UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | IZENZO 23-24
Watyholwa Kwathiwa Ubangela Iingxaki
AmaYuda aseYerusalem “azibopha ngesiqalekiso,” okanye enza isifungo, ukuze abulale uPawulos. (IZe 23:12) Kodwa yayikukuthanda kukaYehova ukuba uPawulos aye kushumayela eRoma. (IZe 23:11) Umtshana kaPawulos wasindisa uPawulos ekufeni kuba waweva amaYuda eceba ukumbulala waza wamxelela. (IZe 23:16) Eli bali likufundisa ntoni . . .
ngabantu abalwa nokuthanda kukaThixo?
ngabantu okanye ngezinto uThixo anokuzisebenzisa ukuze asincede?
ngokuba nesibindi?