UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | ESTERE 1–5
UEstere Wamela Abantu BakaThixo
UEstere wabonisa ukholo oluphawulekayo nesibindi xa wayemela abantu bakaThixo
Ukuvela phambi kukakumkani ungamenywanga kwakunokutheth’ ukufa. UEstere akazange amenywe ngukumkani kangangeentsuku eziyi-30
UKumkani uAhaswerosi, ekucingwa ukuba nguArtashashta I, wayengumntu onomsindo ongalawulekiyo. Wakha wayalela ukuba kusikwe umntu phakathi waza wabonisa ngaye ukulumkisa abanye. Kwakhona wasusa uVashti njengokumkanikazi kuba akazange amthobele
Kwafuneka uEstere aziveze ukuba ungumYudakazi ibe weyisela ukumkani ekubeni wayeqhathwe ngumcebisi wakhe owayethenjiwe