Izaziso
◼ Uncwadi oluza kuhanjiswa ngoJanuwari: Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? NgoFebruwari: Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho. NgoMatshi: Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? NgoAprili: Unako Ukuba Ngumhlobo KaThixo! nethi Indlela Esa Kubomi Obungunaphakade—Ngaba Sele Uyifumene? okanye naziphi na ezinye iincwadana ezikhoyo esitokhweni.
◼ Ukususela ngoFebruwari, intetho entsha yomveleli ohamba hambayo iya kuba nomxholo othi “Ngaba Uthembele NgoYehova?”
◼ Ukususela ekuqaleni kwinkupho kaFebruwari 1, 2012, Uhlelo luka wonke wonke lweMboniselo luza kuba nongcelele lwamanqaku anesihloko esithi “Izifundo Endizifunda EBhayibhileni.” La manqaku enzelwe ukuba abazali bafundise abantwana abaneminyaka emithathu nangaphantsi, aza kutshintshisana namanqaku athi “Fundisa Abantwana Bakho” nelithi “Inqaku Labaselula.”
◼ Libe yimpumelelo iphulo lomhlaba ongabelwanga bani lowama-2011. Kumhlaba weli sebe lethu amabandla angama-320 nabavakalisi abangama-10,340 baye balixhasa eli phulo. Baye bahambisa iincwadi ezingama-14,867 iincwadana ezingama-50,222 namaphephancwadi ali-104,664 kubantu abanomdla, ntoleyo eyenze ukuba kubekho amabuyelo angama-9,266 kwaza kwaqhutywa izifundo zeBhayibhile ezili-1,509. Ngoko sikhangele phambili ngomdla omkhulu kwiphulo lowama-2012 lomhlaba ongabelwanga bani.