Impinda YeSikolo SoBulungiseleli Sobuthixo
Le mibuzo ilandelayo yempinda yeSikolo SoBulungiseleli Sobuthixo igubungela izabelo ezisusela kwiveki ka-Oktobha 28, 2013.
1. Kuthetha ntoni ukuba ‘nengqondo kaKristu’? (1 Kor. 2:16) [Sept. 2, w08 7/15 iphe. 27 isiqe. 7]
2. Ziziphi iindlela ‘esilusaba ngazo uhenyuzo’? (1 Kor. 6:18) [Sept. 2, w08 7/15 iphe. 27 isiqe. 9; w04 2/15 iphe. 12 isiqe. 9]
3. Wayethetha ukuthini uPawulos xa wabhala wathi “abafazi mabathi cwaka emabandleni”? (1 Kor. 14:34) [Sept. 9, w12 9/1 iphe. 9, ibhokisi]
4. Yintoni enokufundwa ngabadala kumazwi kaPawulos abhalwe kweye-2 kwabaseKorinte 1:24? [Sept. 16, w13 1/15 iphe. 27 isiqe. 2-3]
5. Unokusikhokela njani umgaqo okweye-2 kwabaseKorinte 9:7? [Sept. 23, g 5/08 iphe. 21, ibhokisi]
6. Kunokusinceda njani ukuthobela isiluleko sikaPawulos esikumaGalati 6:4? [Sept. 30, w12 12/15 iphe. 13 isiqe. 18]
7. Kuthetha ukuthini “ukugcina ubunye bomoya”? (Efe. 4:3) [Okt. 7, w12 7/15 iphe. 28 isiqe. 7]
8. Wayevakalelwa njani uPawulos ngezinto awayezishiye ngasemva? (Fil. 3:8) [Okt. 14, w12 3/15 iphe. 27 isiqe. 12]
9. Athetha ukuthini amazwi athi: “Masingalali njengoko abanye besenza”? (1 Tes. 5:6) [Okt. 21, w12 3/15 iphe. 10 isiqe. 4]
10. Ukufa kukaYesu kwaba yiyo njani “intlawulelo yabo bonke”? (1 Tim. 2:6) [Okt. 28, w11 6/15 iphe. 13 isiqe. 11]