Ucwangciso Lweveki KaFebruwari 16
IVEKI EQALA NGOFEBRUWARI 16
□ ISifundo SeBhayibhile Sebandla:
jd-XO Isahlu. 14 ¶18-26
□ ISikolo Sobulungiseleli Sobuthixo:
Ufundo lweBhayibhile: Genesis 29-31
No. 1: Genesis 29:1-20
No. 2: Kutheni Sifanele Siyeke ‘Ukuba Nexhala’ (Mat. 6:25)
No. 3: Ukuthobela Kuyakukhusela (lr-XO Isahlu. 7)
□ INtlanganiso Yenkonzo:
5 imiz: Izaziso.
15 imiz: ‘Yenza Zonke Izinto Ngenxa Yeendaba Ezilungileyo’. Ingxubusho yemibuzo neempendulo.
15 imiz: Ngaba Unokuba Nguvulindlela Ongumncedani Kweli Xesha Lesikhumbuzo? Intetho emayinikelwe ngehlombe ngumveleli wenkonzo. Chaza iimfaneleko zokuba nguvulindlela ongumncedani. Balaselisa uvuyo neentsikelelo zokuba nguvulindlela ongumncedani. Chaza amalungiselelo asekuhlaleni eentlanganiso ezongezelekileyo zentsimi ngoMatshi, ngoAprili, nangoMeyi. Dlan’ indlebe nabavakalisi ababini okanye abathathu abaye bangoovulindlela abangabancedani kunyaka ophelileyo. Luluphi uhlengahlengiso abalwenzileyo kucwangciso lwabo? Ziziphi iintsikelelo abaye bazifumana? Khuthaza intsapho nganye ukuba icingisise ngendlela omnye okanye ababini entsatsheni abanokuba ngoovulindlela ngayo ebudeni beenyanga zeSikhumbuzo ezizayo.