IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • mwb25 Julayi iphe. 4-5
  • Julayi 14-20

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Julayi 14-20
  • Ubomi BamaKristu Nomsebenzi WokushuMeyela—Incwadi Yentlanganiso—2025
Ubomi BamaKristu Nomsebenzi WokushuMeyela—Incwadi Yentlanganiso—2025
mwb25 Julayi iphe. 4-5

JULAYI 14-20

IMIZEKELISO 22

Ingoma 79 Nomthandazo | Amazwi Okuvula (umz. 1)

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO

1. Imigaqo Yobulumko Yokukhulisa Abantwana

(imiz. 10)

Nceda abantwana bakho balungele iingxaki ezinzima zobomi (IMi 22:3; w20.10 27 ¶7)

Qala ukubaqeqesha besandokuzalwa (IMi 22:6; w19.12 26 ¶17-19)

Baqeqeshe ngendlela ebonisa uthando (IMi 22:15; w06 4/1 9 ¶4)

Utata usebenzisa iBhayibhile njengoko ecacisela intombi yakhe ngento abafunda ngayo. Ithabhlethi yakhe iveze umfanekiso wenkolelo yokuba umntu uvela kwimfene .

2. Ubuncwane ObuseBhayibhileni

(imiz. 10)

  • IMi 22:29​—Singawusebenzisa njani lo mzekeliso kwimisebenzi esiyenzayo ebandleni, kwaye oko kunokuba nayiphi imiphumo? (w21.08 22 ¶11)

  • Ziintoni ozithandileyo kufundo lweBhayibhile lwale veki?

3. Ufundo LweBhayibhile

(imiz. 4) IMi 22:​1-19 (th isifundo 10)

YIKHUTHALELE INTSIMI

4. Ukuqalisa Incoko

(imiz. 3) KWINDLU NGENDLU. (lmd isifundo 5 ingongoma 4)

5. Ukuqalisa Incoko

(imiz. 4) UKUSHUMAYELA NGOKUNGACWANGCISWANGA. Bonisa umntu indlela anokufumana ngayo inkcazelo enokunceda abazali ku-jw.org/xh. (lmd isifundo 1 ingongoma 4)

6. Intetho

(imiz. 5) ijwyp inqaku 100​—Umxholo: Ndingenza Njani Xa Ndiye Andawuthobela Umthetho Wabazali? (th isifundo 20)

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Ingoma 134

7. Yiba Nomonde, kodwa Ungavumeli Yonke Into

(imiz. 15) Ingxubusho.

Udingeka kakhulu umonde xa ukhulisa abantwana. Abazali bamele bayazi into eyenzekayo ebomini babantwana babo, baze basoloko bechitha ixesha nabo bengangxamanga. (Dut 6:​6, 7) Ukuze abazali bazazi izinto ezisezintliziyweni zabantwana babo, kufuneka bababuze imibuzo baze babamamele kakuhle xa bethetha. (IMi 20:5) Abazali kusenokufuneka bayiphinde kaninzi imiyalelo abayinika abantwana babo ngaphambi kokuba abantwana bayiqonde baze bayisebenzise.

Sekunjalo, abazali abanomonde abavumeli yonke into le. UYehova ubanike igunya lokuba babekele abantwana babo imithetho baze babanike ingqeqesho ebafaneleyo xa bengathobeli.​—IMi 6:20; 23:13.

Funda amaEfese 4:31. Uze ubuze lo mbuzo:

  • Kutheni kungafuneki abazali baqeqeshe abantwana babo benomsindo?

Funda amaGalati 6:7. Uze ubuze lo mbuzo:

  • Kutheni kubalulekile ukuba abazali bafundise abantwana babo ukuba izinto abazenzayo ziza kuba nemiphumo?

Umfanekiso okwividiyo ethi “‘Ninomonde, Nyamezelanani Ngothando’​​—Abantwana Bakho.” uMax umamele intombi yakhe, uSue.

Bukela IVIDIYO ethi ‘Ninomonde, Nyamezelanani Ngothando’​—Abantwana Bakho. Uze ubuze lo mbuzo:

  • Ziintoni ozifundileyo kule vidiyo?

8. Isifundo SeBhayibhile Sebandla

(imiz. 30) lfb “Ileta Evela KwiQumrhu Elilawulayo,” intshayelelo yecandelo 1, nesifundo 1

Amazwi Okuvala (imiz. 3) | Ingoma 6 Nomthandazo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share