Ucwangciso Lweveki KaJulayi 2
IVEKI EQALA NGOJULAYI 2
Ingoma 116 Nomthandazo
□ ISifundo SeBhayibhile Sebandla:
bt isahl. 23 ¶1-8, ibhokisi ekwiphe. 180 (25 imiz.)
□ ISikolo Sobulungiseleli Sobuthixo:
Ufundo lweBhayibhile: Hezekile 6-10 (10 imiz.)
No. 1: Hezekile 7:14-27 (4 imiz. okanye ngaphantsi)
No. 2: UYonatan Waba Nguwo Njani Umzekelo Wokuthobeka?—1 Sam. 23:16-18 (5 imiz.)
No. 3: Ngaba Ngokwenene Isonka Newayini Ziguquka Zibe Ngumzimba Negazi LikaYesu?—rs iphe. 346 ¶1–iphe. 347 ¶3 (5 imiz.)
□ INtlanganiso Yenkonzo:
5 imiz: Izaziso.
10 imiz: Indlela Yokuqiqa Nabaninimzi—Inxalenye 1. Ingxubusho esekelwe kwincwadi Yesikolo Sobulungiseleli, iphepha 251 ukusa kwiphepha 253, isiqendu 2. Yenza umboniso omfutshane wendlela esebenza ngayo ingongoma ethile okanye ezimbini ezichazwe apha.
10 imiz: Iimfuno Zebandla.
10 imiz: Amacebiso Okuhambisa Amaphephancwadi ngoJulayi. Ingxubusho. Khetha imixholo emibini okanye emithathu uze kangangemizuzwana engama-30 ukusa kwengama-60 uchaze isizathu sokuba iya kubangela umdla kwintsimi yenu. Emva koko cela abaphulaphuli ukuba bagqabaze ngemibuzo nesibhalo abanokusisebenzisa xa behambisa iMboniselo. Yenza okufanayo nangoVukani!, ukuba ixesha liyavuma, yenza okufanayo nangelinye inqaku elikula maphephancwadi. Yiba nomboniso wendlela yokuhambisa ngalinye kula maphephancwadi.
Ingoma 31 Nomthandazo