Izinto Ezimele Zikhunjulwe Xa Kulungiselelwa ISikhumbuzo
ISikhumbuzo salo nyaka siza kuba ngoLwesine, Matshi 24. Abadala bafanele bakhumbule ezi zinto zilandelayo:
◼ Xa nikhetha ixesha lale ntlanganiso, qinisekani ukuba imifuziselo ayihanjiswa de kube sekutshoneni kwelanga.
◼ Wonke umntu, kuquka isithethi, sifanele saziswe ngexesha nendawo esiza kuqhutyelwa kuyo isikhumbuzo.
◼ Kufanele kulungiswe isonka kuze kufunwe iwayini efanelekileyo.—Bona IMboniselo kaFebruwari 15, 2003, iphepha 14-15.
◼ Iipleyiti, iiglasi, itafile nelaphu letafile zifanele zibe kwiHolo yoBukumkani kwangethuba.
◼ IHolo yoBukumkani okanye ezinye iindawo ekuqhutyelwa kuzo iintlanganiso zifanele zicocwe kwangethuba.
◼ Abalindi nabo baza kuhambisa imifuziselo bafanele bakhethwe baze bachazelwe kusengaphambili ngemisebenzi yabo, nangendlela abaza kuyenza ngayo nokuba bazilungise ngendlela endilisekileyo.
◼ Kufanele kwenziwe amalungiselelo okusa imifuziselo kuye nawuphi na umthanjiswa ongaphilanga nongayi kukwazi ukubakho.
◼ Ukuba iHolo yoBukumkani iza kusetyenziswa ngamabandla aliqela, loo mabandla afanele asebenzisane ukuze kuphetshwe ukuxinana ezipasejini okanye kwiminyango yokungena, kwindledlana zokuhamba, nakwiindawo zokupaka iimoto.