IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 9/07 iphe. 7
  • Ibhokisi Yemibuzo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ibhokisi Yemibuzo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2007
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Uyakufumana ‘Ukutya Ngexesha Elifanelekileyo’?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
  • Amanqaku Neevidiyo EzikwiCandelo 2
    Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!—Incoko Efundisa NgeBhayibhile
  • Amanqaku Neevidiyo EzikwiCandelo 11
    Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!—Incoko Efundisa NgeBhayibhile
  • Ukusebenzisa I-Internet—Ziphaphele Iingozi!
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1999
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2007
km 9/07 iphe. 7

Ibhokisi Yemibuzo

◼ Ngaba “ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi” liyayivumela into yokubakho kwamaqela azimeleyo amaNgqina ahlanganisana kunye ukuze aphande okanye axubushe ngeZibhalo?—Mat. 24:45, 47.

Aliyivumeli kwaphela. Kodwa ke, kwiindawo ezahlukahlukeneyo zehlabathi, kukho abambalwa kwintlangano yethu abaye baseka amaqela azimeleyo ukuze bazenzele uphando ngemibandela ethile yeBhayibhile. Bambi baye bafunda iZibhalo zesiHebhere nezesiGrike ukuze bahlolisise ukuchana kweNguqulelo Yehlabathi Elitsha. Abanye baphanda ngenzululwazi ephathelele iBhayibhile. Baye bazenzela kwikhompyutha iiWeb sites neechat room, ukuze bakwazi ukunxibelelana baphakelane izimvo. Baye baqhuba iinkomfa bavelisa neempapasho ezithile bechaza oko bakufumanisileyo ukuxhasa oko kufundiswa kwiintlanganiso zethu zamaKristu nakuncwadi lwethu.

Emhlabeni wonke, abantu bakaYehova bafumana intabalala yemiyalelo nokhuthazo lokomoya kwiintlanganiso zebandla, kwiindibano ezincinane nezinkulu, nakwiimpapasho zentlangano kaYehova. Ngolwalathiso lomoya wakhe oyingcwele nangesiseko seLizwi lakhe lenyaniso, uYehova ulungiselela oko kufunekayo ukuze bonke abantu bakhe bakwazi ‘ukumanyana engqondweni nasengcamangweni enye’ ukuze bahlale ‘bezinzile elukholweni.’ (1 Kor. 1:10; Kol. 2:6, 7) Ngokuqinisekileyo simbulela gqitha uYehova ngamalungiselelo akhe okomoya kule mihla yokugqibela. Ngoko ke, “ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi” alivumeli naluphi na uncwadi, iintlanganiso, okanye iiWeb sites ezingaveliswanga okanye zalungiselelwa ngaphantsi kolwalathiso lwalo.—Mat. 24:45-47.

Intle into yokuba abantu basebenzise amandla abo okucinga ukuze baxhase iindaba ezilungileyo. Noko ke, azikho izilangazelelo zomntu ezimele ziphambuke koko kufezwa nguYesu Kristu ngebandla lakhe emhlabeni namhlanje. Ngenkulungwane yokuqala, umpostile uPawulos walumkisa ngokuzibandakanya kwimisebenzi edinisayo, nedla ixesha ‘njengemilibo yokuzalwa, engaphele ndawo, zinto ezo ezivelisa imibuzo efuna uphando kunokwabiwa kwayo nantoni na nguThixo ngokunxibelelene nokholo.’ (1 Tim. 1:3-7) Onke amaKristu amele azabalazele ‘ukuzicezela iimbuzwano zobudenge nemilibo yokuzalwa neembambano nokulwa ngoMthetho, kuba oko kungamampunge yaye kuphuthile.’—Tito 3:9.

Abo banqwenela ukwenza ufundisiso lweBhayibhile nophando olungakumbi, sincomela ukuba bahlolisise incwadi ethi Insight on the Scriptures, “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Yaye Siyingenelo,” nezinye iimpapasho, njengezo zixubusha iziprofeto zencwadi yeBhayibhile kaDaniyeli, kaIsaya, neyeSityhilelo. Kwezi mpapasho uya kufumana inkcazelo eninzi gqitha yokufundisisa nokucamngca ngeBhayibhile, nenokusinceda ‘sizaliswe ngolwazi oluchanileyo lokuthanda kwakhe [uThixo] kubulumko bonke nokuqiqa kokomoya, ukuze sihambe ngokumfaneleyo uYehova size simkholise ngokupheleleyo njengoko siqhubeka sivelisa isiqhamo kuwo wonke umsebenzi olungileyo lusanda nolwazi lwethu oluchanileyo ngoThixo.’—Kol. 1:9, 10.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share