Impinda Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
Le mibuzo ilandelayo iza kuxutyushwa kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo kwiveki eqala ngoFebruwari 28, 2005. Umveleli wesikolo uya kuqhuba impinda yemizuzu engama-30 esekelwe kumbandela wezabelo zeveki esusela kuJanuwari 3 ukusa kuFebruwari 28, 2005. [Isaziso: Kwimibuzo engenazimbekiselo, kuya kufuneka uzenzele uphando ukuze ufumane iimpendulo.—Bona incwadi ethi ISikolo Sobulungiseleli, iphe. 36-7.]
UPHAWU LWENTETHO
1. Sinokwenza njani ukuze iqondakale ngakumbi into esiyithethayo? [be-XO iphe. 226 isiqe. 1–iphe. 227 isiqe. 1]
2. Ngamabinzana anjani ekusenokufuneka siwacacise ngakumbi? [be-XO iphe. 227 isiqe. 2–iphe. 228 isiqe. 1]
3. Yintoni enokusinceda ukuze abaphulaphuli bafumane imfundiso yokwenene kumbandela esiwudlulisayo? [be-XO iphe. 231 isiqe. 1-3]
4. Sinokwenza ntoni ukuze sisifunde ngendlela efundisayo isibhalo abasiqhelileyo abaphulaphuli bethu? [be-XO iphe. 231 isiqe. 4-5]
5. Isenokuba yintoni imiphumo yokukhuthaza abaphulaphuli banikel’ ingqalelo kwimibandela ekwingxelo yeBhayibhile abaqheleneyo nayo? [be-XO iphe. 232 isiqe. 2-4]
ISABELO 1
6. Yintoni ebandakanyekileyo ekufundiseni abantu ukuba ‘boyike uThixo oyinyaniso baze bagcine imiyalelo yakhe’? (INtshu. 12:13) [be-XO iphe. 272 isiqe. 3–iphe. 273 isiqe. 1]
7. Sinokuyitsalela njani ingqalelo kungekuphela nje kwigama elinguYehova kodwa kulowo ubizwa ngelo gama? (Yow. 2:32) [be-XO iphe. 274 isiqe. 3-5]
8. Kubaluleke kangakanani ukungenisa ulwazi ngoYesu nokunikela ubungqina ngaye? (Yoh. 17:3) [be-XO iphe. 275 isiqe. 7]
9. Ukuba nolwalamano olumkholisayo uThixo nokuqonda iBhayibhile kunxulunyaniswa njani ngokuthe ngqo nokuba noxabiso ngendima kaYesu? [be-XO iphe. 276 isiqe. 1]
10. Sinokubonisa njani ukuba sikholelwa ngokwenene ukuba uYesu Kristu nguKumkani? [be-XO iphe. 277 isiqe. 4]
UFUNDO LWEBHAYIBHILE LWEEVEKI NGEEVEKI
11. Ngaba uyise ka-Abraham, uTera, wayenqula izithixo? (Yosh. 24:2)
12. Ngaba uGidiyon akazange asenze ngenkalipho isabelo awayesinikwe nguYehova? Kutheni uphendula ngolo hlobo? (ABa. 6:25-27)
13. Yintoni esinokuyifunda kwindlela uGidiyon awathetha ngayo nesizwe sakwaEfrayim? (ABa. 8:1-3)
14. Yintoni eyayiboniswa kukungavumi kwabantu baseGibheya ukubonakalisa umoya wokubuk’ indwendwe? (ABa. 19:14, 15)
15. Ukuba ‘ngamnye wayesenza oko kwakulungile kwawakhe amehlo,’ ngaba oku kwakubangela isiphithiphithi?