Uza Kwenza Ntoni Ngeeholide?
Ekubeni abantu abaninzi beba sekhaya ngexesha leeholide zonqulo nezelizwe, la ngamaxesha amahle okushumayela. Amabandla akhuthazwa ukuba enze amalungiselelo okushumayela ngexesha leeholide. Ukuba abantu abaninzi bavuka emini, kuya kuba kuhle ukulitshintsha ixesha lengxubusho yentsimi. Kunokwenziwa isaziso kwiNtlanganiso Yenkonzo ngamalungiselelo okushumayela akhethekileyo, kuze kukhuthazwe bonke ukuba baye entsimini. Kakade ke, iiholide zikwalithuba lokuphumla okanye ukwenza neminye imisebenzi. Kodwa, kutheni singasebenzisi elinye ixesha lalo mini sishumayela? Ukuba senjenjalo, siya kutsho sihlaziyeke ngokwenene kuba kaloku ukwenza inkonzo engcwele yeyona nto ihlaziyayo.—Mat. 11:29, 30.