Fundisa Ngendlela Eyeyiselayo
1. Kuquka ntoni ukulisebenzisa kakuhle iLizwi likaThixo entsimini?
1 Abalungiseleli abaphumelelayo, njengompostile uPawulos, bayayiqonda into yokuba ‘ukuliphatha ngokufanelekileyo ilizwi lenyaniso’ kuthetha okungakumbi kunokucaphula nje iZibhalo Ezingcwele. (2 Tim. 2:15) ‘Sinokubeyisela’ njani abantu xa sibafundisa ngeLizwi likaThixo?—IZe. 28:23.
2. Sinokubenza njani abantu balixabise ngakumbi iLizwi likaThixo?
2 Vumela ILizwi LikaThixo Lithethe: Okokuqala, bhekisela ingqalelo eBhayibhileni ngendlela eya kwenza abaphulaphuli bakho bayihlonele njengequlethe ubulumko obuvela kuThixo. Ukuthembela kwethu kwiLizwi likaThixo kunokukhuthaza abaphulaphuli bethu ukuba banikele ingqalelo xa kufundwa isibhalo. (Heb. 4:12) Sisenokuthi: “Ndikufumanise kuluncedo ukujonga indlela uThixo awubona ngayo lo mba. Phawula oko iLizwi lakhe likutshoyo.” Xa kunokwenzeka, vumela iLizwi likaThixo lithethe ngokufunda ngokungqalileyo kulo.
3. Emva kokufunda isibhalo, yintoni enokwenziwa ukuze kuncedwe umphulaphuli aqonde oko sikuthethayo?
3 Okwesibini, sicacise isibhalo osifundileyo. Abantu abaninzi bakufumanisa kunzima ukusiqonda isibhalo xa sifundwa okokuqala. Kuye kufuneke sicaciswe ukuze siqondakale. (Luka 24:26, 27) Balaselisa amagama axhasa iingongoma othetha ngazo. Ukubuza umbuzo kunokunceda ubone enoba umphulaphuli uyayiqonda ingongoma kusini na.—IMize. 20:5; IZe. 8:30.
4. Liliphi inyathelo lokugqibela elibalulekileyo ukuze sibeyisele abantu xa sibafundisa?
4 Qiqa NgeZibhalo: Okwesithathu, zabalazela ukufikelela ingqondo nentliziyo. Nceda umninimzi abone indlela loo ndinyana esebenza ngayo kuye. Ukuqiqa ngeZibhalo kunokumeyisela umntu ukuba atshintshe indlela acinga ngayo. (IZe. 17:2-4; 19:8) Ngokomzekelo, emva kokufunda INdumiso 83:18 sisenokumbonisa indlela ukufunda igama lomntu okubalulekile ngayo ukuze wakhe ulwalamano olusondeleyo naloo mntu. Emva koko, usenokubuza uthi, “Ngaba ukwazi igama likaThixo kunokwenza imithandazo yakho ibe nentsingiselo ngakumbi?” Ukubonisa indlela isibhalo esisebenza ngayo kubomi bomninimzi kunokumncenda abone indlela esiluncedo ngayo. Ukufundisa ngendlela eyeyiselayo ngeLizwi likaThixo kutsala abantu abanyanisekileyo ukuze banqule uThixo wenene nophilayo, uYehova.—Yer. 10:10.