Ngaba Unokuba Nenxaxheba Entsimini NgeeCawa?
1. Yintoni esinokuyifunda koko kwenziwa nguPawulos namaqabane akhe eFilipi?
1 Kwakungumhla weSabatha yaye amaYuda amaninzi aseFilipi ayephumle. UPawulos namaqabane akhe babekumsebenzi wabo wobuvangeli kweso sixeko. Kwakungekho mntu wayenokubagxeka xa babephumle kumsebenzi wabo wokushumayela ngolo suku. Babesazi ukuba amaYuda ayehlanganisene ngaphandle kwesixeko ukuze athandaze, ngoko baxhakamfula elo thuba bawashumayeza. Kumele ukuba kwamvuyisa ngokwenene uPawulos namaqabane akhe ukuphulaphulwa nguLidiya nendlu yakhe baza babhaptizwa. (IZe. 16:13-15) Ekubeni abantu abaninzi namhlanje bephumla ngeCawa, kutheni ungaziphi ixesha lokuya kubashumayeza ngolu suku?
2. Ziziphi iingxaki abaye bajamelana nazo abantu bakaYehova ukuze bakwazi ukushumayela ngeCawa ngaphandle kokugculelwa?
2 Iinzame Zokushumayela NgeCawa: Ngowe-1927 abantu bakaYehova bakhuthazwa ukuba Cawa nganye babe nexesha abasebenza ngalo entsimini. Oku kwabangela inkcaso. Abaninzi bavalelwa eUnited States ngenxa yokungayithobeli imithetho yeSabatha, ukuphazamisa abantu beziphumelele nokuthengisa ngaphandle kwemvume. Kodwa abantu bakaYehova abazange bayeke. Ngeminyaka ye-1930 kwabakho “amaphulo amaqela,” apho kwakuye kuhlanganisane abavakalisi bamabandla akufutshane ukuze bakwazi ukugubungela intsimi ethile. Ngezinye izihlandlo abavakalisi babesiba baninzi kangangokude kube nzima ngabasemagunyeni ukubabamba. Ngaba uyakuxabisa ukuzincama kwabo bazalwana ukuze sikwazi ukushumayela ngeCawa ngaphandle kokugculelwa?
3. Yintoni ebangela ukuba usuku lwangeCawa lube lolona lufanelekileyo lokuya entsimini?
3 Olona Suku Lufanelekileyo Lokushumayela: Abantu abaninzi abasebenzi ngeCawa, baphumle emakhayeni abo. Ngolu suku, abanye abantu abahamba icawa baye bakuvuyele ukuthetha ngoThixo. Ukuba sineentlanganiso ngeCawa, sele sinxibe ngendlela esinxiba ngayo entsimini, ngoko kutheni singalungiseleli ukuya entsimini ngaphambi kweentlanganiso okanye xa sibuya? Ukuba kuyimfuneko, zilungiselele umphako.
4. Yintoni enokusivuyisa xa sichitha ixesha elithile entsimini ngeCawa?
4 Ukuba sisebenzisa ixesha elithile entsimini ngeCawa, siyalifumana ixesha lokuphumla. Siya kuphumla sanelisekile kuba sisazi ukuba siye sanenxaxheba kwinkonzo engcwele. (IMize. 19:23) Sisenokuvuyiswa nakukufumana umntu ofana noLidiya!