IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w24 Februwari iphe. 26-27
  • Yonwaba Njengoko Umlinde Ngomonde UYehova

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Yonwaba Njengoko Umlinde Ngomonde UYehova
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2024
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • KUTHENI UYEHOVA ELINDELE UKUBA SIMLINDE?
  • SINGONWABA NJANI NGOXA SILINDE UYEHOVA?
  • Kunoyolo Ukulindela KuYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • Ngaba Ukulungele Ukulinda Ngomonde?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2017
  • Ngaba Uyakwazi Ukulinda?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • Ngaba Uza Kumlinda UYehova?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2021
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2024
w24 Februwari iphe. 26-27

Yonwaba Njengoko Umlinde Ngomonde UYehova

UKumkani uDavide umi ngakwifestile yendlu yasebukhosini, uqwalasele phandle.

AWULINGXAMELANGA ixesha laxa uYehova eza kuphelisa bonke ububi aze azenze ntsha zonke izinto? (ISityhi. 21:1-5) Soze ungalingxameli! Kodwa akusoloko kulula ukumlinda ngomonde uYehova, ingakumbi xa sineengxaki. Ukuba nethemba lento engade ifike kunokuyigulisa intliziyo. —IMize. 13:12, umbhalo osemazantsi.

Sekunjalo, uYehova ulindele ukuba simlinde ngomonde ukuze azenze izinto ngexesha lakhe. Kutheni efuna simlinde? Sinokonwaba njani ngoxa sisamlindile?

KUTHENI UYEHOVA ELINDELE UKUBA SIMLINDE?

IBhayibhile ithi: “UYehova ulinde ngomonde ukuba anenzelele, ibe uza kunenzela inceba. Kuba uYehova nguThixo owenza ubulungisa. Bayonwaba abantu abaqhubeka belindele kuye.” (Isa. 30:18) Xa uIsaya wayeqala ukubhala la mazwi wayebhekisela kumaYuda anenkani. (Isa. 30:1) Kodwa kwakula maYuda ayekhona awayethembekile ibe loo myalezo wawanika ithemba. Nanamhlanje, la mazwi asabanika ithemba abakhonzi bakaYehova abathembekileyo.

Kufuneka silinde ngomonde kuba noYehova ulinde ngomonde. Unexesha alibekileyo lokuphelisa eli hlabathi, ibe ulinde loo mini naloo yure ifike. (Mat. 24:36) Ngelo xesha, iza kuzicacela into yokuba, izinto uSathana amtyhola ngazo uYehova nabo bamkhonzayo aziyonyani. Emva koko uza kutshabalalisa uSathana nabantu abamxhasayo aze thina ‘asenzele inceba.’

Okwangoku, uYehova usenokungaziphelisi iingxaki esinazo, kodwa uyasiqinisekisa ukuba sinako ukonwaba ngoku sisalindileyo. Njengokuba uIsaya wayetshilo, sinokukwazi ukonwaba ngoku sisalinde ukuba kwenzeke le nto siyifunayo. (Isa. 30:18) Singonwaba njani? Ezi zinto zine ziza kusinceda.

SINGONWABA NJANI NGOXA SILINDE UYEHOVA?

Cinga ngezinto ezintle ezenzekayo ebomini bakho. UKumkani uDavide wabona izinto ezininzi ezimbi ebomini bakhe. (INdu. 37:35) Kodwa wabhala wathi: “Yithi cwaka phambi koYehova uze ulindele kuye ngomonde. Makangakucaphukisi umntu ophumelelayo kumaqhinga akhe.” (INdu. 37:7) UDavide naye walithatha eli cebiso kuba wayesoloko ecinga ngethemba losindiso. Wayenombulelo nangazo zonke izinto uYehova amenzele zona. (INdu. 40:5) Nathi, ukuba sihlala sicinga ngezinto ezintle ezenzekayo ebomini bethu size singazihoyi kakhulu iingxaki esinazo, kuza kuba lula ukuba simlinde ngomonde uYehova.

Sebenzisa lonke ithuba onalo ukuze udumise uYehova. Umbhali weNdumiso 71, ekubonakala ukuba yayinguDavide, wathi kuYehova: “Ndiza kuhlala ndilindile; ndiza kukudumisa ngakumbi.” (INdu. 71:14) Wayeza kuyenza njani le nto? Wayeza kuxelela abanye ngoYehova aze amculele iingoma ezimdumisayo. (INdu. 71:16, 23) Nathi sinokonwaba njengoDavide ngoxa sisalinde uYehova. Siyamdumisa xa sishumayela, xa sithetha nabahlobo bethu ngaye naxa sicula iingoma zethu zoBukumkani. Xa uphinda ucula enye yeengoma zethu zama ukucingisisa ngamazwi ayo nendlela ekwenza uvuye ngayo.

Hlala nabazalwana noodade ukuze bakukhuthaze. Xa uDavide wayeneengxaki, wathi kuYehova: “Phambi kwabantu bakho abathembekileyo, ndiza kuthembela ngegama lakho, kuba lilungile.” (INdu. 52:9) Nathi sinokukhuthazwa ngabazalwana noodadewethu xa sikwiintlanganiso, xa sishumayela nabo naxa sizipholele nje.—Roma 1:11, 12.

Qinisa ithemba lakho. INdumiso 62:5 ithi: “Ndiza kuthula, ndilindele kuThixo kuba livela kuye ithemba lam.” Kufuneka ithemba lethu liqine, ingakumbi ukuba isiphelo asifiki ngelixesha ebesicinga ukuba siza kufika ngalo. Kufuneka siqiniseke ukuba izinto asithembise zona uYehova ziza kwenzeka, noba silinde ixesha elide kangakanani na. Sinokuqinisa ithemba lethu ngokufunda iLizwi likaThixo. Ngokomzekelo, sisenokucinga ngeziprofeto eziye zenzeka, ngendlela ababhali beBhayibhile abavumelana ngayo nezinto asixelela zona ngaye uYehova. (INdu. 1:2, 3) Enye into, kufuneka siqhubeke sithandaza ‘sinomoya oyingcwele,’ ukuze sihlale singabahlobo abasondeleyo bakaYehova ngoxa silinde isithembiso sakhe sobomi obungunaphakade ukuba senzeke.—Yude 20, 21.

Imifanekiso: Udade osele ekhulile ucingisisa ngento ayifunda eBhayibhileni. Ecaleni kwakhe kukho iipilisi ezininzi. 1. Ushumayela ngetroli ehleli kwiwheelchair aze ancokole nelinye ibhinqa. 2. Wonwabe nabanye abazalwana noodade. 3. Uyathandaza.

NjengoKumkani uDavide, kufuneka siqiniseke ukuba uYehova uyabajonga abo bamlindileyo ibe ubabonisa nothando lwakhe olungagungqiyo. (INdu. 33:18, 22) Hlala umlinde ngomonde uYehova ngokucinga ngezinto ezintle ezenzekayo ebomini bakho, ngokumdumisa, ngokukhuthazwa ngamanye amaKristu nangokugcina ithemba lakho liqinile.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share