aze achaze oko akubonayo ngokuphathelele iimfuno namandla ebandla okwenza oko. Kwakhona uya kunikela idilesi nenombolo yomnxeba kasihlalo wekomiti yenqila. IiKomiti Zokwakha Zenqila ezingama-23 zinemigaqo ecacileyo evela kwiofisi yesebe yaye ngenxa yamava amaninzi nolwalathiso lwazo zinceda amabandla aphephe imigibe xa ethenga iziza naxa eceba ukwakha. Xa ibandla ligqiba ekubeni lakhe iHolo yoBukumkani yalo bekuya kufaneleka ukuba limisele ikomiti yasekuhlaleni.

5 Ukufumana isiza seHolo yoBukumkani esibhaliswe ngokusemthethweni kufuna ingqalelo engxamisekileyo nezingisileyo ukuba sifuna lukhawuleze ulwakhiwo lweeHolo zoBukumkani. Qinisekisani ukuba nifumana amaxwebhu afanelekileyo xa ninikwa isiza. Sifanele sibhaliswe ngebandla, ngokomzekelo, Sebokeng Congregation of Jehovah’s Witnesses. Ncedani nikhumbule ukuba amabandla afanele aqhagamshelane neKomiti Yokwakha Yenqila kuselithuba ngaphambi kokufumana nawuphi na umhlaba. Oku kubalulekile ekubeni indawo yesiza ekhethwayo inokuba negalelo elikhulu kwixabiso leHolo yoBukumkani. (IMize. 15:22) Ikomiti yenqila inokunceda ibandla lenze izigqibo ezilungeleleneyo ngokuphathelele iplani yeholo. Ncedani ningazobi iplani ngaphandle kokuba niqhagamshelane neKomiti Yokwakha Yenqila kuqala. Oku kuya kuthintela iindleko neempazamo ezinkulu zokuzoba iplani kuloo msebenzi. Iofisi yesebe ilungiselele incwadana eneeplani zeholo ezisemgangathweni abanokukhetha kuzo abadala. Kwakhona kufuneka ibe yiofisi yesebe ekhupha imvume yokwakhiwa kwendawo yomntu oza kuhlala apho ukuba kukho imfuneko yokwenene yoko.

6 Xa kuza kuqaliswa ukwakhiwa iHolo yoBukumkani, ibandla okanye amabandla abandakanyekileyo afanele ayixutyubushe ngokunyanisekileyo imfuneko yasekuhlaleni yokuxhasa ngemali. (Bona iMemorandum T-36, Information Regarding Ownership of Kingdom Halls, kaJanuwari 1, 2001.) Abadala bafanele bahlolisise ekuhlaleni ukuze babone (1) ubungakanani bemali yeminikelo eya kufumaneka ekuqaleni ukuze incede ekuthengeni umhlaba nakwiindleko zokwakha, (2) nobungakanani bemali yeminikelo eya kufumaneka ngenyanga ukuze kuhlawulwe nayiphi na imali-mboleko ethatyathwe kwiofisi yesebe yaye kugutyungelwe neendleko zebandla. Amanye amabandla asele enezawo iiHolo zoBukumkani aye azinikela ukuze ancede amabandla asakhulayo kumsebenzi wokwakha iiHolo zoBukumkani zawo. Oku akwenza ngaphandle kokucelwa. Loo mabandla athabatha imali-mboleko encinane kwiofisi yesebe ukuze axhase loo msebenzi mtsha. Onjani wona ukuba mhle umoya obangelwa koku phakathi kwabantu bakaThixo.

7 Ekubeni ukwakhiwa kweHolo yoBukumkani kubandakanya ukuchithwa kwemali eninzi, iKomiti Yokwakha Yenqila nabadala basekuhlaleni bafanele baqinisekise ukuba imali isetyenziswa ngendlela efanelekileyo. Kufanele kugcinwe iingxelo zemali ezichanileyo, kuze kunikelwe ingxelo ecacileyo ebandleni nyanga nganye. Umveleli owongamelayo ufanele aqinisekise ukuba ingxowa-mali yokwakha nayo yonke enye imali ephathelele yona ibalwa rhoqo emva kweenyanga ezintathu kanye kwezo nyanga kubalwa ngazo imali yebandla. Ibandla lifanele likhuphe imvume yokuqhubeka naloo msebenzi emva kokuba licaciselwe kakuhle ngeenkcukacha nexabiso eliqikelelwayo. (Bona UBulungiseleli Bethu BoBukumkani buka-Agasti 1984 iphepha 2.) Amanye amabandla aye acele iKomiti Yokwakha Yenqila ukuba iyinyamekele ngokwayo ingxowa-mali yawo xa kusiba luncedo oko. Xa kugqitywa loo msebenzi, ifanele ibalwe ngokucacileyo yonke imali echithiweyo. Kufanele kubalwe kuze kugcinwe iingxelo kwiifayile zebandla yaye kuthunyelwe umbhalo woShwankathelo Lwemali kwiofisi yesebe.—Fil. 4:5.

8 Elinye ibandla elincinane emaphandleni layigqiba iholo yalo phezu kwayo nje inkcaso yomfundisi ophambili walapho. Emva kwamalinge amaninzi okufumana isiza kwayiwa kwinkundla kamantyi, yaye elo bandla lasinikwa. Ngoku ingxaki yaba yimali yokwakha, ngoko abazalwana bagqiba ekubeni bathengise iihagu. Loo mali yafakwa kwimali yeHolo yoBukumkani, ngoko bakwazi ukuqalisa ukwakha. Xa yaphelayo loo mali abazalwana bathengisa inkabi yenkomo nehashe. Kamva kwathengiswa iigusha ezilishumi, emva koko yayinkabi yenkomo, nezinye iigusha ezintlanu. Omnye udade wathembisa ngokuthenga yonke ipeyinti yaloo holo, omnye ikhaphethi, ukanti omnye iikhethini. Ekugqibeleni kwathengiswa enye inkabi yenkomo neegusha ezintlanu kwathengwa izitulo. Umveleli wesiphaluka unikela ingxelo yokuba aba bazalwana baneqhayiya gqitha ngaloo holo yabo. Yagqitywa ngenxa yentsikelelo kaYehova eyabangelwa ngumoya wabo ovumayo wokunikela.

Kufuneka Amatsha-ntliziyo Angakumbi

9 IiKomiti Zokwakha Zenqila zinikela ingxelo yokuba kufuneka amatsha-ntliziyo angakumbi. Le yinkonzo efunekayo ukuze kuxhaswe izilangazelelo zoBukumkani ibe abaveleli besiphaluka banikela ingqalelo ekhethekileyo kulo mbandela. (1 Kor. 15:58) Ukuba unqwenela ukuba litsha-ntliziyo ukuze uncedise ekwakhiweni kweeHolo zoBukumkani kummandla wakho, yaye usisicaka solungiselelo okanye umdala, okanye umKristu ongumzekelo onobugcisa obuthile, unokucela iifomu ezimbini (iS-82) kunobhala wakho. Ezo fomu zizalisiweyo zifanele zinikwe abadala, abaya kwenza awabo amagqabaza baze bazidlulisele kwiKomiti Yokwakha Yenqila. Ukuba iimeko zakho ziyavuma yaye uyafaneleka ukuba litsha-ntliziyo, uya kufumana iintsikelelo ezingathethekiyo njengoko ubona uvuyo lwabazalwana noodade wethu xa kugqitywe umsebenzi wokwakhiwa kweHolo yoBukumkani yabo.

Ukunyamekela Indawo Yethu Yokunqula Ngokufanelekileyo

10 Akuthandabuzeki ukuba uyawakhumbula amazwi ompostile uPawulos athi: “UThixo unguThixo, kungekhona owesidubedube, kodwa owoxolo” yaye, “Zonke izinto mazenzeke ngokundilisekileyo nangolungelelwano.” (1 Kor. 14:33, 40) Ngenxa yoko kufanele kunyanyekelwe iiHolo zoBukumkani zethu ukuze zibukeke yaye zibe nesidima. Ngenzondelelo abadala nezicaka zolungiselelo bafanele bamisele umzekelo ekuboniseni intlonelo ngeHolo yoBukumkani. Kudla ngokubakho abadala ababini nabathathu, okanye izicaka zolungiselelo, ababelwa ukujongana nemibandela yokunyanyekelwa kweHolo yoBukumkani. Apho kukho amabandla angaphezu kwelinye asebenzisa loo holo, kubakho ikomiti yabadala ebambisana ukuze yongamele loo mibandela, kodwa wonk’ ubani ufanele abonakalise umdla wokwenene kuloo holo. Bayaqonda ukuba loo Holo yoBukumkani inikelwe kuYehova.

11 Abadala abafanele balibazise xa kukho izinto ezifuna ukulungiswa. (2 Kron. 24:5, 13; 29:3; 34:8) Nyaka ngamnye kuye kuhlolisiswe imeko yeHolo yoBukumkani nganye ukuze kunyanyekelwe ngokukhawuleza ezo zinto zifuna ukulungiswa. Ukuba izinto ezonakeleyo zilungiswa rhoqo zize zihlawulelwe, amabandla angakwazi ukuphepha iindleko ezinkulu zokuhlaziya iholo, ngaloo ndlela enciphisa imfuneko yokwenziwa kwemali-mboleko. Ngoko, ibandla limele lisoloko likhuthazwa ukuba liqinisekise ukuba kukho imali eyaneleyo yokunyamekela indawo yalo yokunqula. Izinto ezinjengamanzi nombane zifanele zihlawulwe ngokukhawuleza. Amanye amabandla aye akazihlawula ezo zinto, nto leyo ebeka ibala elibi kubantu bakaYehova. Kwakhona iqumrhu labadala lifanele liqinisekise ukuba iminikelo yalo idluliselwa rhoqo ngonyaka kwiLungiselelo Lokunceda IHolo YoBukumkani. Kubalulekile ukuba onke amabandla alixhase eli lungiselelo.

12 Holo yoBukumkani nganye ifanele ibe nendawo yokugcina izinto zayo, izixhobo zokusebenza, nezinto zokucoca egcinwa icocekile yaye ifanelekile. Abo basebenza kuncwadi nakumaphephancwadi bafanele baqinisekise ukuba iibhokisi zekhadibhodi ezingenanto neeplastiki aziyingcolisi iholo. (Heb. 13:7) Kwizigidi zamaNgqina kaYehova, akukho ndawo ibaluleke kakhulu njengendawo anqulela kuyo rhoqo, iHolo yoBukumkani. Ayakuxabisa ukuba neHolo yoBukumkani yaye abonisa umoya wenkuthalo ukuze ayinyamekele. (Bona isihlomelo SoBulungiseleli Bethu BoBukumkani sikaMeyi 2000.)

Umsebenzi Osengaphambili

13 Ewe, sonke sinesizathu sokuvuya njengoko siphumeza iimfuno zokuvuna. Hayi indlela esivuya ngayo ngokuba namadoda amiselweyo akhokelayo kwimibandela yokomoya nokwakhiwa kwezakhiwo ezifunekayo! Sifanele sibe nomoya wentsebenziswano—sisebenze kunye size sixhase ngokupheleleyo lo msebenzi ufunekayo. (INdu. 133:1) UPawulos wabongoza abaseFilipi, esithi: “Luzaliseni uvuyo lwam ngokuthi nibe nengqondo efanayo yaye nibe nothando olufanayo.”—Fil. 2:2.

14 INgxowa-mali YeeHolo ZoBukumkani yesebe iyaqhubeka isisixhobo esilungiselela imali-mboleko yokwakha iiholo ezintsha. Amabandla amaninzi nabantu abathile basoloko bethumela iminikelo yabo kule ngxowa-mali ibe uthando nesisa senu zixatyiswa gqitha. Kwakhona, amabandla amaninzi ayihlawula ngendlela encomekayo imali-mboleko yawo yeHolo yoBukumkani rhoqo ngenyanga, nto leyo ebonakalisa umbulelo wawo ngokufumana olu ncedo. Ngokwenjenjalo omeleza le ngxowa-mali ijikelezayo, ethi incede amanye amabandla amaninzi asafuna indawo yokunqula.

15 Enoba sinyamekela iholo yethu, sinikela ngemali ekwakhiweni kweeHolo zoBukumkani ezintsha, okanye sikhonza njengamatsha-ntliziyo okwakha, sima ngokuqinileyo kwicala loBukumkani yaye sisebenzela ngokunyaniseka izilangazelelo zabo. Hayi indlela elizuke ngayo ilungelo esinalo lokusebenza ngaxhatha linye size ngovuyo sibe nesabelo noYesu Kristu emsebenzini kaYehova!

[Umfanekiso okwiphepha 5]

EyaseRathanda, eGauteng

[Imifanekiso ekwiphepha 6, 7]

EyaseMorija, eLesotho

EyaseOtjiwarongo (ngaphakathi ngasentla), eNamibia

EyaseGrange Westgate, Kwazulu-Natal

EyaseGaborone North (ngaphandle ngasentla), eBotswana

EyaseNtabamhlophe (ngaphandle ngezantsi), eSwaziland

EyaseNseleni, Kwazulu-Natal

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share