Iindaba Zobuthixo
◼ Kwakhona amabandla amabini aye awakwazi ukuzibamba luvuyo xa bekunikezelwa iiHolo zoBukumkani zawo. Ibilibandla laseSilverton (ePitoli) ngo-Oktobha 11, 2003, nelaseMetz (ePolokwane) ngoJanuwari 17, 2004.
IiNdibano Zezizwe Ngezizwe ezine “Zokuzukisa UThixo” ebezibanjwe ngoDisemba 4-7, 2003, bezisemagqabini. Baye badomboza bebulela abazalwana ngocwangciso olwakhayo nangokunxulumana neendwendwe ebezivela emazweni amaninzi, nokuzibhokoxa kwawo onke amatshantliziyo abe negalelo ekuqhubekeni kakuhle kweendibano. Isimbuku sabebekho bebengama-95 583 kwaze kwabhaptizwa abangama-1 234.