UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | IZENZO 25-26
UPawulos Ubhenela KuKesare Aze Azithethelele Phambi KukaKumkani UHerode Agripa
Nangona singafanele sibe nexhala lento esiza kuyithetha xa ‘sirholelwa phambi kweerhuluneli nookumkani’ sifanele ‘sikulungele ukuzithethelela’ kuye wonk’ umntu ofuna ukwazi isizathu sethemba lethu. (Mat 10:18-20; 1Pe 3:15) Ukuba abachasi bazama ukwenza “inkathazo ngommiselo,” singamlinganisa njani uPawulos?—Nd 94:20.
Sisebenzisa amalungelo ethu asemthethweni ukuze sithethelele iindaba ezilungileyo.—IZe 25:11
Siba nembeko xa sithetha nabasemagunyeni.—IZe 26:2, 3
Xa imeko ivuma, siyayichaza indlela iindaba ezilungileyo ezisincede ngayo thina nabanye.—IZe 26:11-20