Iimbalasane Zentsimi
Kwintsimi engaphantsi kwesebe lethu kuye kwakho impumelelo ephawulekayo ngoAgasti 2010 yaye siyavuyiswa kukunazisa ezi mbalasane zilandelayo: EMzantsi Afrika kuye kwakho incopho entsha yabavakalisi abangama-90 037, isihlandlo sokuqala sidlulela ngaphaya kwama-90 000. Ukongezelela koko, kuye kwakho incopho entsha yezifundo zeBhayibhile ezili-124 007. NeNamibhiya iye yanencopho entsha yabavakalisi abali-1 898 neyezifundo zeBhayibhile ezingama-3 371. ELisuthu kuye kwakho incopho entsha yabavakalisi abangama-3 632 yaye umvakalisi ngamnye uye wachitha umlinganiselo weeyure ezili-12,3.