Ucwangciso Lweveki KaJanuwari 7
IVEKI EQALA NGOJANUWARI 7, 2013
Ingoma 104 Nomthandazo
□ ISifundo SeBhayibhile Sebandla:
jr isahl. 3 ¶13-19 (30 imiz.)
□ ISikolo Sobulungiseleli Sobuthixo:
Ufundo lweBhayibhile: Mateyu 1-6 (10 imiz.)
No. 1: Mateyu 5:21-32 (4 imiz. okanye ngaphantsi)
No. 2: Yintoni Enokwenza Imithandazo Yomntu Ibe Yengamkelekanga KuThixo?—rs iphe. 343 ¶3–iphe. 344 ¶5 (5 imiz.)
No. 3: Kuthetha Ukuthini Ukuthi UYehova ‘Usisabelo Sakho’—Num. 18:20 (5 imiz.)
□ INtlanganiso Yenkonzo:
10 imiz: Iintshayelelo Zokuhambisa Amaphephancwadi NgoJanuwari. Ingxubusho. Kangangomzuzu omnye yithi gqabagqaba ngezinto ezinokubangel’ umdla eziqulethwe ngala maphephancwadi. Emva koko, usebenzisa iMboniselo, cela abaphulaphuli bacebise ngemibuzo enokubangel’ umdla nesibhalo abanokusifunda. Yenza okufanayo nakuVukani!, ukuba ixesha liyavuma nangelinye inqaku elikula maphephancwadi. Bonisa indlela yokuhambisa ngalinye kula maphephancwadi.
10 imiz: Iimfuno zebandla.
10 imiz: IHolo YoBukumkani Ecocekileyo Izukisa UYehova. Intetho enikelwa ngumdala. UYehova nguThixo ongcwele, ngenxa yoko ukucoceka kufanele kube yinto ephambili ebantwini bakhe. (Ex. 30:17-21; 40:30-32) Ngokugcina indawo yethu yonqulo icocekile yaye ilungiswe kakuhle, sizukisa uYehova. (1 Pet. 2:12) Chaza amava asekuhlaleni okanye apapashiweyo achaza indlela ukucoceka kweHolo YoBukumkani okuye kwanikela ubungqina ngayo. Dlan’ indlebe nomzalwana owongamela ukucoca nokulungiswa kweHolo. Khuthaza bonke ukuba babekho xa kucocwa naxa kulungiswa iHolo YoBukumkani.
Ingoma 127 Nomthandazo