Iintshayelelo Zamaphephancwadi
Ukuqalisa Izifundo ZeBhayibhile KuMgqibelo Wokuqala KaFebruwari
“Ngaba ucinga ukuba uThixo unayo intlangano namhlanje okanye usebenzisana nabantu ngabanye? [Mlinde aphendule] Khawuve ukuba kuthiwani apha ngabantu uThixo awabahlanganisa ukuze babe yintlangano kwiminyaka emininzi eyadlulayo.” Tyhila kwiphepha 16 leMboniselo kaFebruwari 1, nize nifunde kunye oko kubhalwe phantsi komxholwana wokuqala uze ufunde ubuncinane isibhalo sibe sinye kwezicatshulwe apho. Mnike amaphephancwadi uze ulungiselele ukumtyelela kwakhona ukuze nixubushe umbuzo olandelayo.
IMboniselo Februwari 1
“Kwiminyaka yakutshanje, abantu baye bathetha gqitha ngeArmagedon. Ucinga ukuba ikho into enokwenziwa ngabantu ukuze bathintele iArmagedon? [Mlinde aphendule.] Livela kwesi sibhalo igama elithi “Armagedon.” [Funda iSityhilelo 16:16. Emva koko mbonise iphephancwadi.] Eli phephancwadi lichaza indlela eyiphendula ngayo iBhayibhile le mibuzo.”
Vukani! Februwari
“Abantu abaninzi namhlanje bayakuthanda ukusebenzisa iiwebhsayithi zokunxibelelana. Ngaba ucinga ukuba kukho ubungozi ekunxibelelaneni ngale ndlela? [Mlinde aphendule.] IBhayibhile inemigaqo enokusinceda sizikhusele xa sisebenzisa ezi webhsayithi. [Tyhila kwiphepha-6-9, nize nixubushe omnye wemibuzo nesibhalo esicatshuliweyo.] Eli phephancwadi liza kukunceda wazi uze uphephe iingozi ezinokuvela xa usebenzisa ezi webhsayithi.”