Ucwangciso Lweveki KaFebruwari 16
IVEKI EQALA NGOFEBRUWARI 16
Ingoma 80 Nomthandazo
ISifundo SeBhayibhile Sebandla:
cl isahl. 20 ¶8-15 (imiz. 30)
ISikolo SoBulungiseleli Sobuthixo:
Ufundo lweBhayibhile: ABagwebi 15-18 (imiz. 8)
Inte. 1: ABagwebi 16:13-24 (imiz. 3 okanye ngaphantsi)
Inte. 2: Sithini Isigidimi SeBhayibhile?—igw iphe. 8 ¶1-4 (imiz. 5)
Inte. 3: UApolo—Umxholo: Indoda Eyayithobekile, Iliciko Yaye Inenzondelelo—bt iphe. 157-160 ¶3-7 (imiz. 5)
Intlanganiso Yenkonzo:
Umxholo Wenyanga: ‘Zondelela Imisebenzi Emihle’!—Tito 2:14.
Imiz 15: Lungiselela Ukuvakalisa Iindaba Ezilungileyo Ngenzondelelo. Ingxubusho. Kutheni simele siqale sithandaze kuYehova xa silungiselela intsimi? (INdu. 143:10; IZe. 4:31) Ukongezelela kumthandazo, yintoni enye efunekayo? (Ezra 7:10) Emva kokulungisa ingqondo nentliziyo yakho, yintoni ofanele uyenze ukuze ulungise iincwadi nebhegi yakho yentsimini? Ukulungiselela kusinceda njani? (Funda iMboniselo, kaJulayi 15, 2008, iphe. 10, isiqe. 9.) Uyilungiselela njani intsimi? Yenza umboniso womvakalisi olungiselela intsimi, ohlola amaphecana, iimagazini neencwadana aza kuzisebenzisa. Emva koko uyaqinisekisa ukuba izinto zihleli ngocwangco ebhegini yakhe aze aqinisekise ukuba isixhobo sakhe se-elektroniki sikulungele ukudlala. Bakhuthaze ukuba bonke balungiselele kakuhle xa besiya entsimini. (2 Tim. 3:17)
Imiz 15: “Kwesi Sikhumbuzo, Ngaba Uza Kuxelisa Inzondelelo KaYehova NekaYesu?” Imibuzo neempendulo. Nika bonke abo bakhoyo isimemo seSikhumbuzo, uze usixubushe. Yenza umboniso omfutshane usebenzisa amacebiso akwiphepha 4.
Ingoma 30 Nomthandazo