Izaziso
◼ Uncwadi oluza kuhanjiswa ngoJanuwari: Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? NgoFebruwari: Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho. NgoMatshi: Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? NgoAprili: Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
◼ Ukususela ngoFebruwari, abaveleli besiphaluka baza kunikela intetho yesidlangalala enomxholo othi “Inyaniso Ibuchaphazela Njani Ubomi Bakho?”
◼ NgoAprili 16, 2011 iza kuba Lusuku olukhethekileyo Lwamaphephancwadi. Sinikhuthaza nonke ukuba nicebe kusengaphambili ukuze nibe nenxaxheba kangangoko kulo msebenzi.
◼ Abaveleli benkonzo bamabandla aza kuba nenxaxheba kwiphulo lentsimi engabelwanga bani lowama-2011 bafanele baqinisekise ukuba onke amalungiselelo eli phulo enziwe kakuhle.