MEYI 12-18
IMIZEKELISO 13
Ingoma 34 Nomthandazo | Amazwi Okuvula (umz. 1)
1. Ungaqhathwa ‘Sisibane Sabenzi-Bubi’
(imiz. 10)
Abenzi-bubi abanalo ithemba lekamva (IMi 13:9; it-2-E 196 ¶2-3)
Sukuhamba nabantu abenza izinto ezimbi ezibonakala ngathi zilungile (IMi 13:20; w12 7/15 12 ¶3)
UYehova uyalisikelela ilungisa (IMi 13:25; w04 7/15 31 ¶6)
Ubomi babo baleqana nezinto zelihlabathi busenokubonakala bumnandi kodwa inyani kukuba abumnandanga. Kodwa abo benza ukuthanda kukaYehova baza konwabela ukuphila obona bomi banelisayo
2. Ubuncwane ObuseBhayibhileni
(imiz. 10)
IMi 13:24—Le vesi isifundisa ntoni ngothando nengqeqesho? (it-2-E 276 ¶2)
Ziintoni ozithandileyo kufundo lweBhayibhile lwale veki?
3. Ufundo LweBhayibhile
(imiz. 4) IMi 13:1-17 (th isifundo 10)
4. Ukuqalisa Incoko
(imiz. 3) KWINDLU NGENDLU. Emva kokuba uqalise incoko ngento ekuthethwa ngayo ekuhlaleni, mbonise into eseBhayibhileni eza kumenza abe nomdla. (lmd isifundo 2 ingongoma 5)
5. Ukuqalisa Incoko
(imiz. 4) UKUSHUMAYELA NGOKUNGACWANGCISWANGA. Memela umntu oncokola naye kwiintlanganiso. (lmd isifundo 2 ingongoma 3)
6. Intetho
(imiz. 5) lmd isihlomelo A ingongoma 9—Umxholo: Abantwana Ababahloniphayo Nababathobelayo Abazali Babo Baza Kuphumelela. (th isifundo 16)
Ingoma 77
7. “Ukukhanya Kwamalungisa Kuqaqambile”
(imiz. 8) Ingxubusho.
Ilizwi likaThixo linolwazi nobulumko obungenakuthelekiswa nanto. Xa silisebenzisa ukuze likhanyise indlela yethu, siza konwaba size siphile ubomi obubhetele. Leyo yinto ihlabathi elingasoze likwazi ukusinika yona.
Dlala IVIDIYO ethi Ihlabathi Alikwazi Ukukunika Into Elingenayo. Uze ubuze lo mbuzo:
Amava kaDade Gainanshina ayenze yacaca njani indlela okubhetele ngayo “Ukukhanya kwamalungisa” xa kuthelekiswa ‘nesibane sabenzi-bubi’?—IMi 13:9
Ungaze uchithe ixesha lakho uphupha ngezinto zelihlabathi okanye uzisole ngezigqibo ozenzileyo ukuze ukwazi ukukhonza uYehova. (1Yo 2:15-17) Kunoko, nikela ingqalelo ‘kulwazi oluxabisekileyo’ oye walufumana.—Fil 3:8.
8. Iimfuno Zebandla
(imiz. 7)
9. Isifundo SeBhayibhile Sebandla
(imiz. 30) bt isahl. 26 ¶9-17