IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 2/05 iphe. 8
  • Icandelo 6: Ukuqhuba Izifundo ZeBhayibhile Ezinenkqubela

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Icandelo 6: Ukuqhuba Izifundo ZeBhayibhile Ezinenkqubela
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2005
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuqhuba Izifundo ZeBhayibhile Ezinenkqubela
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2005
  • Ukuqhuba Isifundo SeBhayibhile Sekhaya
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
  • Yintoni Onokuyenza Ukuze Uncede Umntu Omfundelayo Ade Abhaptizwe?​—Inqaku Lesibini
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2020
  • Yintoni Onokuyenza Ukuze Uncede Umntu Omfundelayo Ade Abhaptizwe?​—Inqaku Lokuqala
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2020
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2005
km 2/05 iphe. 8

Icandelo 6: Ukuqhuba Izifundo ZeBhayibhile Ezinenkqubela

Xa Isifundo Sakho Sinemibuzo

1 Sakuba siqalisiwe isifundo seBhayibhile, kudla ngokuba kuhle ukuxubusha iimfundiso zeBhayibhile ngendlela eyondeleleneyo kunokuba usuke kulo mxholo uye kulowa. Loo nto inceda isifundo sakho ukuba sibe nesiseko solwazi oluchanileyo kwaye senze inkqubela ngokomoya. (Kol. 1:9, 10) Noko ke, izifundo ziye zibuze imibuzo eyahlukeneyo ebudeni besifundo. Ifanele isingathwe njani loo mibuzo?

2 Sebenzisa Ukuqonda: Imibuzo enento yokwenza naloo mbandela uxutyushwayo inokuphendulwa ngoko nangoko. Ukuba umbuzo uza kuphendulwa kamva yiloo ncwadi ifundwayo, kunokuba kuhle ukuyichaza loo nto. Noko ke, ukuba umbuzo awunanto yakwenza nombandela okanye uya kufuna kwenziwe uphando ukuze uphendulwe kakuhle, kunokuba kuhle ukuwuxubusha emva kwesifundo okanye ngelinye ixesha. Abanye abavakalisi bafumanisa ukuba ukuwubhala phantsi umbuzo kuyasiqinisekisa isifundo eso ukuba umbuzo waso awusingelwa phantsi kwaye kuyabanceda ukuze isifundo singaphambukeli kweminye imibandela.

3 Iimfundiso ezininzi zeBhayibhile zixutyushwa ngokufutshane nje kwiimpapasho esizisebenzisa ukufundela abantu. Kuthekani ukuba isifundo sikufumanisa kunzima ukwamkela imfundiso ethile okanye sibambelela kwimfundiso ethile yobuxoki? Kunokuba yingenelo ukukhangela omnye umbandela ongena nzulu koko kuthethwa yiBhayibhile ngaloo nto. Ukuba isifundo sakho asiyamkeli nangoko, wubekele elinye ixesha loo mbandela uze uqhubeke nesifundo esiqhelekileyo. (Yoh. 16:12) Njengoko sisiya sifumana ulwazi olungakumbi ngeBhayibhile kwaye sisenza inkqubela ngokomoya, siya kuyiqonda loo mfundiso yeBhayibhile.

4 Zeyise: Ukuba akuqinisekanga ngempendulo yombuzo, lumkela ukuveza izimvo zakho. (2 Tim. 2:15; 1 Pet. 4:11) Chaza ukuba uza kuwuphanda lo mba uze ubuye nempendulo. Unokude usebenzise elo thuba ukuze ufundise isifundo sakho indlela yokwenza uphando. Sibonise indlela yokusebenzisa iincwadi ezilungiselelwe yintlangano kaYehova. Ngale ndlela siya kukwazi ukuziphendulela imibuzo yaso.—IZe. 17:11.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share