IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 3/05 iphe. 4
  • Icandelo 7: Ukuqhuba Izifundo ZeBhayibhile Ezinenkqubela

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Icandelo 7: Ukuqhuba Izifundo ZeBhayibhile Ezinenkqubela
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2005
  • Amanqaku Afanayo
  • Ibhokisi Yemibuzo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2011
  • Ukuqhuba Izifundo ZeBhayibhile Ezinenkqubela
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2005
  • Imithandazo Ephendulwayo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
  • Indlela Onokusondela Ngayo KuThixo
    Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2005
km 3/05 iphe. 4

Icandelo 7: Ukuqhuba Izifundo ZeBhayibhile Ezinenkqubela

Ukuthandaza Xa Uqhuba Isifundo

1. (a) Kutheni kufanelekile ukusivula nokusivala ngomthandazo isifundo seBhayibhile? (b) Sinokusichazela njani isifundo seBhayibhile ngomthandazo?

1 Ukuze izifundo zeBhayibhile zenze inkqubela ngokomoya, kufuneka intsikelelo kaYehova. (1 Kor. 3:6) Ngoko ke, kufanelekile ukuba isifundo sivulwe size sivalwe ngomthandazo. Ngokufuthi oku sinokukwenza kwisihlandlo sokuqala xa sifundela abantu abatyekele elunqulweni. Kwabanye abantu, kusenokufuneka sizibonele ukuba singaqalisa nini ukusivula ngomthandazo isifundo. Ukuze uncede umfundi aqonde isizathu sokuba kufuneka kuthandazwe xa kuza kuqhutywa isifundo usenokusebenzisa INdumiso 25:4, 5 neyoku-1 kaYohane 5:14 uze umcacisele indlela ekubaluleke ngayo ukuthandaza kuYehova egameni likaYesu Kristu usebenzisa uYohane 15:16.

2. Ukuba udade oza kuqhuba isifundo ukunye nomzalwana obhaptiziweyo okanye nomvakalisi oyindoda ongabhaptizwanga, ngubani ofanele athandaze?

2 Ngubani ofanele athandaze xa kuza kuqhutywa isifundo seBhayibhile? Ukuba udade oza kuqhuba isifundo ukunye nomzalwana obhaptiziweyo, nguloo mzalwana ofanele athandaze, yaye udade kuya kufuneka athwale entloko xa esiqhuba. (1 Kor. 11:5, 10) Kwelinye icala, ukuba udade oza kuqhuba isifundo uhamba nomvakalisi woBukumkani oyindoda ongabhaptizwanga, ngudade othandazayo. Kule meko, ufanele athwale xa eza kuthandaza naxa eqhuba isifundo.

3. Ziintoni ezifanele ziqukwe xa kuthandazelwa isifundo seBhayibhile?

3 Yintoni Enokuqukwa Emthandazweni: Xa kuza kuqhutywa isifundo seBhayibhile akufanele kwenziwe umtyangampo womthandazo, kodwa ufanele ungqale. Ngaphandle kokufuna intsikelelo kaThixo kwisifundo nokumbulela ngeenyaniso ezifundiweyo, kufanelekile ukudumisa uYehova njengoMthombo wale mfundiso. (Isa. 54:13) Kwakhona sinokuquka amazwi abonisa umdla wokwenene esinawo kuloo mntu simfundelayo noxabiso ngentlangano ayisebenzisayo uYehova. (1 Tes. 1:2, 3; 2:7, 8) Xa sithandazela ukuba uYehova asikelele imigudu ayenzayo umfundi ukuze asebenzise izinto azifundayo kunokumnceda abone ukubaluleka kokuba ‘ngumenzi welizwi.’—Yak. 1:22.

4. Ukusivula nokusivala ngomthandazo isifundo seBhayibhile kunaziphi iingenelo ezingakumbi?

4 Zininzi iingenelo ezibangelwa ngumthandazo. Uzisa intsikelelo kaThixo. (Luka 11:13) Ugxininisa ukubaluleka kokufunda iLizwi likaThixo. Njengoko umfundi ephulaphula imithandazo esiyenzayo, ufunda indlela yokuthandaza. (Luka 6:40) Ngaphezu koko, imithandazo ephuma entliziyweni ezaliswe kukuthanda uThixo nombulelo ngenxa yeempawu zakhe ezingenakufaniswa nanto inokunceda umfundi ahlakulele ulwalamano lobuqu noYehova.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share