UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | INDUMISO 119
“Hamba Emthethweni KaYehova”
Ukuhamba emthethweni kaYehova kuthetha ukulithobela ukhokelo lukaThixo singanyanzelwa. EBhayibhileni sinemizekelo emihle emininzi yabantu abafana nomdumisi. Bahamba emthethweni kaYehova baza bathembela kuye.
Ulonwabo lokwenene luxhomekeke ekubeni sithobele umthetho kaThixo
UYoshuwa wayengalithandabuzi nakancinane ukhokelo lukaYehova. Wayesazi ukuba ulonwabo nempumelelo yakhe, zazixhomekeke ekuthembeni uYehova ngentliziyo yakhe yonke
ILizwi likaThixo lisinika isibindi sokujongana neemvavanyo zobomi
UYeremiya waba nesibindi waza wamthemba uYehova phantsi kweemeko ezinzima. Wazixakekisa ngesabelo sakhe kunokuba athi phithi zizinto ezazinokumtyela ixesha
Ukuba nolwazi oluchanileyo ngeLizwi likaThixo kusenza singoyiki ukushumayela
UPawulos wayengoyiki ngokoyikiswa, wayelishumayela kubantu bonke iLizwi likaThixo. Wamthemba ngokupheleleyo uYehova xa ngesibindi washumayela kwiRhuluneli uFeliks
Kuxa kutheni apho kunokufuneka ndibe nesibindi xa ndishumayela?
Esikolweni
Emsebenzini
Entsatsheni
Kwenye indawo