Izaziso
◼ NgoMatshi kuza kuhanjiswa incwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? NgoAprili nangoMeyi: IMboniselo noVukani! NgoJuni: Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
◼ Iinkupho ezintsha zeMboniselo noVukani! mazinikwe abavakalisi ngokukhawuleza emva kokuba zithunyelwe. Oko kuya kunika abavakalisi ixesha elaneleyo lokuba baqhelane noko kuqulethwe ngala maphephancwadi ngaphambi kokuba bawahambise entsimi.
◼ Umnxibelelanisi wequmrhu labadala okanye naye nabani na onyulwe nguye umele ahlole iingxelo zemali yebandla zikaDisemba, zikaJanuwari nezikaFebruwari. Akumele kusetyenziswe umntu omnye kumatyeli alandelelanayo. Ukuba kukho iakhawunti eyahlukileyo yokwakha okanye eyokunyamekela isakhiwo nayo imele ihlolwe. Amabandla aseMzantsi Afrika amele athumele iingxelo zemali ezihloliweyo zezi nyanga zintathu kwiofisi yesebe ngokukhawuleza. Unobhala nesicaka semali bamele baqinisekise ukuba iingxelo zemali zizaliswe kakuhle, zikwimeko entle yaye baquke oku kulandelayo: Iphepha Lengxelo Yemali (S-26), Ingxelo Yemali Yebandla Yenyanga (S-30), Irisithi (S-24), iziliphu zeendleko, nesitetimenti sebhanki senyanga nganye (ukuba ibandla lineakhawunti yebhanki). Emvulophini bhalani ngokucacileyo nithi Accounting Office—PBO Registration.