IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • mwbr25 Meyi iphe. 1-12
  • Iimbekiselo Zencwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iimbekiselo Zencwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela
  • Iimbekiselo Zencwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi WokushuMeyiela—2025
  • Imixholwana
  • MEYI 5-11
  • MEYI 12-18
  • MEYI 19-25
  • MEYI 26–JUNI 1
  • JUNI 2-8
  • JUNI 9-15
  • JUNI 16-22
  • JUNI 23-29
  • JUNI 30–JULAYI 6
Iimbekiselo Zencwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi WokushuMeyiela—2025
mwbr25 Meyi iphe. 1-12

Iimbekiselo Zencwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela

© 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania

MEYI 5-11

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO IMIZEKELISO 12

Ukusebenza Nzima Kuyanelisa

w16.06 30 ¶6

Uphawu Lobuthixo Oluxabiseke Ngaphezu Kweedayimani

Kusenokuba nzima kakhulu ngabanye abakhonzi bakaYehova ukuba bafumane imali eyaneleyo yokondla iintsapho zabo. Kodwa kunokuba bazame iindlela ezilula zokunganyaniseki, basebenza nzima yaye bakhuthele. Ngokwenza oku, babonisa ukuba iimpawu ezintle zikaThixo, eziquka ukunyaniseka, zixabisekile kubo ngaphezu kwazo naziphi na izinto eziphathekayo.—IMizekeliso 12:24; Efese 4:28.

w15 2/1 5 ¶4-6

Indlela Yokonwabela Ukusebenza Nzima

Lo mbuzo wokugqibela ubaluleke kakhulu, kuba umsebenzi uye wanelise kakhulu xa sibona indlela obanceda ngayo abanye. UYesu wathi: “Kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.” (IZenzo 20:35) Ukongezelela kwabo bancedakala ngokuthe ngqo—abathengi nabaqeshi—kukho nabanye abancedwa kwangulo msebenzi wethu; amalungu eentsapho zethu nabanye abadinga uncedo.

Amalungu eentsapho zethu. Xa intloko ntsapho isebenza nzima ukuze inyamekele abendlu yayo, ibanceda ngeendlela ezimbini. Okokuqala, iyaqiniseka ukuba banezinto eziyimfuneko ebomini—ukutya, impahla, kunye nendawo yokufihla intloko. Ngaloo ndlela iphumeza imbopheleleko eyinikwe nguThixo ‘yokulungiselela abo bangabayo.’ (1 Timoti 5:8) Okwesibini, intloko ntsapho ekhutheleyo ifundisa ngomzekelo wayo ukubaluleka kokusebenza nzima. UShane ocatshulwe kwinqaku elidluleyo uthi: “Utata ngumzekelo omhle womntu osebenza nzima. Yindoda enyanisekileyo eye yasebenza nzima ubomi bayo bonke, ixesha elininzi ichwela. Kumzekelo wakhe, ndifunde ukubaluleka kokusebenza ngezandla, ndisakha izinto eziza kusetyenziswa ngabanye abantu.”

Abo basweleyo. Umpostile uPawulos wacebisa amaKristu ukuba ‘asebenze nzima, ukuze abe nento yokwabela lowo usweleyo.’ (Efese 4:28) Yinyaniso ukuba xa sisebenzela thina neentsapho zethu, siya kutsho sikwazi nokunceda abo basweleyo. (IMizekeliso 3:27) Ngoko ukusebenza nzima kungasinceda sifumane uvuyo lokukwazi ukupha.

Ubuncwane ObuseBhayibhileni

ijwyp inqaku 95 ¶10-11

Ndikwazi Kangakanani Ukunyamezela?

● Khawuzame ukucinga ukuba ingxaki onayo inkulu kangakanani. unda ukuwubona umahluko phakathi kweengxaki ezinkulu nezincinci ezenzekayo. IBhayibhile ithi: “Isidenge sizibonakalisa kwangoko xa sicaphukile, kodwa umntu osisilumko akasihoyi isithuko.” (IMizekeliso 12:16) Ayizizo zonke iingxaki onazo ezimele zikukhathaze.

“Esikolweni, abantwana babekuthanda ukukhalaza kakhulu ngeengxaki ezincinci. Emva kokuxhaswa ngabahlobo abakwiiwebhsayithi zokuncokola kulo ngxaki, loo nto yayibenza bacinge ukuba banesizathu esivakalayo sokucaphuka, baze emva koko bangakwazi ukuzijonga ngendlela efanelekileyo iingxaki zabo.”—UJoanne.

MEYI 12-18

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO IMIZEKELISO 13

Ungaqhathwa ‘Sisibane Sabenzi-Bubi’

it-2 196 ¶2-3

Isibane

Enye indlela elisetyenziswa ngayo eli gama. Isibane sinokufaniswa nento axhomekeke kuyo umntu ukuze akhanyise indlela yakhe. Ngokwendlela elisetyenziswe ngalo eli gama kulo mzekeliso libonisa umahluko phakathi kwelungisa nomenzi bubi lithi: “Ukukhanya kwamalungisa kuqaqambile, kodwa isibane sabenzi-bubi siza kucinywa.” (IMi 13:9) Isibane samalungisa siza kuqhubeka sikhanya nangakumbi. Kwelinye icala nokuba isibane sabantu abenza izinto ezimbi sibonakala ingathi sikhanya kakhulu futhi bebonakala ingathi bayaphumelela na, uThixo uzakuqinisekisa ukuba baphelela ebumnyameni, apho ngokuqinisekileyo unyawo lwabo luza kukhubeka. Uzakuvuna loo miphumo umntu othuka abazali bakhe.—IMi 20:20.

Xa ‘isibane somntu sicinyiwe’ loo nto ikwathetha ukuba akanakamva. Imizekeliso ithi: “nabani na owenza izinto ezimbi akanalo ikamva; Isibane sabenzi-bubi siza kucinywa.”—IMi 24:20.

w12 7/15 12 ¶3

Khonza UThixo Wenkululeko

3 Ukuba uSathana wakwazi ukuhenda abantu ababini abafezekileyo—singasathethi ke ngentaphane yezidalwa zomoya awazilukuhlayo ukuba zigatye ulongamo lukaThixo—unokusihenda nathi. Usasebenzisa amacebo afanayo. Uzama ukusilahlekisa ukuze sicinge ukuba imilinganiselo kaThixo iluxanduva, yaye isivimba uyolo nochulumanco. (1 Yoh. 5:3) Ezo ngcinga zisenokusongamela ukuba sisoloko siphakathi kwabantu abathetha ngazo. Omnye udade oneminyaka engama-24 ubudala owaziphatha kakubi ngokwesini uthi: “Ndachanwa kukuba nabahlobo abangalunganga, yaye eyona yabangela oko kukuba ndandikoyika ukwahluka kubo.” Mhlawumbi nawe uye wasisisulu sengcinezelo yoontanga efanayo.

w04 7/15 31 ¶6

“Wonk’ Ubani Onobuqili Uya Kwenza Ngokwazi”

Umntu osisilumko nothe tye osebenzisa ulwazi oluchanileyo uya kusikelelwa. USolomon usiqinisekisa esithi: “Ilungisa lidlela ukwanelisa umphefumlo walo, kodwa isisu sabangendawo siya kulamba.” (IMizekeliso 13:25) UYehova uyakwazi okusilungeleyo kuzo zonke iinkalo zobomi bethu—kwintsapho, kulwalamano lwethu nabanye, kubulungiseleli bethu, okanye xa siqeqeshwa. Yaye ukusisebenzisa ngobulumko isiluleko esifumaneka kwiLizwi lakhe, ngokungathandabuzekiyo siya kuphila ubomi obumyoli.

Ubuncwane ObuseBhayibhileni

it-2-E 276 ¶2

Uthando

Uthando luyakwazi ukulahlekisa. Ngokwezi zizathu zilandelayo, kuyacaca ukuba umntu unokuba nalo uthando olunyanisekileyo nolungalahlekisiyo. Loo nto inokwenzeka xa ecela naxa ekhokelwa ngumoya kaThixo nolwazi esilufumana kwilizwi lakhe iBhayibhile. Ngokomzekelo, umzali unokubonisa uthando kumntwana wakhe. Kodwa angavumela olo thando lumlahlekise ngenxa yendlela aziva ngayo, aze anike umntwana wakhe yonke into ayifunayo angakwazi ukuthi hayi. Ngokwenza njalo akalisebenzisi ilungelo analo njengomzali lokuqeqesha nelokumnika isohlwayo. (IMi 22:15) Nisenokubonakala ngathi niyamthanda umntwana wenu kodwa enyanisweni eyona nto niyibonisayo libhongo eninalo entsatsheni, loo nto ibonisa ukuzicingela. IBhayibhile iyabonisa ukuba umntu onjalo akabonisi thando, kodwa ubonisa inzondo, kuba akayenzi into ezakusindisa ubomi bomntwana wakhe.—IMi 13:24; 23:13, 14.

MEYI 19-25

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO IMIZEKELISO 14

Cingisisa Ngento Oza Kuyenza Xa Kwehle Intlekele

w23.02 22-23 ¶10-12

Buxabise Ubomi Obuphiwe NguThixo

10 Ngamany’ amaxesha kubakho izinto eziyingozi esingenakukwazi ukuzinqanda ukuba zingenzeki. Ezi zizinto ezifana neentlekele, izifo ezigqugqisayo nezidubedube. Xa kusenzeka ezi zinto, sinokuhlala sikhuselekile size sisinde ngokuthobela urhulumente xa esithi masiyishiye indawo esihlala kuyo naxa esinika eminye imiyalelo. (Roma 13:1, 5-7) Ezinye izinto eziyingozi zisenokubonwa ziseza, ngoko simele sithobele urhulumente xa esixelela izinto emasizenze ukuze sizilungele. Ngokomzekelo, kunokusinceda ukuqiniseka ukuba sinamanzi, ukutya okungonakaliyo nezinto zoncedo lokuqala.

11 Yintoni esimele siyenze xa kukho isifo esosulelayo kwindawo esihlala kuyo? Simele sithobele imithetho karhulumente enjengokuhlamba izandla qho, ukungasondelelani, ukunxiba imask, nokuba umntu ofunyenwe seso sifo ahlale yedwa. Xa sikukhuthalele ukwenza ezi zinto, sibonisa ukuba siyabuxabisa ubomi esibuphiwe nguThixo.

12 Xa kukho intlekele, sisenokuva izinto ezingeyonyani ezithethwa ngabahlobo bethu, abamelwane nkqu nasezindabeni. Kunokuba sikholelwe “yonke into,” simele simamele izinto ezinokuthenjwa ezithethwa ngurhulumente noogqirha. (Funda iMizekeliso 14:15.) IQumrhu Elilawulayo neeofisi zamasebe zenza yonke into ezinokuyenza ukuze zifumane inyani ngaphambi kokuba ziyalele amabandla ngendlela yokuqhuba iintlanganiso nokushumayela. (Heb. 13:17) Xa siyithobela loo miyalelo, siza kuzikhusela, sikhusele nabanye abantu. Kunokude kuthethwe kakuhle ngamaNgqina KaYehova.—1 Pet. 2:12.

w24.07 5 ¶11

Yiba Nesibindi NjengoTsadoki

11 Sinokuba naso njani isibindi njengoTsadoki xa kufuneka sincede abazalwana noodade abasengozini? (1) Thobela imiyalelo. Kwiimeko eziyingozi, kubaluleke kakhulu ukuba sihlale simanyene. Yithobele imiyalelo esuka kwiofisi yesebe. (Heb. 13:17) Abadala bamele bahlale beyihlola imiyalelo yokulungiselela intlekele esuka kwintlangano, neyezinto ekufuneka zenziwe xa isenzeka, bahlale bewahlola namalungiselelo asekuhlaleni exesha lentlekele. (1 Kor. 14:​33, 40) (2) Yiba nesibindi kodwa ulumke. (IMize. 22:3) Cinga ngaphambi kokuba wenze. Sukuzifaka engozini ngokungeyomfuneko. (3) Thembela ngoYehova. Khumbula ukuba eyona nto uYehova ayifunayo kukuba ukhuseleke, kukhuseleke nabazalwana noodade. Unokukunceda ukhuseleke xa ubanceda.

Ubuncwane ObuseBhayibhileni

it-2-E 1094

Ukusebenzisa Ingqondo

Umntu owasebenzisa kakuhle amandla akhe okucinga akasoloko ethandwa ngabanye abantu. Le ndlela yokucinga ichaziwe kakuhle kwi Mizekeliso 14:17 ithi: “Umntu osebenzisa ingqondo uyacatshukelwa.” Amaxesha amaninzi abantu abangakwaziyo ukucinga kakuhle ababathandi abantu abawasebenzisa kakuhle amandla abo okucinga. Ngokufanayo, abantu abazisebenzisa kakuhle iingqondo zabo ekwenzeni ukuthanda kukaThixo bayacatshukelwa. Njengoko noYesu Kristu watshoyo: “Kodwa aningabo abehlabathi, kuba ndinikhethile, yiloo nto linicaphukela.” (Yoh 15:19) Ewe kona, ngokoqobo igama elithi “Osebenzisa Ingqondo” kwiMizekeliso 14:17 linokuquka iingcinga ezingendawo. Ngoko ke, lo mbhalo usenokuthetha ukuba umntu owenza izinto ezimbi uyacatshukelwa, yaye nezinye inguqulelo zifundeka ngolu hlobo: “Kodwa umntu owenza izinto ezimbi uyacatshukelwa”—JP, Ro.

MEYI 26–JUNI 1

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO IMIZEKELISO 15

Nceda Abanye Bavuye

w10 11/15 31 ¶16

Siya Kuhamba Engqibelelweni Yethu!

16 UYobhi wayebuk’ iindwendwe. (Yobhi 31:31, 32) Enoba asizozityebi, ‘sinokulandela ikhondo lokubuk’ iindwendwe.’ (Roma 12:13) Sinokudla nabanye isidlo nje esilula, sikhumbula ukuba “silunge ngakumbi isidlo semifuno apho kukho uthando kunenkunzi yenkomo eyondliwe emkhumbini kunye nentiyo.” (IMize. 15:17) Ukuhlala uncokole kamnandi nomnye umgcini-wengqibelelo ninandiphe isidlo, enoba sisidlo nje esilula kunokuba mnandi yaye kunikhuthaze ngokomoya.

w18.04 23-24 ¶16-18

Masikhuthazane ‘Nangakumbi’

16 Siya kuba siyaphazama ukuba sicinga ukuba asinakukwazi ukukhuthaza abantu kuba singengomancoko indalo. Akukho nto ininzi efunekayo ukuze sikhuthaze abantu, nokuncuma nje xa sibulisa umntu kunokwanela. Ukuba loo mntu akatyhilekanga, kungenzeka ukuba kukho into emkhathazileyo, ukummamela kunokumthuthuzela.—Yak. 1:19.

17 UHenri, oneminyaka eyi-20, waba buhlungu kakhulu xa abantu bakowabo nkqu notata wakhe, owayengumdala owaziwayo, bayishiyayo inyaniso. Wakhuthazwa ngumveleli wesiphaluka owamkhuphayo bayokuphunga ikofu waza wamvumela ukuba achaze intlungu yakhe. Waqonda ukuba, ukuba ufuna ukunceda abantu bakowabo babuyele enyanisweni kufuneka aqhubeke ethembekile. Waqiniswa nangamazwi akwiNdumiso 46; kuZefaniya 3:17; nakuMarko 10:29, 30.

18 Into eyenzeka kuMarthe noHenri ibonisa ukuba sonke sinokukwazi ukubakhuthaza abazalwana noodade abafuna ukuthuthuzelwa. UKumkani uSolomon wabhala wathi: “Hayi indlela elilunge ngayo ilizwi elithethwa ngexesha elifanelekileyo! Amehlo aqaqambileyo avuyisa intliziyo; ingxelo elungileyo ityebisa amathambo.” (IMize. 15:23, 30) Nokufunda iMboniselo nezinto ezikwiwebhsayithi yethu kunokumhlaziya umntu otyhafileyo. UPawulos wathi sinokukhuthazwa nakukucula iingoma zoBukumkani kunye. Wathi: “Qhubekani nifundisana kwaye nilulekana ngeendumiso, ngemibongo kuThixo, ngeengoma zokomoya ninombulelo, nimvumela ezintliziyweni zenu uYehova.”—Kol. 3:16; IZe. 16:25.

Ubuncwane ObuseBhayibhileni

ijwbq inqaku 39 ¶3

Ngaba UmKristu Unokulwamkela Unyango?

2. Ngaba ndifanele ndiye kugqirha wesibini okanye wesithathu ukuze ndive ukuba bona bathini? ‘Uninzi lwabacebisi’ lubalulekile, ingakumbi xa imeko okuyo inzima kakhulu.—IMizekeliso 15:22.

JUNI 2-8

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO IMIZEKELISO 16

Imibuzo Emithathu Esinceda Senze Izigqibo Ezifanelekileyo

w14 1/15 19-20 ¶11-12

Ukwenza Ukhetho Lobulumko Ngoxa Uselula

11 Olona lonwabo silufumana xa sikhonza uYehova. (IMize. 16:20) Kuyabonakala ukuba uBharuki, unobhala kaYeremiya wakulibala oku. Ngaxa lithile, wayengasakunandiphi ukukhonza uYehova. UYehova wathi kuye: “Uyaqhubeka uzifunela izinto ezinkulu. Musa ukuqhubeka uzifuna. Kuba yabona, ndiyizisela intlekele inyama yonke, . . . yaye ndiza kukunika umphefumlo wakho ube lixhoba kuzo zonke iindawo osenokuya kuzo.” (Yer. 45:3, 5) Ucinga ukuba yintoni eyayinokwenza uBharuki onwabe—kukuzifunela izinto ezinkulu okanye ukusinda xa kwakutshatyalaliswa iYerusalem?—Yak. 1:12.

12 Omnye umzalwana owafumana uvuyo ekukhonzeni abanye nguRamiro. Uthi: “Ndiphuma kwintsapho ehluphekayo kummandla okwiiNtaba zeAndes. Xa umkhuluwa wam wathi uza kundisa eYunivesithi, yaba yinto enkulu leyo. Kodwa ke ndandisandul’ ukubhaptizwa ndisiba liNgqina likaYehova, ibe ndandicelwe ngomnye uvulindlela ukuba ndishumayele naye kwenye idolophu encinane. Ndaya kuloo dolophana, ndafunda ukucheba iinwele ndaza ndazivulela ishishini ukuze ndizixhase. Abantu babezixabisa iZibhalo esibafundisa zona. Kamva, ndangena kwibandla elalisandul’ ukusekwa lolwimi lwasekuhlaleni. Ngoku sekudlule iminyaka elishumi ndingumshumayeli wexesha elizeleyo. Awukho omnye umsebenzi obunokundinika uvuyo olufana nolu lokunceda abantu beve iindaba ezilungileyo ngolwimi lwabo.”

w13 9/15 17 ¶1-3

Ngaba Utshintshile?

WONKE umntu uyaphenjelelwa yindlela akhuliswa ngayo nendawo akhulela kuyo. Abantu baneendlela zabo zokunxiba; bathanda ukutya okuthile, baze benze izinto ngendlela ethile. Kutheni kunjalo nje? Phakathi kwezinye izinto, baphenjelelwa ngabantu abaphila nabo kunye neemeko abaphila phantsi kwazo.

2 Noko ke, kukho izinto ezithile ezibaluleke ngakumbi kunohlobo lokutya nendlela yokunxiba esiyithandayo. Ngokomzekelo, sikhuliswa ngendlela yokuba sizazi izinto ezifanelekileyo nezamkelekileyo nokuze siphephe ezo zingafanelekanga nezingafunwayo. Abantu bayahluka nakwindlela abenza ngayo kwezinye zezi nkalo, kuxhomekeka kukhetho lomntu ngamnye. Ukhetho esilwenzayo lude lutyhile nobunjani besazela sethu. IBhayibhile iyavuma ukuba ‘abantu beentlanga abangenawo umthetho badla ngokwenza ngemvelo izinto zomthetho.’ (Roma 2:14) Ngaba oku kuthetha ukuba lo gama nje kungekho mthetho ungqalileyo kwiLizwi likaThixo, singenza nantoni na silandela imilinganiselo esikhuliswe ngayo neqhelekileyo ekuhlaleni?

3 Ubuncinane kukho izizathu ezibini ezibalulekileyo zokuba kungabi njalo kumaKristu. Esokuqala sesokuba, iBhayibhile ithi: “Kukho indlela ethe tye phambi komntu, kodwa ukuphela kwayo ziindlela zokufa.” (IMize. 16:25) Ngenxa yokungafezeki kwethu, asikwazi ngokupheleleyo ukugqiba ngeyona nto iza kusinceda. (IMize. 28:26; Yer. 10:23) Esesibini, iBhayibhile ibonisa ukuba imikhwa nemilinganiselo yehlabathi iphenjelelwa ize ilawulwe nguSathana, “uthixo wale nkqubo yezinto.” (2 Kor. 4:4; 1 Yoh. 5:19) Ngoko ke, ukuba sifuna ukukholisa uYehova aze asisikelele, simele sithobele isibongozo esikwincwadi eya kwabase Roma 12:2.—Yifunde.

Ubuncwane ObuseBhayibhileni

it-1-E 629

Ingqeqesho

Imiphumo Yokuthobela Neyokungathobeli. Abo bangalunganga, izidenge nabo baziphethe kakubi babonisa ukuba bayayicaphukela ingqeqesho kaYehova ngokungayithobeli. (INd 50:16, 17; IMi 1:7) Imiphumo emibi ebangelwa bubudenge obunjalo iphumela kwingqeqesho engakumbi, ukanti amaxesha amaninzi isohlwayo esiqatha. Njengoko incwadi yeMizekeliso ibonisa: “izidenge ziqeqeshwa bubudenge bazo.” (IMi 16:22) Banokuzizisela indlala, ihlazo, izigulo, kwanokufa ngaphambi kwexesha. Imbali yamaSirayeli iyibonisa kakuhle indlela onokuba mkhulu ngayo umphumo. Abazange banikele ngqalelo kuqeqesho xa babelungiswa yaye besohlwaywa kusetyenziswa abaprofeti. UYehova wayeka ukubakhusela nokubasikelela ngenjongo yokubaqeqesha, kodwa abazange bayithobele loo ngqeqesho. Ekugqibeleni, njengokuba babexelelwe baqeqeshwa kabuhlungu ngokuthi boyiswe baze bathinjwe.—Yer 2:30; 5:3; 7:28; 17:23; 32:33; Hos 7:12-16; 10:10; Zef 3:2.

JUNI 9-15

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO IMIZEKELISO 17

Hlalani Ninoxolo Emtshatweni

g 9/14 11 ¶2

Indlela Yokuyeka Ukuba Nenzondo

Khawuzifune. IBhayibhile iyavuma ukuba abanye abantu ‘batyekele emsindweni.’ (IMizekeliso 29:22) Ngaba unjalo nawe? Zibuze: ‘Ngaba ndingumntu onengcwangu? Ngaba ndiyakhawuleza ukuba nomsindo? Ngaba ndicatshukiswa nazizinto ezingenamsebenzi?’ IBhayibhile ithi: “Oqhubeka ethetha ngombandela wahlukanisa abazanayo.” (IMizekeliso 17:9; INtshumayeli 7:9) Oko kunokwenzeka nasemtshatweni. Ngoko ukuba ungumnt’ okhawulezayo ukuba nenzondo, khawuzibuze, ‘Ngaba ndingazama ukuhlis’ umoya ndize ndingacaphuki msinyane?’—Umgaqo weBhayibhile: 1 Petros 4:8.

w08 5/1 10 ¶6–11 ¶1

Ukucombulula Iingxaki

1. Bekani ixesha lokuxubusha ngengxaki. “Yonke into inexesha layo elimisiweyo, . . . kukho ixesha lokuthi cwaka nexesha lokuthetha.” (INtshumayeli 3:1, 7) Njengokuba sibonile kwincoko engasentla yesibini, ezinye iingxaki zinokuvus’ umnyele. Ukuba nakuwe kwenzeka into efanayo, zicenge ungathethi okwexeshana—‘uthi cwaka’—ngaphambi kokuba ungakwazi ukuzibamba. Ulwalamano lwenu luya kuba luhle ukuba uthobela icebiso leBhayibhile elithi: “Ukuqala kosukuzwano kunjengovulela amanzi; ngoko ngaphambi kokuba kuvele ingxabano, rhoxa.”—IMizekeliso 17:14.

Noko ke, likwakho “nexesha lokuthetha.” Xa iingxaki zingalungiswa zinokuqhama njengokhula. Ngoko ke, musa ukuzibetha ngoyaba iingxaki kuba nje unethemba lokuba ziza kuzilungela. Ukuba uyayinqumamisa ingxubusho, lihlonele iqabane lakho ngokubeka elinye ixesha eniza kuphinda nithethe ngalo. Ngokwenjenjalo niya kube nithobela isiluleko seBhayibhile esithi: “Malingatshoni ilanga nicaphukile.” (Efese 4:26) Nawe ufanele ubambelele elizwini lakho.

Ubuncwane ObuseBhayibhileni

it-1 790 ¶2

Imehlo

Indlela umntu avakalelwa ngayo iyakwazi ukubonakala kwinto eyenziwa ngamehlo akhe. Asenokubonakalisa uvelwano okanye ukungabikho kwalo (Dut 19:13); ‘asenokuqwabaza’ okanye aqhwanyaze xa ubani ebonisa ukugculela okanye ukunganyaniseki. (INd 35:19; IMi 6:13; 16:30) Umntu ongafuniyo ukwenzela omnye umntu into kunokuthiwa uvale okanye ufihle amehlo akhe. (Mat 13:15; IMi 28:27) Amehlo esidenge kuthiwa“alaqaza kwezona ndawo zikude zomhlaba,” ejonge kuyo yonke indawo kodwa kube kungekho nto izinzileyo ayijongileyo, iingcinga zakhe zikuyo yonke indawo ngaphandle kwalapho bezifanele zibekhona. (IMi 17:24) Impilo yomntu, amandla akhe okanye ukonwaba kwakhe kubonakala kwinkangeleko yamehlo akhe. (1Sa 14:27-29; Dut 34:7; Yob 17:7; INd 6:7; 88:9) Ukumkani uYehoshafathi wathi kuYehova: “Amehlo ethu ajonge kuwe.”—2Kr 20:12.

JUNI 16-22

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO IMIZEKELISO 18

Bakhuthaze Abo Bajongene Neengxaki Zempilo

w22.10 22 ¶17

Ubulumko Bokwenene Butsho Ngesikhalo Esikhulu

17 Cinga ngaphambi kokuba uthethe. Ukuba asizigadi izinto esizithethayo, singabakhathaza kakhulu abantu. IBhayibhile ithi: “Amazwi omntu othetha engacinganga ahlaba okwekrele, kodwa ulwimi lwezilumko luyaphilisa.” (IMize. 12:18) Siba seluxolweni nabantu ukuba asihambi sithetha ngezinto abangazenzi kakuhle. (IMize. 20:19) Ukuze izinto esizithethayo zibathuthuzele abantu kunokuba zibakhathaze, simele silifunde qho iLizwi LikaThixo size sicingisise ngalo. (Luka 6:45) Xa siyenza le nto, izinto esizithethayo ziza kufana ‘nomthombo wobulumko’ obathuthuzelayo abantu.—IMize. 18:4.

mrt inqaku 19 ibhokisi

Indlela Yokumelana Nengxaki Yempilo

Mamela kakuhle. Eyona ndlela isebenzayo yokunceda umhlobo kukummamela kakuhle xa efuna ukuthetha. Ungacingi ukuba umele umphendule kuyo yonke into ayithethayo. Ngamanye amaxesha kufuneka nje umamele. Zama ukuba nomonde uze ungayigxeki indlela acinga ngayo. Ungacingi ukuba uyayazi indlela aziva ngayo umhlobo wakho, ingakumbi ukuba akabonakali ukuba uyagula.—IMizekeliso 11:2.

Thetha kakuhle. Usenokungayazi ukuba mawuthini kumhlobo wakho, kodwa ukumchazela ukuba uyavelana naye kubunzima akubo isenokumthuthuzela loo nto kunokuba ungathethi kwanto. Xa ungayazi ukuba mawuthini, sebenzisa amazwi alula njengokuthi “andiyazi ukuba mandithini, kodwa ndifuna uyazi ukuba ndikukhathalele.” Kulumkele ukuthi “kusenokuba kubi kakhulu” okanye “kubhetele kuba wena awuna . . .”

Unokubonisa ukuba umkhathalele umhlobo wakho ngokufunda ngesigulo anaso. Uza kuyivuyela into yokuba ufuna ukwazi ngesigulo sakhe ibe xa uthetha naye uza kuba novelwano. (IMizekeliso 18:13) Kuphephe ukunikela amacebiso xa engakucelanga.

Mnike uncedo aludingayo. Kunokuba ucinge ukuba ungamenzela ntoni mbuze ungamnceda njani. Khumbula nokuba usenokungatsho ukuba uyalufuna uncedo kuba engafuni ukukusokolisa. Xa kunjalo, zama ukumenzela izinto eziza kumnceda, njengokuyomthengela izinto, ukuklina indlu yakhe nezinye izinto.—Galati 6:2.

Ungancami. Njengokuba umhlobo wakho emelana nokugula, ngamanye amaxesha usekungafuni ukuthetha nawe angafumaneki nangona benivumele ukuba niza kudibana. Yiba nomonde uze umcingele. Qhubeka umnika uncedo aludingayo.—IMizekeliso 18:24.

wp23.1 14 ¶3–15 ¶1

Indlela Yokunceda Abo Banezigulo Eziphazamisa Iimvakalelo Zabo

“Nibathuthuzele abakhathazekileyo.” —1 TESALONIKA 5:14.

Kusenokwenzeka ukuba itshomi yakho inexhala kwaye inengxaki yokuzijongela phantsi. Ngokumqinisekisa ukuba umkhathalele unokumthuthuzela kwaye umkhuthaze nokuba awuyazi into omele uyithethe

“Umhlobo wokwenene uthanda ngamaxesha onke.”—IMIZEKELISO 17:17.

Cela ukuba nezinto onokumnceda kuzo. Kunokuba uzicingele ukuba ungamnceda njani, mbuze ukuba ungamnceda ngantoni. Ukuba kunzima kumhlobo wakho ukuba akuxelele eyona nto ayidingayo, mhlawumbi ungazama ukumcela nibe nento eniyenzayo nobabini njengokuthi chu nizihambele okanye ungacela ukumnceda ngokuya evenkileni, ukuklina kunye neminye imisebenzi.—Galati 6:2.

‘Yiba nomonde.’—1 TESALONIKA 5:14.

Itshomi yakho isenokungasoloko ikulungele ukuthetha. Kodwa mqinisekise ukuba xa efuna ukuthetha uzobe umlindile. Ngenxa yesigulo sakhe, itshomi yakho isenokuthetha okanye yenze izinto ezikukhathazayo. Usenokungaphumeleli kwizinto ebenizicebile uze umbone ukuba akaziva kamnandi. Yiba nomonde kwaye uzame ukumqonda njengoko uqhubeka umnceda ngezinto azidingayo.—IMizekeliso 18:24.

Ubuncwane ObuseBhayibhileni

it-2-E 271-272

Iqashiso, I

Ukwenza amaqashiso yindlela eyayisetyenziswa kudala ukuze kwenziwe isigqibo ngombandela othile. Indlela eyayisenziwa ngayo lento kwakuthathwa amatye amancinci aselwandle okanye amaplanga amancinci okanye amatye aze afakwe kumgobo welaphu okanye kwi-vazi aze ahlukuhlwe. Lowo iqashiso lakhe eliye laphuma okanye lakhutshwa yayisiba nguye okhethwayo. Iqashiso, ngokufanayo nesifungo, lalinento yokwenza nomthandazo. Umthandazo wawusenziwa yaye kwakulindelekile ukuba uYehova angenelele. Iqashiso (Heb., goh·ralʹ) lisetyenziswa ngokoqobo nangokomfuziselo ibe lithetha “isabelo” okanye “isahlulo.”—Yos 15:1; INd 16:5; 125:3; Isa 57:6; Yer 13:25.

Indlela elalisetyenziswa ngayo. IMizekeliso 16:33 ithi: “Iqashiso liphoswa emathangeni, kodwa zonke izigqibo zivela kuYehova.” KwaSirayeli indlela elalisetyenziswa ngalo iqashiso yayikukuphelisa ingxabano: “Iqashiso liphelisa ingxabano, lize lidale uxolo phakathi kwabo bangavaniyo.” (IMi 18:18) Lalingasetyenziswa kwezemidlalo, ukungcakaza okanye ukudlala nje. Kwakungekho mntu ubhejayo kuze kubekho umntu oza kuphumelela okanye angaphumeleli. lalingenzelwa ukuba kulungiswe itempile okanye ababingeleli babe zizityebi, ibe lalingasetyenziselwa ukunceda abantu abangathathi ntweni. Ngokuchaseneyo, amajoni aseRoma ayenako ukuzicingela ezingqondweni zawo njengoko kuchaziwe kumbhalo weNdumiso 22:18, benza amaqashiso ngezambatho zikaYesu.—Mat 27:35.

JUNI 23-29

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO IMIZEKELISO 19

Yiba Ngumhlobo Wokwenene Kubazalwana Bakho

w23.11 12-13 ¶16-17

Sinokwenza Ntoni Ukuze Sihlale Sithandana Kakhulu?

16 Jonga izinto ezintle ezenziwa ngabazalwana noodade, uziphose kwelokulibala iimpazamo zabo. Nanku umzekelo. Masithi uhleli nabazalwana noodade, nonwabile kumnandi. Xa nizokwahlukana, ufota iifoto ezintathu kuba kusenokwenzeka enye ingaphumi kakuhle. Kwenye yezo foto ubona umzalwana oqumbileyo. Wenza ntoni ngaloo foto? Uyayikhupha kuba unazo ezimbini apho wonke umntu ancumileyo.

17 Iifoto esizigcinayo sinokuzifanisa nezinto esikhetha ukuzikhumbula. Sidla ngokuzikhumbula izinto ezintle ezenzeke ngamaxesha ebesikunye nabazalwana noodade. Kodwa masithi ngelinye laloo maxesha omnye umzalwana uye wathetha okanye wenza into esikhathazayo. Yintoni esimele siyenze? Simele sizame ukuyilibala, kanye njengokuba besinokuyisusa laa foto ingaphumanga kakuhle. (IMize. 19:11; Efe. 4:32) Singakwazi ukuyilibala impazamo encinci eye yenziwa ngumzalwana okanye udade kuba sikhumbula amaxesha amaninzi ebesonwabe kunye naye. Ngaloo maxesha amnandi ke esifuna ukuhlala siwakhumbula.

w23.07 9-10 ¶10-11

Yiya Umthanda Kakhulu UYehova Nabantu

10 Nathi sikhangela iindlela esinokubanceda ngazo abazalwana noodade. (Heb. 13:16) Khawuve into eyenziwa nguAnna ekuthethwe ngaye kwinqaku elidlulileyo. Emva kwesaqhwithi esasibhudla ngamandla, yena nomyeni wakhe baya kubona enye intsapho yamaNgqina, bafumanisa ukuba uphahla lwendlu yayo luwile. Ngenxa yaloo nto iimpahla zale ntsapho zazimdaka zonke. UAnna uthi: “Sazithatha sayokuzihlamba, saziayina, sazisonga kakuhle emva koko sazibuyisela kubo. Incinci yona le nto sayenzayo, kodwa yasenza sangabahlobo, sisengabo nangoku.” Indlela uAnna nomyeni wakhe ababebathanda ngayo abazalwana noodade yabenza babanceda.—1 Yoh. 3:17, 18.

11 Xa sinobubele ebantwini futhi sibathanda, baye babone ukuba sizama ukulinganisa uYehova. Sisenokungayazi indlela abazixabisa ngayo izinto esibenzela zona. UKhanh ekuthethwe ngaye kwisiqendu ezidlulileyo ubakhumbula kakuhle abantu abamncedayo. Uthi: “Ndibabulela kakhulu bonke oodade endibathandayo ababehamba nam xa besiya entsimini. Babendilanda, bandimeme ndiye kutya nabo, baphinde bandigoduse. Ngoku xa ndicinga ezi zinto babezenza, ndiyabona ukuba kwakungekho lula. Kodwa babekuvuyela ukuzenza.” Kodwa asinakulindela ukuba bonke abantu basibulele ngezinto esibenzela zona. Xa ethetha ngabo babemnceda uKhanh uthi: “Ndifuna ukubenzela izinto ezibonisa ukuba ndiyababulela, kodwa andibazi ukuba bahlala phi. Kodwa yena uYehova uyabazi apho bahlala khona, ngoko ndithandazela ukuba abasikelele ngenxa yezinto abandenzele zona.” Unyanisile uKhanh, uYehova uyazibona izinto esizenzela abantu nokuba zincinci kangakanani. Kuye zifana nombingelelo oxabisekileyo, netyala aza kulibhatala.—Funda iMizekeliso 19:17.

w21.11 9 ¶6-7

Qhubeka Ubonisa Uthando Olungagungqiyo Nakwabanye

6 Namhlanje umntu osele eneminyaka emininzi esebenzela inkampani kuye kuthiwe uthembekile kuloo nkampani. Kusenokwenzeka ukuba njengokuba ekule nkampani zange khe wadibana nabaphathi bayo. Mhlawumbi ngamanye amaxesha ukhe angavumelani nezigqibo ezenziwa ngabaphathi. Kodwa akayeki ukusebenza kuloo nkampani kuba engafuni ukugxothwa, eyidinga nemali. Usebenza apho de afumane iimali zakhe zomhlala-phantsi. Okanye uyeka kuphela xa efumana umsebenzi obhetele kwenye indawo.

7 Umahluko phakathi kokuthembeka ekuthethwa ngako kwisiqendu 6 nothando olungagungqiyo, sisizathu sokuba kuboniswe olo thando. Sasiyintoni isizathu sokuba abakhonzi bakaThixo babonise uthando olungagungqiyo ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile? Zange balubonise kuba benyanzelekile, balubonisa kuba befuna. Cinga ngoDavide. Intliziyo yakhe yamenza wamthanda ngokungagungqiyo umhlobo wakhe uYonatan nangona utata kaYonatan wayefuna ukumbulala. Emva kweminyaka emininzi eswelekile uYonatan, uDavide waphinda wabonisa olu thando kunyana wakhe uMefibhoshete.—1 Sam. 20:9, 14, 15; 2 Sam. 4:4; 8:15; 9:1, 6, 7.

Ubuncwane ObuseBhayibhileni

it-1-E 515

Isiluleko, Umluleki

UYehova unobulumko obungenakulinganiswa nanto. Yena yedwa akakudingi ukucetyiswa. (Isa 40:13; Rom 11:34) Unyana wakhe uyakwazi ukuba “nguMcebisi Omangalisayo,” anikele ukhokelo nolwalathiso, ngenxa yokuba wafumana waza walandela isiluleko sika Tata wakhe ibe unomoya kaThixo. (Isa 9:6; 11:2; Yoh 5:19, 30) Oku kubethelela ukuba ukuze isiluleko sikwazi ukusinceda, kufuneka simvuyise naye uYehova. Naliphi na icebiso elichaseneyo naLowo Uphakamileyo alinakusinceda. Ayiso siluleko kwaphela.—IMi 19:21; 21:30.

JUNI 30–JULAYI 6

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO IMIZEKELISO 20

Ungathandana Njani Ngokuphumelelayo?

w24.05 26-27 ¶3-4

Ninokuthandana Njani Ngendlela Ezukisa UYehova?

3 Ngoxa kumnandi ukuthandana, kuphinda kubaluleke kuba kukhokelela ekubeni abantu batshate. Xa abantu ababini betshata, bafunga phambi koYehova besithi baza kuthandana baze bahloniphane logama nje beza kube bephila kunye. Ngaphambi kokuba senze nasiphi na isifungo simele sicingisise kakuhle ngento esifunga ukuba siza kuyenza. (Funda iMizekeliso 20:25.) Kunjalo ke nangesifungo somtshato. Ukuthandana kunceda abantu bazane kakuhle, bakwazi nokwenza isigqibo esifanelekileyo. Eso sigqibo iba kukutshata, kanti ngamanye amaxesha iba kukwahlukana. Ukwahlukana kwabo akuthethi kuthi benze into engafanelekanga. Kodwa ukuthandana kuwenzile umsebenzi wako; kubancede benza isigqibo esifanelekileyo.

4 Kubalulekile ukuba abantu abangekatshati bakhumbule ukuba isizathu sokuba abantu bathandane kukufuna ukubona ukuba bangatshata na. Le nto ithetha ukuba umntu akazuthandana nomntu aziyo ukuba akasoze amtshate. Ayingobantu abangatshatanga kuphela ekufuneka bayikhumbule le nto, kodwa ngawo onke amaKristu. Ngokomzekelo, abanye bacinga ukuba xa abantu bethandana bamele batshate. Le nto iwenza azive njani amaKristu angatshatanga? Omnye udade ongatshatanga waseUnited States, uMelissa, uthi: “Xa umzalwana nodade bethandana, amanye amaNgqina alindele ukuba batshate. Loo nto yenza ukuba abanye abantu baqhubeke bethandana ngoxa bebona ukuba ayizukusebenza le nto yabo. Abanye baye bakubaleke ngawo omane ukuthandana. Le nto inokubenza bangakhululeki.”

w24.05 22 ¶8

Unokumfumana Njani Umntu Onokutshata Naye?

8 Yintoni onokuyenza ukuze ukwazi ukumfunda umntu onomdla kuye, kodwa yena angayiboni loo nto? Kwiintlanganiso okanye xa amaKristu ezonwabele, usenokumbona ukuba ungumntu onjani, indlela aziphethe ngayo nendlela amthanda ngayo uYehova. Ngoobani abahlobo bakhe futhi yintoni ancokola ngayo? (Luka 6:45) Ngaba izinto azimisele ukuzenza ziyafana nezakho? Usenokuthetha nabadala bebandla lakhe okanye namanye amaKristu amazi kakuhle loo mntu, namthandayo uYehova. (IMize. 20:18) Usenokubuza ngendlela aziwa ngayo nangeempawu zakhe. (Rute 2:11) Njengoko umfunda, qiniseka ukuba awumenzi angakhululeki. Mhloniphe, ungasoloko ufuna ukuba lapho akhoyo, nokwazi yonke into ngaye.

w24.05 28 ¶7-8

Ninokuthandana Njani Ngendlela Ezukisa UYehova?

7 Yintoni onokuyenza ukuze umazi kakuhle umntu othandana naye ukuba ngumntu onjani? Enye yezona zinto onokuzenza kukuthetha phandle, unyaniseke kuye, umbuze imibuzo uze ummamele kakuhle. (IMize. 20:5; Yak. 1:19) Mhlawumbi ninokuzenza kunye izinto eziza kwenza kube lula ukuba nincokole, njengokutya, ukuhamba nithe chuu kwiindawo ezinabantu nokushumayela. Enye into enokuninceda nazane kakuhle kuxa nikunye nabahlobo neentsapho zenu. Ninokwenza nezinto eziza kunenza nibone ukuba ngamnye kuni uba njani kwezinye iimeko naxa nikunye nabantu abahlukahlukeneyo. Khawuve into awazama ukuyenza uAschwin wase Netherlands. Xa ethetha ngexesha laxa wayesathandana noAlicia uthi: “Sasiye senze izinto ezaziza kusinceda sazane. Yayidla ngokuba zizinto ezilula, njengokupheka nokwenza eminye imisebenzi kunye. Loo nto yayinceda ngamnye wethu abone ukuba zeziphi iimpawu ezintle anazo omnye, nezinto angazenzi kakuhle.”

8 Enye into enokuninceda nazane kukufunda kunye ngezinto ekuthethwa ngazo eBhayibhileni. Kaloku xa nitshatile kuza kufuneka nibe nexesha lokwenza unqulo lwentsapho, ukuze uThixo abe ngoyena ubalulekileyo emtshatweni wenu. (INtshu. 4:12) Ngoko kutheni ningazibekeli ixesha lokufunda kunye kwangoku nisathandana? Kakade ke, abantu abathandanayo abakabi yontsapho, nomzalwana akakabi yiyo intloko kadade. Kodwa xa nifunda kunye qho, ngamnye wenu unokutsho abone ukuba omnye umthanda kangakanani uYehova. Ikhona nenye into eyanceda uMax noLaysa baseUnited States. UMax uthi: “Sisaqala ukuthandana safunda iincwadi ezithetha ngokuthandana, umtshato nobomi bentsapho. Ezo ncwadi zasinceda sakwazi ukuthetha ngezinto ezininzi ezibalulekileyo esasingenakukwazi ukusuka nje sincokole ngazo.”

Ubuncwane ObuseBhayibhileni

it-2-E 196 ¶7

Isibane

Ngokutsho kweMizekeliso 20:27, “Impefumlo yomntu sisibane sikaYehova sokuhlolisisa konke okufihlakeleyo ngaphakathi emntwini.” Into umntu ayithethayo, nokuba intle okanye imbi, ityhila ubuntu bakhe okanye umntu anguye ngaphakathi.—Thelekisa IZe. 9:1.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share