Ixesha LeSikhumbuzo—Isihlandlo Sokwandiswa Komsebenzi
1. ‘Imithendeleko yamaxesha amisiweyo’ yaba nayiphi imiphumo kumaSirayeli awayesoyika uThixo?
1 Ngamaxesha athile enyakeni, uSirayeli wamandulo wayebhiyozela “imithendeleko kaYehova yamaxesha amisiweyo.” (Lev. 23:2) Ukuzinika ixesha becamngca ngezinto ezilungileyo abazenzelwe nguThixo kwababangela uvuyo olukhulu kwaza kwabenza bazondelela unqulo olunyulu.—2 Kron. 30:21–31:2.
2, 3. Kutheni kufanelekile ukuba sandise umsebenzi wethu wokomoya ngexesha leSikhumbuzo, yaye siya kuba nini?
2 Kula maxesha, nyaka ngamnye ngexesha leSikhumbuzo umsebenzi wobuthixo esiwenza sivuyile uyanda. Eli lixesha laxa sicamngca nzulu ngesipho esinexabiso elingenakulinganiswa nanto esisinikwe nguYehova—uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo. (Yoh. 3:16; 1 Pet. 1:18, 19) Njengoko sicamngca ngothando lukaThixo noNyana wakhe, siziva sinyanzelekile ukuba sidumise uYehova size sizibhokoxe ekwenzeni ukuthanda kwakhe.—2 Kor. 5:14, 15.
3 Kulo nyaka iSidlo SeNkosi Sangokuhlwa siya kuba ngoLwesine, Matshi 24, emva kokutshona kwelanga. Sinokusandisa njani isabelo sethu kubulungiseleli ngenyanga kaMatshi, eka-Aprili nekaMeyi?
4, 5. (a) Yintoni eye yanceda abaninzi bakwazi ukufikelela abantu abangakumbi ngeendaba ezilungileyo? (b) Yiyiphi indlela oyifumanise iphumelela ekuhlaleni?
4 Ukufikelela Abantu Abangakumbi: Khangela iindlela zokufikelela abantu abaninzi kangangoko unako xa usentsimini. Ngaba unokwenza ucwangciso lokuba kumsebenzi wendlu ngendlu xa abantu abaninzi bekho emakhaya, ngenjikalanga okanye ngorhatya? Ukuba kukho abathile kwiqela lesifundo sencwadi okuso abafuna ukuya entsimini ngaphambi kokuba kuqalise isifundo sencwadi, mhlawumbi umveleli wesifundo sencwadi unokulungiselela ukwenza intlanganiso yenkonzo emfutshane kuze kusetyenzwe kwintsimi ekufutshane.
5 Enye indlela yokufikelela abantu abaninzi kukushumayela kwiindawo zikawonke-wonke. Omnye udade waseJapan wayefuna ukuba nguvulindlela ongumncedani ngoxa wayesebenza ixesha elizeleyo. Umdala wamcebisa ukuba anikele ubungqina esitratweni suku ngalunye phambi kokuba aye emsebenzini wengqesho, oku wayesenokukwenza kufuphi nesikhululo sikaloliwe. Emva kokuba oyise ukuba neentloni kwanogculelo lwabo wayekhwela nabo rhoqo xa esiya emsebenzini, wenzela abantu abamalunga nama-40 umzila wamaphephancwadi, kuquka abo wayekhwela nabo, abasebenza esikhululweni sikaloliwe, nabanikazi beevenkile ezikufutshane. Wahambisa umlinganiselo wamaphephancwadi angama-235 ngenyanga. Ngokuthetha nabantu ngeZibhalo ixeshana nje elincinane ngosuku, waqalisa izifundo zeBhayibhile.
6. Ulutsha lunokuwandisa njani umsebenzi walo wokomoya?
6 Amathuba Okushumayela: Ebudeni bonyaka abavakalisi abaninzi abahamba isikolo baba kwiiholide. Eli isenokuba lixesha elihle lokuba babe ngoovulindlela abangabancedani. Ukongezelela, ulutsha olungamaKristu lunokwandisa umsebenzi walo ngokushumayela esikolweni. Inokunimangalisa indlela ulutsha enifunda nalo olunokuba nomdla ngayo kwiinkolelo zenu. Kutheni ningaxhakamfuli amathuba okushumayela xa kuxutyushwa ngento ethile eklasini okanye xa kusenziwa isincoko? Abanye baye bakwenza oku ngokusebenzisa iividiyo zethu. Abanye baye baqalisa izifundo zeBhayibhile nabantwana abafunda nabo eklasini ukusa kwinqanaba lokuba bazahlulele baze babhaptizwe. Ezi ziindlela ezisemagqabini ‘zokudumisa igama likaYehova.’—INdu. 148:12, 13.
7. (a) Omnye umzalwana walisebenzisa njani ithuba awayelifumana lokushumayela kwabanye? (b) Ngaba ukhe wawafumana amava anjengala?
7 Kumsebenzi wakho wemihla ngemihla, zama iindlela zokuthetha nabantu ngoThixo wethu omangalisayo nezithembiso zakhe ezibangel’ umdla. Omnye umzalwana owayesoloko ekhwela nabantu abanye kuloliwe yonke imihla wayeshumayela kwabo bantu nanini na iimeko zivuma. Ngokomzekelo, xa elinde omnye uloliwe aza kukhwela kuye kwisikhululo esilandelayo, kukho umfana awayemshumayeza suku ngalunye malunga nemizuzu emihlanu. Ngenxa yoko, lo mfana kunye nogxa wakhe basamkela isifundo seBhayibhile. Wayebaqhubela isifundo seBhayibhile kuloliwe xa behamba. Emva kwethuba elithile bekwenza oku, elinye ixhogokazi elalisoloko liyiphulaphula le ncoko lacela ukuba lo mzalwana aliqhubele isifundo seBhayibhile. Nalo liqhutyelwa isifundo ngeentsuku elikhwela ngazo kuloliwe. Ngoko lo mzalwana wayeqhuba izifundo ezilishumi kuloo loliwe.
8. Yiyiphi indlela yokushumayela enokusetyenziswa ngabo bangakwaziyo ukwandisa inkonzo yabo ngendlela abebethanda ngayo ngenxa yeminyaka okanye iingxaki zempilo?
8 Kuthekani ukuba akukwazi ukushumayela ngendlela obungathanda ngayo ngenxa yeminyaka okanye iingxaki zempilo? Zikho ezinye iindlela onokumdumisa ngokongezelelekileyo ngazo uYehova. Ngaba ukhe wazama ukushumayela ngefowuni? Ukuba akuqinisekanga ngendlela onokukwenza ngayo oku, xelela umveleli wesifundo sencwadi okuso. Usenokucela abavakalisi abashumayela ngefowuni ukuba basebenze nawe. Xa nisebenza kunye, omnye unokufunda komnye nize nincedane ukuze nishumayele ngendlela ephumelelayo. Amacebiso aphumelelayo okushumayela ngefowuni akuBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaFebruwari 2001, iphepha 5-6.
9. Sinokubanceda njani abafundi beBhayibhile bakufanelekele ukuya entsimini nebandla?
9 Ukubakho kwiSikhumbuzo kunokukhuthaza abantu abatsha ukuba bandise indlela abamdumisa ngayo uYehova. Unokubanceda baphelise ukoyika ukushumayela ngokubabalisela amava akhuthazayo asentsimini nangokuqhubeka ubaqeqeshela ukuba bakwazi ukucacisa iimfundiso zeBhayibhile nokuze bathethelele ukholo lwabo. (1 Pet. 3:15) Ukuba isifundo seBhayibhile sikuxelela ukuba sifuna ukuqalisa ukuvakalisa iindaba ezilungileyo, thetha nomveleli owongamelayo. Uya kulungiselela ukuba kudityanwe naso ukuze kubonwe enoba siyakufanelekela kusini na ukuya entsimini nebandla. Hayi indlela okumele ukuba kuyivuyisa ngayo intliziyo kaYehova ukubona abantu abatsha bexhasa ulongamo lwakhe lwendalo iphela!—IMize. 27:11.
10. (a) Ucwangciso olwenziwe kakuhle lunokusinceda njani sikwazi ukuba ngoovulindlela abangabancedani? (b) Ngaba uye wakwazi ukuba nguvulindlela ongumncedani ngexesha leSikhumbuzo kulo nyaka uphelileyo? Wenze njani?
10 Ngaba Unokuba Nguvulindlela Ongumncedani? Isisikelo sovulindlela ongumncedani seeyure ezingama-50 asifanele sijongwe njengesingenamsebenzi. (Mat. 5:37) Oku kuthetha ukuba veki nganye kuya kufuneka usebenze iiyure ezili-12 entsimini. Ngaba umzekelo okwiphepha 5 wendlela anokusebenza ngayo uvulindlela ongumncedani ukulungele? Ukuba awukulungelanga, ngaba unokuzenzela ucwangciso oluza kukuvumela ukuba ube nguvulindlela ongumncedani ngoMatshi, ngoAprili, okanye ngoMeyi? Mcele uYehova akuxhase kwimigudu oyenzayo yokwandisa inkonzo.—IMize. 16:3.
11. Abadala nezicaka zolungiselelo zinokubaxhasa njani abo baza kuba ngoovulindlela abangabancedani?
11 Abadala nezicaka zolungiselelo ziya kuyixhasa ngokupheleleyo imigudu eniyenzayo ukuze eli xesha leSikhumbuzo libe lelokumdumisa ngokukhethekileyo uYehova. Mhlawumbi abaninzi kubo baza kuba ngoovulindlela abangabancedani. Abadala baya kulungiselela ukuba kwenziwe iintlanganiso zenkonzo ezongezelelekileyo, mhlawumbi ngenjikalanga, ngorhatya phakathi evekini, nangeempelaveki, xa kuyimfuneko. Ukuze bayazi indawo nexesha eziza kuba ngalo ezo ntlanganiso kunye nomntu oza kuziqhuba, abadala basenokuthetha nabo baqinisekileyo ukuba baza kuba ngoovulindlela okanye abo bacinga ukuba ngabo. Abadala baya kuzabalazela ukwenza amalungiselelo okuba kubekho abanye abavakalisi oza kusebenza nabo ngeentsuku kwanangamaxesha owabekele ukuba sentsimini. Ngale ndlela, amacebo anokumiselwa ngokuqinileyo kuze kufezwe okuninzi.—IMize. 20:18.
12. Yintoni esibangela ukuba simdumise ngalo lonke ixesha uYehova?
12 Yenza Unako-nako: Ukuba akunakukwazi ukuba nguvulindlela ongumncedani, ungalibali ukuba uYehova uyayamkela imigudu esiyenzayo nokuzincama kwethu “ngokoko sinako, kungekhona ngokoko singenako.” (2 Kor. 8:12) Zininzi izinto esinokumbulela ngazo uYehova. Enesizathu esivakalayo uDavide wabhala wenjenje: “Ndiya kumbonga uYehova ngamaxesha onke; indumiso yakhe iya kuba semlonyeni wam rhoqo.” (INdu. 34:1) Ngamana singazimisela ukwenza oko ngeli xesha leSikhumbuzo.
[Ibhokisi ekwiphepha 3]
Uza Kuyandisa Njani Inkonzo Yakho?
◼ Shumayela xa abantu besemakhaya
◼ Shumayela kwiindawo zikawonke-wonke
◼ Shumayela emsebenzini okanye esikolweni
◼ Shumayela ngefowuni
◼ Yiba nguvulindlela ongumncedani
[Isicangca esikwiphepha 5]
Umzekelo Wocwangciso Lukavulindlela Ongumncedani—Iindlela Zokucwangcisa Iiyure Ezili-12 Zenkonzo Yasentsimini Veki Nganye
Ngeentsasa—NgoMvulo Ukusa ngoMgqibelo
Usuku lwangeCawa lunokuthatyathelw’ indawo naluluphi usuku.
Usuku Ixesha Iiyure
NgoMvulo Kusasa 2
NgoLwesibini Kusasa 2
NgoLwesithathu Kusasa 2
NgoLwesine Kusasa 2
NgoLwesihlanu Kusasa 2
NgoMgqibelo Kusasa 2
Isimbuku Seeyure: 12
Iintsuku Ezimbini
Unokukhetha naziphi na iintsuku ezimbini evekini. (Kuya kuxhomekeka kwiintsuku ezikhethiweyo, olu cwangciso lunokwenza iiyure ezingama-48 kuphela ngenyanga.)
Usuku Ixesha Iiyure
NgoLwesithathu Usuku Oluzeleyo 6
NgoMgqibelo Usuku Oluzeleyo 6
Isimbuku Seeyure: 12
Amarhatya Amabini Nempela-veki
Unokukhetha naziphi na iintsuku ezimbini zeveki.
Usuku Ixesha Iiyure
NgoMvulo Ngorhatya 11⁄2
NgoLwesithathu Ngorhatya 11⁄2
NgoMgqibelo Usuku Oluzeleyo 6
Ngecawa Isiqingatha sosuku 3
Isimbuku Seeyure: 12
Iimvakwemini Ezintathu NoMgqibelo
Usuku lwangeCawa lunokuthatyathelw’ indawo naluluphi usuku
Usuku Ixesha Iiyure
NgoMvulo Emva kwemini 2
NgoLwesithathu Emva kwemini 2
NgoLwesihlanu Emva kwemini 2
NgoMgqibelo Usuku Oluzeleyo 6
Isimbuku Seeyure: 12
Ucwangciso Lwam Lwenkonzo
Zenzele isigqibo ngeeyure oza kuzenza sihlandlo ngasinye.
Usuku Ixesha Iiyure
NgoMvulo
NgoLwesibini
NgoLwesithathu
NgoLwesine
NgoLwesihlanu
NgoMgqibelo
NgeCawa
Isimbuku Seeyure: 12