IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 2/05 iphe. 7-8
  • Izaziso

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Izaziso
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2005
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2005
km 2/05 iphe. 7-8

Izaziso

◼ NgoFebruwari kuza kuhanjiswa incwadi ethi Sondela KuYehova. NgoMatshi: Funda Kumfundisi Omkhulu. NgoAprili nangoMeyi: IMboniselo noVukani!

◼ Umveleli owongamelayo okanye nabani na owabelwe nguye ufanele ahlole imali yebandla ngoMatshi 1 okanye ngokukhawuleza emva koko. Ukuba kukho enye iakhawunti, efana neyokuhlaziya iHolo okanye eyokwakha, ifanele ihlolwe. Xa zonke sele zihloliwe, kufanele kwaziswe ibandla xa kuchazwa ingxelo yemali elandelayo.

◼ Unobhala kunye nomveleli wenkonzo bafanele bahlole umsebenzi wabo bonke oovulindlela abathe ngxi. Ukuba kukho nabaphi na abangakwaziyo ukuzalisa isisikelo, abadala bafanele benze amalungiselelo okuba bancedwe. Amacebiso ninokuwafumana kwiileta iS-201 eziphuma minyaka le.

◼ Intetho yesidlangalala ekhethekileyo yowama-2005 iya kuba nomxholo othi “Kwakutheni Ukuze UYesu Abandezeleke Aze Afe.” Bona isaziso esifanayo kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaOktobha 2004.

◼ Bonke bafanele babekho kwiNtetho Yesidlangalala ngeCawa, Matshi 20 xa kusenziwa isaziso esikhethekileyo ngelungiselelo eliza kwenzelwa abavakalisi.

◼ Iofisi yesebe ayinyamekeli isicelo soncwadi somvakalisi ngamnye. Umveleli owongamelayo ufanele alungiselele ukuba kwenziwe isaziso nyanga nganye ngaphambi kokuba ibandla lithumele isicelo soncwadi eofisini ukuze bonke abafuna iincwadi ezikhethekileyo baxelele umzalwana ojongene noncwadi. Ningazilibali iimpapasho zesicelo esikhethekileyo.

◼ Impapasho Ezintsha Ezifumanekayo:

Nikela Ingqalelo Kwisiprofeto SikaDaniyeli! (Ebhalwe Ngamagama Amakhulu)—IsiNgesi, isiPhuthukezi nesiTshayina Esenziwe Lula (Pinyin)

INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele (enkulu)—NgesiTshayina Esenziwe Lula (Pinyin)

◼ Iikhasethi Zevidiyo Ezintsha Ezifumanekayo:

Sing Praises to Jehovah—Kwikhasethi Yevidiyo, Volume 3—Ngentetho Yezandla YaseMerika

◼ IiDVD Ezintsha Ezifumanekayo:

Sing Praises to Jehovah—On DVD, Volume 3—Ngentetho Yezandla YaseMerika

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share