Iimbalasane Zentsimi
Kunyaka wenkonzo ka2011 onke amazwe aphantsi kwesebe loMzantsi Afrika aye avuyiswa kukubona ulwando kwinani labavakalisi obeluphakathi kwe-1 ne-5 ekhulwini. EMzantsi Afrika kuye kwabhaptizwa abavakalisi abatsha abali-4 337 ibe esiKhumbuzweni bekukho abangama-216 543. ESwazini ngoku kubantu abangama-388 kukho umvakalisi omnye. ESt. Helena umlinganiselo ngumvakalisi omnye kubemi abangama-35. Incwadi Yonyaka Yowama2012 iza kuchaza inkcukacha ezingakumbi ngomsebenzi omhle oye wenziwa kwintsimi yethu.