Ibhokisi Yemibuzo
◼ Ngaba sifanele sithandaze xa siqhuba isifundo seBhayibhile emnyango?
Zininzi iingenelo zokuvula nokuvala isifundo seBhayibhile ngomthandazo. Xa sithandaza, sicela uYehova ukuba asincede ngomoya wakhe oyingcwele kwingxubusho yethu. (Luka 11:13) Ukuthandaza kubethelela kumfundi ukubaluleka kwesifundo seBhayibhile kuze kumfundise nendlela yokuthandaza. (Luka 6:40) Ngoko, xa kunokwenzeka kubalulekile ukukhawuleza usiqalise ngomthandazo isifundo seBhayibhile. Noko ke, ngenxa yokwahluka kweemeko, umqhubi umele asebenzise ubulumko ukuze agqibe enoba kufanelekile kusini na ukuthandaza xa eqhuba isifundo seBhayibhile emnyango.
Enye into afanele ayiqwalasele yindawo esiqhutyelwa kuyo isifundo. Ukuba akukho ziphazamiso zingako, usenokuthandaza ngokufutshane ekuqaleni nasekupheleni kwesifundo esiqhutywa rhoqo. Ukuba oko kuza kutsala amehlo abantu okanye kwenze umfundi angakhululeki, kubhetele ningathandazi de nifumane indawo efanelekileyo. Kungakhathaliseki ukuba sisiqhubela phi na isifundo, sifanele senze isigqibo esifanelekileyo ngexesha esinokuqalisa ngalo ukuthandaza.—Funda uBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaMatshi 2005, iphepha 4.