IAngola
Imfazwe nokunqongophala kokutya, izifo eziqengq’ ugodo, ukubandezelwa nokubulawa ngamadoda azipheth’ okwamarhamncwa asendle—kumfuziselo wamadoda aphalisa amahashe eSityhilelo, iBhayibhile yakuxela kwangaphambili konke oku kwenzeka kulo mhla wethu. (ISityhi. 6:3-8) Wonk’ umhlaba uye wachaphazeleka. IAngola ayikhange ibhungce koku.
Kulo lonke eli lizwe, ziye zavakala izingqi zokuphalisa kwala madoda achazwe kwiSityhilelo. Iye yanjani imeko yamaNgqina kaYehova kwezo meko?
AmaNgqina amaninzi ebesoloko ezizisulu zentshutshiso ekrakra. Amanye aye abulawa nangona ebengathabathi cala kwimfazwe yamakhaya enogonyamelo nengapheliyo. Amaninzi aye athwaxwa kanobom yindlala ebangelwa zizidubedube zezobupolitika nezoqoqosho. Noko ke, ayikho into eye yatshabalalisa ukholo lwawo kuYehova uThixo nentembelo yawo kwiLizwi lakhe. Umnqweno wawo onyanisekileyo kukuzingqina ethembekile kuThixo nokunikela ubungqina obucokisekileyo kwabanye ngeenjongo zakhe. Yaye uthando alubonakalisayo omnye komnye lunikela ubungqina obeyisayo bokuba angabafundi bokwenyaniso bakaYesu Kristu.—Yoh. 13:35.
Khawuqwalasele nje le mizekelo mibini ibonisa ukholo lwawo olubalaseleyo. Kwiminyaka engaphezu kwama-40 eyadlulayo, omnye umphathi wamapolisa wathi kwelinye lamaNgqina kaYehova: “Ngokwalapha eAngola . . . intlangano yeWatch Tower iphelile, iphele tu, kugqityiwe ngayo!” Kungekudala emva koko, wagrogrisa elinye iNgqina eliyinzalelwane yaseAngola. Lo mphathi wabuza: “Ngaba uyayazi into eza kwenzeka kuwe?” Ngempendulo ezolileyo lathi: “Ndiyayazi into onokuyenza kum. Kodwa eyona inkulu unokundenza yona kukundibulala. Ngaba ikho onokuyenza engaphezu kwaleyo? Kodwa andiyi kululahla ukholo lwam.” Phezu kwayo nje iminyaka yempatho egadalala ezintolongweni, elo Ngqina uJoão Mancoca labambelela nkqi kweso sigqibo.
Kutshanje, omnye umdala kwiphondo laseHuambo wabhala wathi: “Imeko yethu imaxongo. Ukunqongophala kokutya nokuswela amayeza ngokugqithiseleyo kuyawathwaxa amabandla. Siswele amazwi okuyichuba kakuhle imeko nempilo yabazalwana bethu.” Kodwa wakwathi: “Nangona imeko yethu yomzimba inkenenkene, siphile qete ngokomoya. Oku kwenzekayo koko kanye kwaxelwa kwangaphambili kuMateyu isahluko 24 nakweyesi-2 kuTimoti 3:1-5.”
Yintoni ebangela ukuba asabele kakuhle ngolo hlobo naxa ejamelene naloo manzithinzithi? Lukholo nenkalipho ababa nayo abantu xa bebeka ithemba labo, kungekhona kwiziqu zabo okanye kwabanye abantu, kodwa kuBukumkani bukaThixo obulawulwa nguYesu Kristu. Ayazi ukuba kungakhathaliseki ukuba ngubani na ngoku obonakala elawula okanye imeko inzima kangakanani na, injongo kaThixo iya koyisa. Oyiseke ngokupheleleyo ukuba uNyana kaThixo, olawula ezulwini, uya koyisa yaye ngaphantsi kolawulo lwakhe umhlaba uya kuba yiparadesi. (Dan. 7:13, 14; ISityhi. 6:1, 2; 19:11-16) AmaNgqina kaYehova aseAngola azi ngokusuka kumava awo ukuba kwanangoku uThixo unika ababuthathaka amandla angaphaya kwaqhelekileyo ukuze banyamezele.—2 Kor. 4:7-9.
Kodwa ngaphambi kokuba sityatyadule ngembali yabantu bakaYehova eAngola, makhe siphose amehlo nje kancinane kwilizwe abahlala kulo.
Likhangeleka Lisebugxwayibeni Kodwa Linezinto Ezilungileyo
IAngola imi kummandla okumazantsi-ntshona eAfrika, ixhagwe yiDemocratic Republic of Congo emantla, yiNamibia emazantsi, yiZambia empuma noLwandlekazi lweAtlantiki entshona. Ikumhlaba ozizikwekhilomitha ezisisi-1 246 700, phantse ilingane neFransi, i-Itali neJamani xa zidityanisiwe ngobukhulu. Ngobukhulu iphantse iyiphinde malunga nezihlandlo ezili-14 iPortugal, leyo yathi yenza iAngola ithanga layo kwinkulungwane ye-16. Ngenxa yokwenziwa kwayo ithanga ngamaPhuthukezi, bamalunga nama-50 ekhulwini abantu bayo abazibanga bengamaKatolika.
IsiPhuthukezi siselulwimi olusemthethweni, kodwa iAngola inabantu abathetha iilwimi ezininzi. IsiUmbundu, isiKumbundu nesiKikongo zezona lwimi zithethwa kakhulu kwiilwimi ezingaphezu kwama-40 ezithethwa apho.
Kangangeminyaka ubutyebi obuninzi baseAngola bebufuduselwa kwamanye amazwe. Ebudeni bokwenziwa kwayo ithanga, izigidi zamakhoboka zathunyelwa eBrazil, nayo eyayilelinye lamathanga amaPhuthukezi ngoko. Umhlaba ochumayo waseAngola wawukade uvelisa intabalala yeebanana, iimango, iipayinapile, ummoba nekofu. Emva kokuba yothulwe loo dyokhwe yokwenziwa ithanga, uphuhliso lwezoqoqosho lwadodobala ngenxa yokruthakruthwano lwabantu balapho. Nakuba kunjalo, iAngola isenayo imithombo yeoli eselunxwemeni nentlaninge yedayimani nentsimbi. Noko ke, obona butyebi bayo buxabisekileyo bufumaneka kubantu abathobekileyo nabazimiseleyo, kumawaka aye abonisa uthando olunzulu ngeLizwi likaThixo nedinga lakhe lekamva eliqaqambileyo ngaphantsi koBukumkani bukaThixo.
“Siphose isonka sakho phezu kwamanzi”
Ingxelo yokuqala yomsebenzi wamaNgqina kaYehova eAngola yileyo kaGray Smith nomfazi wakhe uOlga, isibini esingoovulindlela esasivela eKapa eMzantsi Afrika. Besuka eGauteng, ngoJulayi 1938 benjenjeya benyuka ngesithuthi sabo esilungiselelwe ukusasaza iintetho zeBhayibhile ezishicilelweyo. Loo nqwelo-mafutha yayizaliswe ziimpapasho zeWatch Tower. Kolo hambo lweenyanga ezintathu, abakwaSmith bafumana imirhumo yeMboniselo yaye bahambisa iiBhayibhile, iincwadi, neencwadana ezingama-8 158. Balusasaza kanobom uncwadi lweBhayibhile begubungela ummandla omkhulu, befikelela kubantu baseBenguela, eLuanda, eSá da Bandeira (ngoku eyiLubango), nakwezinye iidolophu ezikwintshona yeAngola. Noko ke, kwaqhambuka iMfazwe Yehlabathi II kunyaka olandelayo, ngoko kwaba nzima ukuqhagamshelana nabantu ababebonise umdla.
Kangangexesha elithile, kwakungabonakali miphumo ingako kwelo phulo lokushumayela kwabo. Noko ke, umgaqo okwiNtshumayeli 11:1 wangqineka uchanile xa uthi: “Siphose isonka sakho phezu kwamanzi, kuba uya kuphinda usifumane emva kwemihla emininzi.”
Yimbi imbewu yenyaniso ithabatha iminyaka ngaphambi kokuba intshule, njengoko ibonisa ingxelo evela kwiPhondo laseHuíla. Kwiminyaka emininzi emva kwelo phulo lokushumayela kwabakwaSmith, uMnu. Andrade othile wakhumbula ukuba xa wayeneminyaka engama-41 ubudala ehlala eSá da Bandeira, wafumana iimpapasho ezithile zeWatch Tower kumntu owayedlula apho ngenqwelo-mafutha evela eMzantsi Afrika. Ngelo xesha, wafumana incwadi ethi Riches nomrhumo weMboniselo. Wabhalela isebe laseBrazil, yaye elo sebe lenza amalungiselelo okuba angenelwe kwisifundo seBhayibhile sasekhaya ngembalelwano. Noko ke, kamva sapheliswa eso sifundo seBhayibhile xa uMnu. Andrade waphawula ukuba iincwadi zakhe zazivulwa zifundwe. Waphulukana noqhagamshelwano namaNgqina kangangeminyaka emininzi.
Ngowe-1967, uZuleika Fareleiro, owayesandul’ ukubhaptizwa wafudukela eSá da Bandeira. Wayenolwazi nje oluncinane ngenyaniso, yaye ngoko umsebenzi wamaNgqina kaYehova wawuvaliwe kwelo lizwe. Sekunjalo, wayekunqwenela gqitha ukwabelana nabanye ngoko wayekwazi. Waqalisa isifundo seBhayibhile nelinye ibhinqa elamxelela ukuba lazi omnye umkhandi wezihlangu ekubonakala ukuba naye ungowonqulo olufanayo. UDade Fareleiro wathabatha ezinye izihlangu zakhe ukuze ziye kulungiswa, yaye xa wabonisa loo mkhandi wezihlangu incwadi ethi Inyaniso Ekhokelela Kubomi Obungunaphakade, waba ngathi uyaphupha. Wakwazi ukuqalisa isifundo seBhayibhile naye. Loo ndoda yayinguMnu. uAndrade, ngoko owayesele ehamba ngesitulo esinamavili. Wayephazamiseka ngenxa yokuzibonela ngamehlo ukubulawa komfazi wakhe. Ngoko ke, lalibangela umdla kuye ithemba loBukumkani, yaye walimela ngokuqinileyo. Wabhaptizwa njengomnye wamaNgqina kaYehova ngowe-1971 waza wakhonza uYehova ngokunyaniseka de wafa ngowe-1981 eneminyaka engama-80 ubudala. Phezu kwako nje ukuba ngumlwelwe nokwaluphala kwakhe, ukuhlala ekhuthele nokubakho rhoqo kwakhe kuzo zonke iintlanganiso zebandla kwabakhuthaza gqitha abanye.
Umgudu Wokufundisa Nokuphucula Imeko Yabemi BaseAngola
Malunga neminyaka engama-60 eyadlulayo, indoda egama linguSimão Toco yayinxulumana necawa yamaBhaptizi kumantla eAngola. Xa wayefuduka eM’banza Congo eAngola esiya eLéopoldville eBelgian Congo (ngoku eyiKinshasa kwiDemocratic Republic of Congo), uToco wemisa kwikhaya lomnye umhlobo wakhe. Apho wabona umbhalo wephephancwadi iLuz e Verdade (ngoku eliyiDespertai!). Ngaphakathi kwalo kwakukho inguqulelo yesiPhuthukezi yencwadana ethi The Kingdom, the Hope of the World. UToco waba nomdla kuyo, ukanti umhlobo wakhe wayengenawo ngoko, wathi kuToco makayithabathe. Ngaloo ndlela naye watsho waba nalo uncwadi lweBhayibhile olwalupapashwe ngamaNgqina kaYehova.
Emva kokuba efikile eLéopoldville ngowe-1943, uToco wamisela ikwayala yomculo, eyathi ekuhambeni kwethuba yakhula yaba namalungu angamakhulu. Ekubeni wayenqwenela ukufundisa nokuphucula abemi baseAngola awayehlala nabo, waguqulela incwadana ethi The Kingdom, the Hope of the World kwisiKikongo. Ngokuthe ngcembe, kwezo ngoma wayeziqamba wafakela amazwi ethemba loBukumkani nezinye iinyaniso zeBhayibhile awazifundayo. Loo nkcazelo wayeyisebenzisa naxa exubusha ngeBhayibhile namanye amalungu aloo kwayala yakhe. UJoão Mancoca, omnye ummi waseAngola owayesebenza eLéopoldville, waqalisa ukunxulumana neqela lesifundo seBhayibhile likaToco ngowe-1946. Iintlanganiso zaziqhutywa ngeengokuhlwa zangoMgqibelo nangeCawa, yaye uMancoca wayesoloko ephakathi kwababesiza abangama-50 okanye ngaphezulu.
Ngowe-1949 amalungu elo qela avakalelwa ukuba afanele axelele abanye ngoko ayekufunda, ngoko uninzi lwawo lwaya kushumayela eLéopoldville. Oku kwaqhwaya udushe kubefundisi bamaBhaptizi nakumagunya aseBelgium. Kungekudala, abaninzi kwelo qela likaToco babanjwa. UJoão Mancoca wayephakathi kwabo. Bagcinwa eziseleni iinyanga eziliqela. Bandula ke abo babengavumi ukushiya elo qela lalikhula linxulumene noToco yaye bengavumi ukuyeka ukufunda uncwadi lweWatch Tower Society babuyiselwa kwilizwe labo, iAngola. Ekugqibeleni baba malunga ne-1 000.
Loo maPhuthukezi ayesemagunyeni eAngola ayengazi ukuba enze ntoni na ngabo. Ekugqibeleni, abo babethunyelwe emva eAngola basasazwa kwiindawo ezahlukeneyo zelo lizwe.
Kumalunga nelo xesha kanye, ngowe-1950, apho inyaniso yeBhayibhile yavakaliswa kwisixeko sesibini ngobukhulu eAngola, iHuambo ngoko esasisaziwa ngokuba yiNew Lisbon. Kwathabatha ixesha ngaphambi kokuba kubekho inkqubela, kodwa ekugqibeleni uJoão da Silva Wima, uLeonardo Sonjamba, uAgostinho Chimbili, uMaria Etosi, noFrancisco Portugal Eliseu baba phakathi kwabakhonzi bakaYehova abathembekileyo kuloo mmandla. Banceda neentsapho zabo zafunda ngoYehova nemilinganiselo yakhe yobulungisa.
UToco nabanye baya kusetyenziswa kumasimi ekofu emantla. Noko ke, okubuhlungu kukuba uToco wayesele ezijonga ngenye indlela izinto. Ngoxa uToco neqela lakhe babeseseLéopoldville, abalandeli bakaSimão Kimbangu ababesebenzelana nemimoya, babesiya kwiintlanganiso zabo. Ngasihlandlo sithile ebudeni beentlanganiso, beva oko bathi bakugqala njengokuthululwa komoya. Kodwa abazange ‘bawuvavanye ukuze babone enoba loo moya wawuphuma kuThixo kusini na.’ (1 Yoh. 4:1) UJoão Mancoca akazange akholiswe koko njengoko wayebona ufundisiso lweBhayibhile lutyhalelwa bucala ngenxa yokuthembela ‘kwimimoya.’
Emva kokuba bebuyiselwe eAngola, uJoão Mancoca wazifumana sele eseLuanda. UMancoca, ekunye noSala Filemon noCarlos Agostinho Cadi, babongoza abanye kwelo qela labo ukuba banamathele eBhayibhileni yaye bazigatye izenzo ezingavumelaniyo nayo. Kamva, xa uToco wayekummandla osemazantsi, waya kudlula eLuanda. Kwacaca mhlophe ukuba wayephenjelelwe ngakumbi ziinkolelo zabalandeli bakaKimbangu.
Ngenxa yokungcatshwa ngomnye owayenxulumana nelo qela labo, ngowe-1952 uJoão Mancoca, uCarlos Agostinho Cadi noSala Filemon babanjwa baza baya kulahlwa eBaía dos Tigres, intolongo edibene nendawo yokuloba. Bangcatshwa yindoda eyayiboyikisa eyayinabafazi ababini. Ngenxa yemigudu yayo yokuzenza inkokeli yelo qela laseLuanda, abanye baphantse baxhom’ izandla. Kodwa kungekudala ezo ndlela zayo zokunganyaniseki zayibhabhisa kwabasemagunyeni, yaza nayo yaya kuphoswa entolongweni.
Undwendwe Olunothumo Oluntlu-ntathu
Ebudeni bowe-1954 isebe laseMzantsi Afrika lafumana iincwadi ezininzi ezazivela kwiqela eliseBaía dos Tigres. Lalinqwenela ukufumana uncwadi lweBhayibhile. Ngenxa yoko uJohn Cooke, umvangeli wasemazweni weWatch Tower, wathunyelwa eAngola evela eFransi ngowe-1955. Uthumo lwakhe lwaluneenjongo ezintathu: ukuhlola iingxelo zokuba kwakukho amaNgqina ali-1 000 eAngola, ukuzama ukuwanceda ukuba kunokwenzeka, nokubona eyona nto yayinokwenziwa ukuze kumiselwe ngokusemthethweni umsebenzi wamaNgqina kaYehova eAngola. Emva kokuba edibene namaqela amaninzi, olo phando lwakhe lweenyanga ezintlanu lwatyhila ukuba loo maNgqina ayembalwa gqitha kune-1 000. Njengoko ingxelo yenkonzo yowe-1955 yaseAngola yabonisayo, kwakukho abavakalisi beendaba ezilungileyo abangama-30 kwelo lizwe lonke.
Kwathabatha iqela leeveki ngaphambi kokuba amaPhuthukezi asemagunyeni amvumele uJohn Cooke ukuba atyelele uJoão Mancoca neqela elincinane elaliseBaía dos Tigres, kumazantsi eAngola. UMzalwan’ uCooke wavunyelwa ukuba ahlale apho kangangeentsuku ezintlanu, yaye iingcaciso zakhe ngeBhayibhile zamqinisekisa ngakumbi uMancoca nabanye ukuba wayemela intlangano ekhonza uYehova uThixo ngokwenene. Kusuku lokugqibela lolo tyelelo lwakhe, uMzalwan’ uCooke wanikela intetho yesidlangalala enomxholo othi “Ezi Ndaba Zilungileyo ZoBukumkani” kwiqela labantu ababemalunga nama-80, kuquka umphathi waloo ntolongo.
Ebudeni bezo nyanga wayeseAngola, uMzalwan’ uCooke wakwazi ukunxibelelana noToco kwakunye nabantu ababekwiindawo ezahlukahlukeneyo ababemgqala njengenkokeli yabo. Abaninzi kubo bangqineka bengabalandeli nje behlelo likaToco yaye babengenamdla kumsebenzi wamaNgqina kaYehova. Yaba nguAntónio Bizi kuphela, igatyana lomfana waseLuanda owayelangazelela ukufunda okungakumbi ngeenjongo zikaYehova. Ngelo xesha uToco wayevalelwe kwidolophana ekufuphi naseSá da Bandeira, engenamvume yakuthumela okanye afumane ileta.
Utyelelo lukaMzalwan’ uCooke lwaba lukhuthazo olukhulu kwiqela elincinane labathembekileyo ababeseBaía dos Tigres. UMzalwan’ uMancoca ukhumbula ukuba olo tyelelo lwabaqinisekisa ukuba “babengaphambuki.” Lwatyhila nento yokuba, nangona inani lamaNgqina lalilincinane kunengxelo eyayinikelwe, lalisenokwanda. Kwingxelo yakhe, uMzalwan’ uCooke wachaza ukuba abanye kwabo wadibana nabo “babezimisele ukufunda” yaye “kubonakala ukuba intsimi yalapha ichumile.”
Ukufika Kokhuthazo Olungakumbi
Emva konyaka etyelele apho uMzalwan’ uCooke, uMbutho wathumela omnye umzalwana ofanelekileyo, uMervyn Passlow, owaphumelela kwiSikolo saseGiliyadi, kunye nomfazi wakhe uAurora, eLuanda. Babephethe uludwe olwalwenziwe nguJohn Cooke lwabantu abangama-65 ababerhumela nabanye ababenomdla. Ekuqaleni, kwakunzima ukuba abakwaPasslow baqhagamshelane nabo baberhumela, ekubeni amaphephancwadi abo ayefakwa kwiibhokisi zeposi, kungekhona kwiidilesi zamakhaya abo. Kodwa ngelo xesha elinye ibhinqa elinguBerta Teixeira labuyela eLuanda livela ePortugal. Apho lalidibene namaNgqina kaYehova laza labonisa umdla ophawulekayo kwinyaniso yeBhayibhile. Iofisi yaseLisbon yazisa abo bakwaPasslow ukuba laliza kufika, yaye ngokukhawuleza baqalisa nalo isifundo seBhayibhile. Omnye wezalamane zikaBerta wayesebenza eposini yaye wabanceda bafumana iidilesi zabo baberhumela, neyathi inkoliso yabo yaba ngabafundi beBhayibhile abanomdla. Kungekudala babethetha nabahlobo nabamelwane babo. Kwiinyanga nje ezintandathu abakwaPasslow babefunda nabantu abangaphezu kwama-50.
Emva kweenyanga eziliqela befikile abakwaPasslow, baqalisa ukuqhuba izifundo zeBhayibhile rhoqo kwigumbi labo besebenzisa IMboniselo. Ngasekupheleni kwenyanga yokuqala, elo gumbi lalilincinane. UBerta Teixeira wayesebenza kwisikolo esifundisa ulwimi, yaye wanikela ngelinye lamagumbi akhe okufundisela ukuze kuqhutywe iintlanganiso. Emva kweenyanga ezisibhozo kwabakho ubhaptizo lokuqala lwamaNgqina kaYehova eAngola kwinyoba yaseLuanda.
Ngenxa yemeko yaseAngola ngoko, lwalusikelw’ umda unxibelelwano lwabakwaPasslow nabazalwana abantsundu. Kodwa abanye kubo babebatyelela abakwaPasslow. Omnye owayesoloko esiza rhoqo ukuze afundiswe yayinguAntónio Bizi, lowo uJohn Cooke wamfumanisa engumfundi onyanisekileyo. Yaye uJoão Mancoca, owayeseluvalelweni, wabathumelela iileta zokhuthazo.
Noko ke, kungekudala emva kolo bhaptizo lokuqala, urhulumente akazange avume ukuhlaziya amaphepha-mvume abakwaPasslow, ngoko ke, kwafuneka balinikel’ umva elo lizwe. Babenze umsebenzi omhle wokutyala “imbewu” baza bankcenkceshela naleyo yayityalwe ngabanye. (1 Kor. 3:6) Babesele bezakhele nobuhlobo obukhulu nabazalwana baseAngola. Ngenxa yempatho egadalala eyayiboniswa ngabakwantsasana, abakwaPasslow balumkisa abazalwana balapho, ngakumbi abantsundu, ukuba bangezi ukuza kuthi ndlela-ntle. Kodwa olo lwalamano lothando lwalulukhulu gqitha. Abaninzi beza ukuza kubonisa umsa wabo njengoko babesiya kungena kwisango lendawo yokukhwela inqanawa.
UHarry Arnott, umveleli wecandelo, wabatyelela abakwaPasslow ngowe-1958 ngoxa babeseLuanda. NgoFebruwari wowe-1959, xa waphinda wazama ukutyelela iAngola njengomveleli wecandelo, kwakukho iqela elincinane kuquka uMzalwan’ uMancoca noDade Teixeira beze kumhlangabeza kwisikhululo seenqwelo-moya. Noko ke, bengaphozisanga maseko abakwantsasana bangenelela. Bahlula uMzalwan’ uArnott kwelo qela baza baphengulula impahla yakhe.
Noko ke, ekugqibeleni uMzalwan’ uArnott wazifumana sele evalelwe kwigumbi elinye noMzalwan’ uMancoca. Bathi besakubonana, bahleka. Elo polisa alizange liyiqonde le nto yayibahlekisa. Lathetha noMancoca ligqwashula lathi: “Ngaba uyayazi into eza kwenzeka kuwe?” UMzalwan’ uMancoca, ngelo xesha owayesele echithe iminyaka emithandathu ngaphaya kwezitshixo yaye wayesele ebethwe izihlandlo eziliqela, waphendula ngokuzola wathi: “Andinako ukukhala. Ndiyayazi into onokuyenza kum. Kodwa eyona nto imbi kakhulu unokundenza yona kukundibulala. Ngaba ikho onokuyenza engaphezu kwaleyo?” Waqukumbela ngelizwi elinamandla wathi: “Kodwa andiyi kululahla ukholo lwam.” Emva koko wajonga ngaphaya kuMzalwan’ uArnott waza wancuma ngendlela ekhuthazayo. UMzalwan’ uArnott ukhumbula oku: “Kwabonakala ukuba uqinisekile ngemeko yakhe yaye ekuphela kwento awayeyixhalabele kukuqinisekisa ukuba andidinyazwa yiloo meko. Eso yaba sesona sihlandlo sokhuthazo ukubona lo mzalwana untsundu, emva kweminyaka eseluvalelweni, ethabatha ukuma okuqinileyo nokulukhuthazo ngaloo ndlela.”
Yena uMzalwan’ uArnott, wakhutshelwa ngaphandle kwelo lizwe ngaloo nqwelo-moya wayeze ngayo—kodwa emva kokuba bebe nencoko emfutshane neyakhayo kunye noMzalwan’ uMancoca. Emva kweeyure ezisixhenxe encinwa, naye uMzalwan’ uMancoca wakhululwa.
Kwiveki enye emva kweso siganeko, ekugqibeleni uMzalwan’ uMancoca wabhaptizwa kunye nabahlobo bakhe uCarlos Cadi noSala Filemon. Ngelo xesha, kwaqeshwa igumbi eSambizanga, ihlomela-dolophu laseLuanda yaye kulapho ibandla lokuqala elisemthethweni lamaNgqina kaYehova eAngola laqhubela khona iintlanganiso zalo. Ngoko, ayekwazi ukuvula nokuvala iintlanganiso zawo ngengoma, yaye ezo ngoma zatsala ingqalelo yabanye abakufutshane. Abaninzi bachukunyiswa kukuba abo bakhoyo kwiSifundo seMboniselo babe nenxaxheba ebudeni baloo ntlanganiso yaye bavunyelwe nokubuza imibuzo emva kweentlanganiso. Loo ngxubusho, owawungayi kuyifumana ezicaweni zeNgqobhoko, yawuhambisela phambili umsebenzi walapho.
“Ukulumka Njengeenyoka”
Ngowe-1960 umsebenzi wokushunyayelwa kweendaba ezilungileyo eAngola wayeka ukuvelelwa lisebe laseMzantsi Afrika waba phantsi kwelasePortugal. Oku komelela kwamaqhina phakathi kwamaNgqina kaYehova akula mazwe mabini kwakwahlukile kulwalamano lwezobupolitika olwaluya lusiba mandundu phakathi kweAngola nePortugal, eyayisele ilawule iAngola ixesha elide njengethanga.
Ukufumana inkululeko kwelizwe elisebumelwaneni iBelgian Congo nokuqhambuka kwemfazwe yamakhaya emva koko kwaba nempembelelo kanobom kwimeko yezobupolitika yaseAngola. Loo rhulumente wayelawula elo thanga wawabaza ngakumbi amehlo, kodwa akazange akwazi ukuthintela imfazwe yabanqolobi ababelwela inkululeko yaseAngola. NgoJanuwari 1961 kwavuka udushe kumbindi weAngola. Oku kwakhokelela kwilinge lokuzama ukubhukuqa urhulumente waseLuanda ngoFebruwari. Kwandula ke ngoMatshi, emva kwempikiswano ngemivuzo kwingingqi esemantla eKongo ethwaxwe bubuhlwempu, abemi baseAngola babulala amakhulu-khulu abo bangeneleli bangamaPhuthukezi. Oku kwakhokelela kwimpindezelo enkulu.
Ebudeni beyee-1960, kwavuka imibutho emithathu emikhulu eyayinxamnye nokwenziwa ithanga kwelo: iPopular Liberation Movement of Angola (Movimento Popular de Libertac̩ão de Angola; MPLA) yamakomanisi, iNational Front for the Liberation of Angola (Frente Nacional de Libertac̩ão de Angola; FNLA), neNational Union for the Total Independence of Angola (União Nacional para a Independência Total de Angola; UNITA).
Ngokukhawuleza loo mfazwe yamakhaya yabangela iingxaki kwiqela elincinane lamaNgqina kaYehova. Amaziko eendaba awatyabeka ngezityholo zokuba “alihlelo elichasene nobuKristu neliyingozi eluntwini.” Iintatheli zawachaza phosakeleyo amanqaku kaVukani! zaza ngokuphosakeleyo zathi injongo yamaNgqina “kukuthethelela ukuba ayikokuphembelela izenzo zobugrogrisi eziye zenzeka kwiPhondo elisemantla kutshanje.” Ngaphakathi kumfanekiso waloo Vukani! kwakukho umxholwana othi “Ubuxoki bonqulo bubulala ukuzithemba kohlanga.”
Ngelo xesha, onke amaNgqina kaYehova ayesoloko ebekwe phantsi kweliso elibukhali. Zonke iileta ezingenayo zazihlolwa, ngoko ke unxibelelwano nesebe lasePortugal lwalusikelw’ umda yaye kwakunzima gqitha ukufumana uncwadi lweWatch Tower. Abo babefumana naluphi na uncwadi ngeposi babesiba zizisulu zokuncinwa ngamapolisa.
Urhulumente welo thanga wayelumkele nayiphi na intlanganiso yabantu abangaphezu kwababini abangengawo amalungu entsapho enye. Besebenzisa ubulumko, abazalwana bazitshintsha iindawo zeentlanganiso baza bahlanganisana ngokwamaqela amancinane. Noko ke, ngowe-1961 baba li-130 ababekho kwiSikhumbuzo sokufa kukaKristu kuloo nyaka. Emva koko uMzalwan’ uMancoca noFilemon batyelela abo babezile ukuze baqinisekise ukuba baya kufika bekhuselekile emakhaya. Loo nkxalabo yothando bayibonisayo yabomeleza abazalwana babo abangamaKristu.
Ixesha Lovavanyo Oluqatha
Amava kaSilvestre Simão asinika umfanekiso-ngqondweni woko kwakufuneka bajamelane nako abafundi beBhayibhile abatsha ngelo xesha. Ngoxa wayesesesikolweni ngowe-1959, wafumana iphecana elithi “Hell-Fire—Bible Truth or Pagan Scare? [Isihogo Esivuthayo—Ngaba Yinyaniso EseBhayibhileni Okanye Sisoyikiso Sabahedeni?]” kumhlobo wakhe. Kamva wathi: “Ukufunda kwam elo phecana kwabuguqula ubomi bam. Ndathi ndakufunda inyaniso ngesihogo, nto leyo endandifundiswe ukuba ndiyoyike, ngoko nangoko ndayeka ukuya ecaweni ndaza ndaqalisa ukufunda iimpapasho zoMbutho.”
Kuloo maxesha anzima, amaNgqina ayengakhawulezi amemele kwiintlanganiso zawo nabani na obonise umdla. Noko ke, emva kweminyaka emibini avakalelwa kukuba kwakukhuselekile ukumema uSilvestre. Emva kokuya okokuqala kwiintlanganiso, wabuza imibuzo ngokuphathelele iSabatha. Oko wakuvayo kwameyisela ekubeni wayeyifumene inyaniso. Kodwa wayeyixabisa kangakanani? Kwiveki elandelayo, ngoJuni 25, 1961 xa wayeye okwesibini kwiintlanganiso, uxabiso lwakhe ngoko wayekufundile lwavavanywa. Abalindi basemkhosini bayiphelisa loo ntlanganiso. Kwathiwa makaphume phandle onke amadoda aza abethwa ngemibhobho yentsimbi. Omnye wabo bazalwana ukhumbula oku: “Sabethwa ngendlela efana naxa ubani ebulala isilwanyana esingenangqondo—ewe, ngokungathi kuxa amadoda ebulala ihagu ngamagqudu ngaphambi kokuba iye kuthengiswa emarikeni.” USilvestre Simão nabo wayekunye nabo basenezo ziva zokungonjwa. Bandula ke emva koko bakroziswa ukusiwa kwibala lebhola ekhatywayo apho bagagana nehlokondiba labamhlophe ababevath’ iqaqa ngenxa yokulahlekelwa ziintsapho zabo kwidabi elalikumantla eAngola. Amajoni neso sihlwele, kuquka nabanye abamhlophe baphinda bababethel’ ingcwaba abazalwana.
Emva koko uSilvestre nabanye abazalwana baphoswa ezilorini baya kufakwa kwintolongo yaseSão Paulo, ephethwe ngabecuphi ababengenalusini. Baphinda abazalwana babethwa kanobom baza baphoswa esiseleni omnye phezu komnye. Betsho ngeenkenkebula zamanxeba agxiza igazi, bashiywa apho ukuze bafe.
Abasemagunyeni babegqala uJoão Mancoca njengenkokeli yelo qela, ekubeni yayinguye umqhubi weSifundo seMboniselo. Emva kokubethwa kakubi, wathatyathwa esiya kuxhonywa, etyholwa ngokuceba ukuhlasela amadoda amhlophe, ngokwendlela abasemagunyeni abasichaza phosakeleyo ngayo isiqendu senye IMboniselo. UMzalwan’ uMancoca wabuza indlela ababenokuvakalelwa ngayo xa babenokufumana elo phephancwadi linye ezandleni zabamhlophe okanye zentsapho eseBrazil okanye esePortugal? Wacacisa ukuba eli phephancwadi likho emhlabeni wonke yaye lifundwa ngabantu beentlanga zonke. Ukuze bangqinisise oko, abasemagunyeni bamqhuba bamsa kwikhaya lentsapho yamaPhuthukezi engamaNgqina kaYehova. Xa babona kwaelo phephancwadi apho baza bafumanisa ukuba le ntsapho yayifunde kwaloo mbandela mnye, abazange bamxhome. UMzalwan’ uMancoca wabuyiselwa kwabanye abazalwana kwintolongo yaseSão Paulo.
Noko ke, babenganelisekanga bonke. Ukufika kwabo kwintolongo yaseSão Paulo, omnye umlindi wentolongo, icekecekana lomPhuthukezi lamthabatha ukuze “limnyamekele ngokwalo” uMzalwan’ uMancoca. Oko ‘kunyanyekelwa’ kwakuquka ukugcadwa kwilanga elaligqats’ ubhobhoyi imvakwemini yonke engakhange atye nto. Kwandula ke, ngentsimbi yesihlanu, loo mlindi wathabatha isabhokhwe waza waqalisa ukumtshiza kanobom uMzalwan’ uMancoca ukhumbula oku: “Andikaze ndimbone umntu olichule lokuqhama ngesabhokhwe njengaye. Wathi akayi kundiyeka de ndibe ndifile.” Waqhubeka endibetha ngendlela engenalusini kangangeyure, kodwa ekugqibeleni uMzalwan’ uMancoca wayeka ukuva intlungu. Ngequbuliso wasuka wahlelwa bubuthongo kanye ngoku abethwayo. Edinwe eyimfe loo mlindi wayeqinisekile ukuba uMancoca uyafa, ngoko elinye ijoni larhuqa loo mzimba wakhe laza lamfaka ngaphantsi kwebhokisi. Xa kwafika iqela lomkhosi ebusuku lize kuqinisekisa ukuba wayefile, elo joni lalibonisa loo bhokisi wayephantsi kwayo uMancoca laza lalixelela ukuba wayesele efile. Okumangalisayo kukuba, wachacha yaye elo joni lothuka kukumbona ephilile kwiholo yokutyela kwiinyanga ezintathu kamva. Landula ke laxelela uMzalwan’ uMancoca iinkcukacha zoko kwenzekayo ngobo busuku. Oko kuhlelwa bubuthongo ngequbuliso kwaloo mzalwana kwamsindisa ekubulaweni.
UMzalwan’ uMancoca wakwazi ukuphinda aye kwabanye abazalwana, yaye babeqhuba iintlanganiso entolongweni. Izihlandlo ezithathu ebudeni beenyanga ezintlanu bendyondya kwintolongo yaseSão Paulo, kwanikelwa iintetho zesidlangalala kubantu abangama-300 ababekho. Ubungqina obanikelwa entolongweni bawomeleza amabandla angaphandle kuba amabanjwa amaninzi awabonisa umdla enza inkqubela ukusa ekubeni abhaptizwe emva kokuba ekhululwe.
Ebudeni bezo nyanga awazichitha entolongweni, uSilvestre Simão wakwazi ukuthelela iqela elalilapho kuloo nkqubo yokufunda iBhayibhile, ngoko ke, wayefumana ukomelela akufunayo kokomoya. Ukusuka apho amalungu elo qela asiwa kwezinye iintolongo nakwiinkampu zomsebenzi onzima apho ayebethwa kanobom yaye esebenza nzima. Emva kweminyaka emine yokuvalelwa kwiindawo ezahlukeneyo, uSilvestre wakhululwa ngoNovemba wowe-1965. Wabuyela eLuanda, apho wathelela elinye iqela lamaNgqina elalihlanganisana kummandla waseRangel. Ngenxa yokholo lwakhe olwalusele luvavanyiwe, wada wabhaptizwa ngowe-1967. Abanye ababevalelwe, kuquka uMzalwan’ uMancoca, abazange bakhululwe de kwangowe-1970, kodwa baphinda babanjwa kwakhona.
‘Abayi Kuphinda Bafunde Nemfazwe Kwakhona’
Elo lizwe lalithe zwabha emfazweni. Kodwa iBhayibhile ithi xa abantu befunda iindlela zikaYehova, ‘bakhanda amakrele abo abe ngamakhuba nemikhonto yabo ibe zizikere zokuthena imithi’ yaye ‘abaphindi bafunde mfazwe.’ (Isa. 2:3, 4) Yintoni eyayinokwenziwa ngabafana abaselula eAngola?
NgoMatshi wowe-1969 urhulumente waqalisa ukubaphatha gadalala bonke abangafuni kulalanisa kubundilele babo bobuKristu. Phakathi kwabokuqala ukubanjwa kwakukho uAntónio Gouveia noJoão Pereira eLuanda. UMzalwan’ uGouveia wabanjwa emsebenzini wakhe waza waya kuphoswa kwisisele esimdaka. Unina wavunyelwa ukumtyelela emva kweentsuku ezingama-45 ebanjiwe.
UFernando Gouveia, uAntónio Alberto noAntónio Matías babephakathi kwabo babevalelwe eHuambo. Ngenkohlakalo babengonjwa izihlandlo ezithathu ngemini. Nkqu nomama kaFernando akazange amazi emva kokuba ebethiwe. Ekugqibeleni, xa abazalwana babhalela umphathi-mkhosi ileta bechaza impatho egadalala, loo nkohlakalo yapheliswa.
UAntónio Gouveia ukhumbula ezinye zezinto ezabancedayo bakwazi ukunyamezela. Izihlandlo ezininzi, unina wayefihla iphepha leMboniselo koko kutya aze nako. “Oko kwasinceda sahlala siphaphile. Kwasenza sahlala siphilile ngokomoya.” Ukwathi: “Sasidla ngokushumayela eludongeni ngawo nawuphi na umbandela weBhayibhile othi qatha ezingqondweni zethu.” Ukuze bahlale bevuya, abanye abazalwana babedla ngokuba noburharha. Ngelizwi elikhulu, ngokungathi bamemeza isiganeko esibalulekileyo, babedla ngokuchaza elona nani likhulu leempukane abazibuleleyo kwezo zisele zabo.
Phakathi kwabo babevalelwe eAngola kwakukho abafana abathandathu ababevela ePortugal bethunyelwe apho ukuze baye kusebenza emkhosini kodwa ngenxa yesazela sabo abavuma ukwenjenjalo. Omnye wabo, uDavid Mota, ukhumbula oku: “Izihlandlo ezininzi sasikuva ukukhuselwa nguYehova. Abasemagunyeni babesebenzisa iindlela ezininzi bezama ukwaphula ingqibelelo yethu, benikela ingqalelo kwabanye bethu ababengekabhaptizwa. Elinye iqhinga ababelisebenzisa rhoqo kukusivusa ezinzulwini zobusuku, bakhethe babe bahlanu kwelo qela, bandule ke bathabathe abe mnye baze bamkhombe entloko ngompu okhangeleka ngathi ungxalwe iimbumbulu, baze bacof’ iqhosha. Kwimizuzu engama-30 emva kokuba siyalelwe ukuba sibuyele kwiibhedi zethu, kwakuphindwa kwaelo qhinga. Sonke siyambulela uYehova ngokuba siphila. Ekugqibeleni sahlonelwa ngabo basemagunyeni yaye savunyelwa ukuba siqhube iintlanganiso apho entolongweni. Hayi indlela esavuya ngayo kukubona amanye amabanjwa amathandathu ebhaptizwa apho entolongweni!”
Nangona abazalwana babexelelwe ukuba babeza kusala entolongweni de babe neminyaka engama-45, akuzange kufuneke balinde ixesha elide kangako. Sekunjalo, lawo yayingamaxesha anzima. Loo mava alucikida ukholo lwabo. Namhlanje, inkoliso yabo bazalwana ikhonza njengabadala emabandleni.
Ulawulo Lwethanga Luphela Ngephanyazo
NgoAprili 25, 1974, kwabakho ubhukuqo-mbuso olwaqethula ulawulo lobuzwilakhe ePortugal. Imfazwe yeminyaka eli-13 yokwenziwa ithanga eAngola yaphela, yaye imikhosi yamaPhuthukezi yarhoxa. Kwasekwa urhulumente wethutyana ekwakufuneka alawule iinyanga ezilishumi, eqalisa ngoJanuwari 31, 1975 kodwa walawula iinyanga nje ezintandathu.
Ekuqaleni, amaNgqina kaYehova angenelwa kwezi nguqu zesiquphe. Kwakukho amaNgqina kaYehova angama-25 avalelwe ngenxa yobundilele bawo kwintolongo yaseCabo Ledo awaxolelwayo ngoMeyi. Phakathi kwawo kwakukho lawo mathandathu avela ePortugal angazange avume ukuthabatha icala kuyo nayiphi na imfazwe, kuquka imfazwe nxamnye namathanga aseAfrika. Yintoni eyayiza kwenziwa ngaba bazalwana bamhlophe ngaloo nkululeko yabo babengayilindelanga? UDavid Mota ugqabaza athi: “Somelezwe lulwalamano lwangaphakathi esasinalo noYehova entolongweni, sobathandathu sagqiba ekubeni sisale eAngola yaye ngokukhawuleza saqalisa inkonzo yobuvulindlela.”
Imeko yokunyanyezelwa konqulo yaba yinto entsha kumaNgqina awayeli-1 500 eAngola. Oongcothoza bamapolisa babengasekho, iphelile nento yokubanjwa yaye namaNgqina akwazi ukuhlanganisana ngokukhululekileyo. Agqiba iLuanda ekhangela iindawo zokuhlanganisana, amaziko eendawo zokuzihlaziya okanye naziphi na ezinye iindawo ezazinako ukwanela elo nani likhulayo lamaNgqina kaYehova. De kube ngoko, onke amabandla ali-18 kwelo lizwe ayekade ehlanganisana kwimizi yabantu.
Kwenziwa amalungiselelo okuqhuba intlanganiso yenkonzo ekhethekileyo ePavilhão do Ferrovia. Phakathi kwabazalwana abangama-400 ababemenyiwe kumabandla ahlukahlukeneyo kwakukho noJosé Augusto, ngoku olilungu lentsapho yaseBheteli ePortugal. Ukhumbula oku: “Eso yayisisihlandlo sokuqala ukuba ndibone abazalwana noodade abaninzi kangako behlanganisene kunye ngokukhululekileyo! Kwakunzima ukuba sikukholelwe oko kwakusenzeka. Kwakuxhelw’ eXhukwane sonwabile njengoko wonk’ ubani owayelapho wayefumana unxulumano ngokukhululekileyo, sinandipha ukumanyana namanye amabandla.”
Uvuyo Lokomoya Kwixesha Lesiphithiphithi
Kwakukho usukuzwano ngegunya phakathi kwemibutho emithathu yelo lizwe: iMPLA, iFNLA, neUNITA. Amaqela axhobileyo kulawo ayesukuzana angenelela iLuanda aza aseka oondlu-nkulu bawo. ULuis Sabino olingqina lokuzibonela uchaza athi: “Ekuqaleni abantu bebedutyulwa ngabantu abangababoniyo. Kwandula ke njengoko intiyo yayisanda, kwasetyenziswa izixhobo ezinamandla. Iinqwelo zomkhosi zehla zinyuka ezitratweni, kutshawuza iintolo zomlilo. Kwatshatyalaliswa amakhulu ezindlu, kuquka nezabazalwana bethu.”
Ubulumko babonisa ukuba iintlanganiso zebandla zifanele ziqhubeke zingenela kwiindawo zesifundo sencwadi. UManuel Cunha ukhumbula oku: “Yayiqhelekile into yokuphazanyiswa kweentlanganiso zizithonga zoombayimbayi boomatshini ezitsho kufutshane. Wonk’ ubani olapho wayedla ngokulala ngesisu de ziyeke ezo zithonga, kwandule ke kuqhubeke ucwangciso. Maxa wambi, kwakucinywa izibane ukuphepha ukutsala amehlo. Xa iintlanganiso ziphelile, abazalwana bebehamba ngobulumko apho.”
Phezu kwazo nje iingozi, abazalwana babezimisele ukwandisa ubulungiseleli babo. UDelucírio Oliveira ucacisa oku: “Umsebenzi wethu wawukade uvaliwe ngurhulumente wethanga, ngoko ke ukuya kwindlu ngendlu ngokukhululekileyo kwakuyinto entsha kubavakalisi abaninzi. Oovulindlela babekhokela yaye bekhuthaza abanye ukuba bahambe nabo. Iintlanganiso zenkonzo yasentsimini zazixhaswa kakuhle.” Kodwa, babesangqongwe ziimpawu zemfazwe. Uqhubeka athi: “Kwakuyinto eqhelekileyo ukuva kudutyulwa ngoxa ukwinkonzo yasentsimini. Maxa wambi endleleni kwakufuneka siphephe igazi lomntu osandul’ ukungxwelerhwa. Ngezinye izihlandlo, sasidla ngokudlula kwizidumbu ziqungquluze endleleni.”
Abanye oodade ababini, omnye onguvulindlela, babekubulungiseleli basentsimini xa kwaqhushumba ibhombu kufutshane. Omnye wabo dade wabuthuma kufutshane nodonga kangangoko wayenako waza wacebisa ukuba bagoduke. Lowo unguvulindlela wacebisa ukuba bakhe baqhubeke kancinane, emqinisekisa ukuba babeza kuyeka ukuba aziyeki ezo bhombu. Kamva kuloo ntsasa, baqalisa isifundo seBhayibhile nesibini esacela ukuba beze kathathu ngeveki.
Ezo meko zingazinzanga azizange zibathintele abazalwana ekubeni baqhube indibano yabo yesiphaluka yokuqala kwiholo kawonke-wonke ngoMatshi 1975. Kulungiselelwa eso sihlandlo kwaqeshwa eyona holo inkulu yaseLuanda, iCidadela Desportiva. Kusetyenziswa ubulumko, kwamenywa kuphela abo babesiza rhoqo ezintlanganisweni. Sekunjalo, bafikelela kuma-2 888 ababekho.
Ekubeni konke oko kwahamba kakuhle, abazalwana bamema abantu abanomdla nabo banezifundo zeBhayibhile kwindibano yesibini. UAníbal Magalhães usichazela oku: “Okona kwasichukumisayo xa sasingena kulo holo yayingamagama amakhulu awayesentla kweqonga awayenomxholo wendibano othi, ‘Luhlobo Luni Lwabantu Enifanele Nibe Lulo.—2 Pet. 3:11.’ Ngaphambi kokuba luqalise olo cwangciso, loo holo yayisele imi ngeembambo. Samangaliswa gqitha xa kwakubhengezwa inani labo babekho ababengama-7 713. Abaninzi abazange bakwazi ukuzibamba iinyembezi zovuyo. Ngokucacileyo oko sasikubona kwakusalatha kumsebenzi omkhulu ongaphambili wokuhlanganiswa kwabantu, yaye sambulela uYehova ngokusikhusela de kube yiloo mini.”
Emva komthandazo wokuqukumbela, ngoxa babesacoca eso sakhiwo abazalwana, kwaphinda kwadutyulwana, kwesi isihlandlo kuyo yonke indawo. Eso yayisesinye isikhumbuzo sokuba ‘babemise iminquba phakathi kwabo baluthiyileyo uxolo.’—INdu. 120:6.
Ukudlavuzwa Yimfazwe
Elo lizwe lalidlavuzwa ngamaqela amathathu ezobupolitika alwayo, yaye iLuanda yaba lelona thafa ledabi liphambili. Kunyanzelwa amadoda nabafazi, nkqu nabantwana kwakusekwa amaqela athile omkhosi. Ezitratweni kwaqalisa ukubonakala iidyongwana ezineminyaka eli-12 ubudala zinxibe iyunifom yomkhosi zixwaye oombayimbayi abazitshintshayo yaye zidubula nanini na zithanda. Ukusetyenziswa koombayimbayi, iziqhushumbisi, iintolo zomlilo nemijukujelwa kwenza kwanzima ukulala ebusuku. IAngola yathi zwabha kwixesha lemfazwe engapheliyo. Ngenxa yoko, sonke eso sizukulwana sabemi baseAngola abaselula sakhawulwa, sazalwa saza sakhuliselwa phantsi kogonyamelo, ukudubula koombayimbayi neebhombu.
Ukuze bomeleze abazalwana noodade babo abangamaKristu, abalusi abathembekileyo bokomoya babesoloko bebatyelela rhoqo ngokufutshane emakhayeni abo xa bevela naxa besiya emsebenzini. Babedla ngokukhangela ukuba wonk’ ubani uphilile yaye babedla ngokufunda isibhalo esinye okanye ezibini naloo ntsapho.
Ukuya kwiintlanganiso nakubulungiseleli kwakufuna inkalipho nokuthembela kuYehova. Noko ke, ukwaziwa njengomnye wamaNgqina kaYehova kwakusoloko kuyeyona ndlela ikhuselekileyo. UFaustino da Rocha Pinto wayesiya kwiofisi yoMbutho xa ngesiquphe walathwa lelinye ijoni ngombayimbayi yaye limngxolisa lisithi: “Uyaphi? Nguwuphi umbutho wakho? Sapha loo bhegi yakho!” Lathi lakuyivula elo joni, lafumana iBhayibhile nezinye iimpapasho zeWatch Tower kuphela. Ngokukhawuleza isimo salo sengqondo satshintsha. Lathi: “Ndiyabona, ungomnye wamaNgqina kaYehova! Ndicela uxolo. Ungahamba.”
Kwesinye isihlandlo, elinye ijoni lakhwaza omnye udade oselula lathi: “Uxhasa wuphi umbutho?” Waphendula wathi: “Andikho kuwo nawuphi na umbutho. Ndingomnye wamaNgqina kaYehova.” Wathi akutsho lathi kumaqabane alo: “Khanibone! Khanikhe nje nimqwalasele! Khangelani nje isinxibo sakhe! Khanibone indlela anxibe ngokundiliseke ngayo. Akafani namanye amantombazana. Ngomnye wamaNgqina kaYehova.” Loo dade wavunyelwa ukuba adlulele phambili, waza ngobubele walunyukiswa ukuba avule amehlo.
Njengoko umlo wawusiya uthabatha unyawo, kwaya kusiba nzima ngakumbi ukunxibelelana namabandla, ngokukhethekileyo lawo akwamanye amaphondo. Imikhosi yayidla ngokungena edolophini, iphange imizi ize ikutshise oko ingakuthabathanga. Oku kwanyanzela amawaka abantu, kuquka amaNgqina amaninzi ukuba asabele ehlathini. EBanga, apho babengama-300 ababesiya kwiintlanganiso kunye nabavakalisi abali-100, kwanyanzeleka ukuba bonke bawashiye amakhaya abo baze baye kugob’ ityholo ehlathini kangangeentsuku. Amabandla aseJamba naseCela nawo asaba kuphela ‘nemiphefumlo yawo njengamaxhoba.’ (Yer. 39:18) Inkoliso yamaNgqina angabemi baseYurophu awayesasele eLubango aya kutshona eWindhoek, kwilizwe eliselumelwaneni laseNamibia.
Ukusa uncwadi kwabo bazalwana babesehlathini kwakuphantse kube yinto engenakwenzeka. Amanye amabandla, njengalawo aseMalanje, eLobito, eBenguela, eGabela, eHuambo naseLubango lwalukhe luqhawuke unxibelelwano kunye nawo kangangeenyanga.
Ixesha Elibi
Ngokukhawuleza emva kokuphela kokwenziwa ithanga kwelo lizwe, amawaka amaPhuthukezi aqalisa ukulishiya elo lizwe. Njengoko izixholo-xholo zazisanda, kwafuneka basabe buphuthuphuthu. Abaninzi bakwazi nje ukuzithabathela izinto ezimbalwa kwimpahla yabo. Ukwenza nje umzekelo wendlela ababethiywe ngayo abamhlophe, elinye iqela lezobupolitika labhengeza ukuba laliza kubulala nenzala enegazi lomntu omhlophe ngenxa yokutshata kwayo nookhokho abamhlophe.
Kakade ke, abazalwana abangamaPhuthukezi nabangabemi baseAngola abazange babe nenxaxheba kobo butshaba. Kwakukho umanyano lothando oluluqilima lobuzalwana phakathi kwabo. Ukumka kwamaPhuthukezi kwathetha ukumka kwabahlobo abaninzi abasenyongweni. NgoJuni 1975 bonke abazalwana abangamaPhuthukezi ababekhokela umsebenzi kwakufuneka bemke. Ukonganyelwa komsebenzi wokushumayela nokwalusa umhlambi kaThixo kwashiywa ezandleni zabazalwana balapho abathembekileyo. Inkoliso yabo yayingamadoda aneentsapho awayenomsebenzi wengqesho wexesha elizeleyo. Nangona babephoxekile kukuhamba kwabazalwana babo abangamaPhuthukezi, babezimisele ukuqhubeka ngoncedo lukaYehova.
Ziziphi iimeko abajamelana nazo? Ngokukhawuleza isebe lasePortugal lafumana ezi ndaba ziphazamisayo kwiofisi yaseLuanda: “Esixekweni kudlala nje imbumbulu. Iindlela zivaliwe. Kunzima ukunxibelelana nezinye izixeko. Izibuko laseLuanda livaliwe. Ukutya kuyaphela ezivenkileni. Sele kuqalise ukuphangwa nokonakaliswa kwezinto. Akuhanjwa emva kweyesi-9:00 ebusuku. Nabani na osesitratweni emva kweli xesha unokudutyulwa.”
Ukutyhalela Phambili Kwabakhonzi BakaYehova
Elo xesha lesiphithiphithi sezobupolitika yaba lixesha lokukhula kokomoya okungazange kubonwe. Incopho yenani labavakalisi yaya kufikelela kwabangama-3 055, umlinganiselo wolwando lwama-68 ekhulwini kunelonyaka odluleyo. Inani labo babekho eSikhumbuzweni laya kufikelela kuma-11 490!
NgoSeptemba 5, 1975 zade zafika iindaba ekwakukudala zilindelwe. Umphathiswa wezobulungisa waloo rhulumente wethutyana wabhengeza amaNgqina kaYehova “njengonqulo oluneemfundiso” ezivunywe ngokusemthethweni. Ekhumbula oko uJoão Mancoca uthi: “Abazalwana babevuya ngeyona ndlela ingathethekiyo. Babengazange bayifumane inkululeko epheleleyo yokunqula ngokukhululekileyo. Kwaba ngathi zivulwe genge iingcango zentolongo. Okokuqala, iintlanganiso neendibano zesiphaluka zaziza kuqhutywa ekuhleni. Iindibano zesiphaluka ezalungiselelwa intwasa-hlobo yowe-1976 zangqineka zingunobangela wenkqubela enkulu yomsebenzi yaye zabomeleza ekuzimiseleni okwakuza kufuneka kwiminyaka elandelayo.”
Kwacetywa ukuqhuba iindibano zesiphaluka ezintlanu, kodwa kwabonakala kububulumko ukuba kuqhutywe indibano namabandla amathathu okanye amane kuphela ngexesha. Kwabelwa abazalwana abathathu ukuba batyelele amabandla ngeempela-veki njengabaveleli besiphaluka.
Kangangeminyaka, iimeko zaseAngola azizange zibavumele abaveleli ukuba baye kuzo naziphi na izikolo ezikhethekileyo ezilungiselelwe nguMbutho. Ngoko ke, kwenziwa amacebo okuqhuba ISikolo Sobulungiseleli SoBukumkani sokuqala nabadala ngoMeyi 19-24, 1976. Ngabazalwana ababini baseAngola abaya kweso sikolo ePortugal ukuze bafumane uqeqesho. Ekubuyeni kwabo, basiqhuba eLuanda benoMário P. Oliveira owayevela kwisebe lasePortugal ukuze abancedise.
Abadala abangama-23 bayixabisa kakhulu loo mfundiso isekelwe eBhayibhileni ukuze ibancede ‘baluse umhlambi kaThixo.’ (1 Pet. 5:2) UCarlos Cadi, ngoko owayekhonza njengomveleli wesiphaluka ukhumbula igalelo esaba nalo eso sikolo: “Abadala batsho bakwazi ukuyibona kakuhle intlangano kaYehova. Eso sikolo senza abazalwana bazibona kakuhle iinkalo zemfundiso yentlangano kaYehova. Bafunda iindlela zokunceda abazalwana abasemabandleni ukuba basebenzise imigaqo yeBhayibhile ukuze bacombulule iingxaki. Eso sikolo sanceda abadala babona nendlela ababenokuthi bawulungelelanise kakuhle ngayo umsebenzi webandla, besebenzisa ngokuzeleyo amandla ezicaka zolungiselelo ezikhonza kunye nabo.”
Ukugqalwa ngokusemthethweni kwathetha nento yokuba iBhayibhile noncwadi lweBhayibhile lunako ukuthunyelwa. Kwiinyanga nje ezintlanu, amanye amabandla afumana amaphephancwadi awo okuqala. Enjani yona intsikelelo ukuthi ekugqibeleni akwazi ukufumana iinkupho ezipheleleyo ezinamaphepha angama-32 zeMboniselo noVukani! Abazalwana abazange baphozise maseko ukungena ‘kumnyango omkhulu okhokelela emsebenzini ababewuvulelwe.’ (1 Kor. 16:9) Noko ke, iimeko ezingazinzanga zelo lizwe zakhokelela kwiingxaki ezingakumbi ezinzulu.
Nangona inkululeko esemthethweni evela ePortugal yafika njengoko kwakucetyiwe ngoNovemba 11 1975, ukulwa kweyona mibutho mikhulu yezobupolitika kwakhawuleza kwajika kwaba yimfazwe yamakhaya. Kwasekwa iiriphabliki ezizimele geqe, iLuanda yaba likomkhulu labalandeli bakaMarx beMPLA. IHuambo yaba likomkhulu lomdibaniselwano weUNITA neFNLA.
Ukutyholana ngezobupolitika kwaloo maqela kwaphembelela ubuzwe nentiyo yobuhlanga engathethekiyo. Kwisixeko esilikomkhulu, ukubulawa kwabantu ngokungenalusini—nkqu nokutshiswa kwabo esitratweni kwaba sisonka semihla ngemihla. Ekuphela kwetyala lamaxhoba yayisoloko ikukuthetha ulwimi olwaluwadiza njengalawo avela kummandla ongaphandle kweLuanda. Oku kuthiywa kwabantu bangaphandle kwavuselela ixhala elabangela ukufuduka kwabantu abaninzi njengoko abantu abavela kumantla nakumazantsi elo lizwe babesabela kumaphondo abo okuzalwa. Noko ke, ngenkalipho abanye abazalwana bahlala kwiindawo ezazingengawo amaphondo abo ukuze banyamekele iimfuno zokomoya zabazalwana babo.
“Viva Yehova!”
Kwakhona amaNgqina kaYehova ajamelana nentshutshiso eqatha. AmaNgqina aseLuanda ayebizelwa kwiikomiti zasekuhlaleni ezazizama ukuwanyanzela ukuba athenge amakhadi emibutho. Kweso sityholo sasitshis’ ibunzi, iPolitical Bureau of the Central Committee yeMPLA yatyhola amaNgqina ngokuphembelela abantu ukuba bangamthobeli uRhulumente, bangahloneli iflegi yesizwe yaye bakugatye ukusebenza emkhosini. Iinzame zamaNgqina kaYehova ukuze acacise oko zazingena kwenye indlebe ziphume kwenye.
NgoMatshi 1976, kwathunyelwa uncwadi lweBhayibhile eAngola luvela ePortugal. Kulo kwakukho iiBhayibhile ezingama-3 000, imibhalo engama-17 000 yencwadi ethi INyaniso eKhokelela kuBomi obungunaPhakade, imibhalo engama-3 000 yencwadi ethi Ukusuka kwiParadesi Ilahlekile kuye kwiParadesi Ibe Yazuzeka, kunye namaphephancwadi. Lonke olo ncwadi lwathinjwa ngabasemagunyeni lwaza lwatshiswa.
NgoMeyi 27, 1976 izikhululo zikanomathotholo zikarhulumente zayalela zonke iikomiti zasekuhlaleni neentlangano zikaRhulumente ukuba ziyibek’ esweni ngokusondeleyo imisebenzi yamaNgqina kaYehova. Yonk’ imihla iCawa yamaKatolika kwisikhululo sayo sikanomathotholo yayisenza izaziso zokuba amaNgqina kaYehova avukela urhulumente.
AmaNgqina ayekhutshelwa bucala kwimingcelele yokutya. Amahlokondiba ayehlanganisana ngaphandle kwezo ndawo kuqhutyelwa kuzo iintlanganiso zebandla. Abantwana babetshutshiswa esikolweni. Abantwana bakaJosé dos Santos Cardoso nomfazi wakhe uBrígida, baba phantsi kwengcinezelo eqatha kufunwa bakhwaze amazwi ezobupolitika, bavume umhobe wesizwe baze bakhwaze bathi “Phantsi ngoYehova.” Babexhatshazwa xa bengavumi ukwenza oko. Ngesinye isihlandlo uJosé Omnci., owayeneminyaka esithoba ubudala ngoko, ngokukhawuleza wakhwaza wathi, “Kulungile ndiza kuthi ‘Viva [phila ngonaphakade]!’” Wonk’ ubani waba nolindelo. Ekugqibeleni loo nkwenkwana yakhwaza yathi “Viva Yehova!” Ngaphambi kokuba bakuqonde oko yakuthethayo, bakhwaza ngazwi-nye bathi “Viva!”
‘Kwiziko Elivuthayo’
Iqela elilawulayo lalizimisele ukunyanzela amaNgqina ukuba angenele umkhosi. Oku kwakhokelela kwintshutshiso eqatha ngakumbi.
NgoFebruwari 17, 1977, uArtur Wanakambi, umzalwana onenzondelelo kwiPhondo laseHuila, wafa namthanyana kwiinzame zakhe zokucacisa ngobundilele bakhe. Yena nabanye abazalwana abathathu baqhutywa ezitratweni besisiwa entolongweni. Kwamenywa abo babebukele, kuquka abo batshayela izitrato ukuba bababethe. Kusuku olulandelayo abafazi babo bazalwana bathathu batshatileyo baya entolongweni ukuya kuqonda indawo abakuyo. Emva kokulinda ixesha elide, babethwa ngendlela engenanceba, bashiywa begcuma yaye besopha. Ngaloo mva kwemini, abo dade bazibona sele bekwintolongo enye nabayeni babo.
UMzalwan’ uTeles uchaza oko kwenzekayo kwelinye iqela labazalwana ababanjwayo kwiintsuku ezilishumi kamva: “Abangama-35 kuthi bafakwa ‘kwiziko elivuthayo.’ Elo gumbi laliziimitha ezisixhenxe ubude, neemitha ezintathu ububanzi nokuphakama. Kuloo silingi yomeleleyo yekhonkrithi kwakukho imingxuma emibini emincinane yokungenisa umoya, ekungenakungena nesandla kuyo. Yayilelona xesha lishushu, yaye eso sisele sangqineka siliziko elivuthayo. Ekubeni babezimisele ukusibulala, bayivala loo mingxuma mibini.
“Kusuku lwesine, sabongoza uYehova ukuba asiphe amandla okumelana nobo bushushu bungenalusini. Sakhumbula amadoda amathathu athembekileyo omhla kaDaniyeli awaphoswa kwiziko elivuthayo. Kusuku olulandelayo, malunga nentsimbi yesithathu ekuseni, kwabakho ingxolo yokuvulwa kocango, yaye lwavuleka. Hayi indlela ekwathi qabu ngayo sakuphefumla umoya ococekileyo! Yayingumlindi wentolongo. Wathi esalele, wavula ucango waza wawa. Emva kwemizuzu emalunga neshumi, loo mlindi wavuka waza wavala olo cango engakhange akhuphe nelimdaka. Sambulela uYehova ngeso sihlandlo sixabisekileyo sokufumana umoya ococekileyo.
“Kwiintsuku eziliqela kamva, kwaphoswa abanye abazalwana abangakumbi abasixhenxe apho kuthi. Kwakungasekho ndawo yaneleyo yokuhlala. Sasingonjwa izihlandlo eziliqela. Ubushushu baya buqatsela, yaye amadyungudyungu nezilonda zokubethwa zazinuka kakubi gqitha.
“NgoMatshi 23 sabhiyozela iSikhumbuzo, nangona yaba yintetho nje kuphela ingekho imifuziselo. Ngelo xesha sasingama-45 sisonke. Abanye kuthi bachitha iintsuku ezingama-52 kwelo ‘ziko livuthayo’ kodwa basinda.”
Emva kokukhutshwa kwelo ‘ziko livuthayo,’ baya kuphoswa kwinkampu yokusebenza eSakassange, eziikhilomitha ezili-1 300 ukusuka apho kwiphondo elikwimpuma laseMoxico.
Intshutshiso “Imiselwa Ngokusemthethweni”
NgoMatshi 8, 1978, iPolitical Bureau of the Central Committee yeMPLA yabhengeza ukuba “icawa ‘yamaNgqina kaYehova’” ayikho mthethweni yaye ivalwe umlomo. Ukuze kuqinisekiswe ukuba oku kuvakaliswa ngokubanzi, esi saziso senziwa izihlandlo ezithathu suku ngalunye kwisikhululo sikanomathotholo saseLuanda. Esokuqala senziwa ngesiPhuthukezi, kodwa ukuze kuqinisekiswe ukuba ezo ndaba zifikelela kuye wonk’ ubani, eso saziso sadluliselwa ngesiChokwe, isiKikongo, isiKimbundu nesiUmbundu kangangeveki yonke. Ekugqibeleni, sapapashwa kwiphephandaba laloo mbutho, iJornal de Angola, ngoMatshi 14, 1978. Enyanisweni, oko kuvalwa umlomo “kwakuyimisela ngokusemthethweni” inkohlakalo eyayisele iqhubeka.
Zaya zisanda izimangalo zeOrganization for the Defense of the People (ODP). Inkoliso yamaNgqina kaYehova yayisuka iqokelelwe ize iye kuvalelwa ngaphandle kokubekwa ityala. Kwakuvele nje ngequbuliso kuye kuvingcwa kwimizi-mveliso ekulo lonke elo laseLuanda. EMalas Onil, umzi-mveliso weesutikheyisi, kwabanjwa amaNgqina ali-14. Kwidolophu yaseLubango, kwabanjwa amanye ali-13. Kwiintsuku ezimbalwa kamva, iingxelo zaqinisekisa ngokubanjwa kwangama-50 eNdalatando. Kwiveki nje enye emva kokuvalwa umlomo, ubuncinane baba li-150 abazalwana noodade ababanjwayo.
Oku kwalandelwa kukugxothwa kabuhlungu kwamaNgqina emisebenzini yawo. Awuzange usiwe so umzekelo wokuziphatha kwawo kangangeminyaka, ubuchule, okanye indlela asebenza ngayo. Enyanisweni, amanye kulawo agxothwayo ayekwizikhundla eziphathelele uphuhliso lwezoqoqosho kwelo lizwe.
Nabafazi babengabhungci koku. Elinye igosa lasemkhosini labona uEmília Pereira phambi kwekhaya lakhe laza lambuza isizathu sokuba engelilo ilungu lomkhosi. Xa waphendula ngokuthi wayengathandi nantoni na ebandakanya ukubulala okanye ukuphalaza igazi, laqonda ukuba wayengomnye wamaNgqina. Wathi akukuvuma oko, waxelelwa ukuba angene kwilori eyayilindile. Oodadewabo ababini beza kubona oko kwakusenzeka, yaye nabo baphoswa kuloo lori. Ngelo xesha, uyise wayefika ekhaya. Elo gosa lamyalela ukuba akhwele elorini. Njengoko babesele beza kuhamba, omnye umzalwana ohlala kufutshane wafuna ukuqonda okuqhubekayo. Naye wabanjwa ngesixhanti waphoswa phakathi kuloo lori.
Basiwa kwizisele zentolongo, apho abo dade bafakwa kwigumbi lamabhinqa. Rhoqo ngorhatya, loo magosa ayedla ngokuzama ukubadlwengula aba dade, kodwa babebambana baqinisane, bakhale yaye bathandaze ngokuvakalayo. Loo ndlela basabela ngayo yaziphanzisa ezo njongo zingendawo zaloo madoda, yaye akazange abadlwengule.
Nabazalwana ababekwelinye iphondo laseMalanje bavavanywa ngokuqatha. UJosé António Bartolomeu owayeneminyaka engama-74 ubudala wade wafa ngenxa yokuphathwa gadalala. Emva kokubanjwa nokusoloko ebethwa rhoqo, uDomingas António waba buthathaka kangangokuba wafa akuhlaselwa sisifo seengcongconi. UManuel Ribeiro wadliswa ityhefu wafa ngenxa yokubhalela intsapho yakhe ileta ngoxa wayesentolongweni.
Kwiveki elandela oko kuvalwa umlomo, kwaqhutywa intlanganiso nabadala bawo onke amabandla aseLuanda. Bafumana ukhuthazo nokhokelo lweZibhalo ngokuphathelele umsebenzi wabo kwikamva, yaye oku bakudlulisela emabandleni. Isigqibo sabo somelezeka njengoko babeqwalasela umxholo wonyaka wowe-1978 owawusithi: “Abayi kukoyisa, kuba ‘[mna Yehova] ndinawe, ukuba ndikuhlangule.’”—Yer. 1:19.
Ukubhenela Kumagunya Karhulumente
NgoMatshi 21, 1978 abazalwana abathathu ababekhonza njengabalathisi beAssociation of Jehovah’s Witnesses eAngola bathumela isibheno kwiPolitical Bureau of the MPLA, bebongoza ukuba ukwaphulwa komthetho kuqwalaselwe ziinkundla yaye kupheliswe ukubanjwa ngokungekho semthethweni kwamaNgqina. Imibhalo yaloo leta yathunyelwa kumongameli welo lizwe, inkulumbuso nakumphathiswa wezokhuselo, owezobulungisa, owemfundo nenkcubeko. Akuzange kubekho mpendulo.
Kulandelwa umzekelo kaPawulos, isibheno esingakumbi senziwa kwelona gunya liphakamileyo lelo lizwe. (IZe. 25:11) Le ileta, yathunyelwa lisebe lasePortugal, ngentlonelo licela ukuba umongameli wePeople’s Republic of Angola ahlolisise ingxelo yamaNgqina kaYehova aze awaphulaphule. Kwenziwa isicelo sokuba iinkundla ziphonononge iinkcukacha zeNgqina ngalinye elingaphaya kwezitshixo. Kwesi isihlandlo isebe lasePortugal lafumana impendulo ethi loo mbandela uza kuqwalaselwa.
Echukunyiswe Ngokunzulu Kukuzimisela Ngokuqinileyo
Imfazwe yamakhaya yaqhubeka igqugqisa eAngola, ngoko ke zazimbalwa iindwendwe ezivela ngaphandle kwelo. Noko ke, ngowe-1979 ikomiti yelo lizwe laseAngola yeva ukuba uAlbert Olih, umveleli ophuma kwisebe laseNigeria, wayeza kufika ngoAgasti. Hayi indlela abavuya ngayo abazalwana!
UMzalwan’ uOlih wathi: “Kwakungathi ndikwindawo yamajoni yonke loo veki. Naphi na apho ukhangela khona kwakukho amajoni axhobileyo.” Ebusuku wayevuswa zizithonga ezitsho esitratweni.
Kwenzeka iinguqu ezikhawulezayo kumaNgqina aseAngola kwiminyaka engaphambi koko. Ukususela ngowe-1973, xa elo lizwe lalisephantsi kolawulo lwamathanga de kwangowe-1976, bekukho ulwando lomlinganiselo wama-266 ekhulwini kwinani labavakalisi. Ngoko xa yayiqatsela intshutshiso ngowe-1977, aza avalwa umlomo ngowe-1978, akuzange kubekho lwando. AmaNgqina amaninzi kwelo lizwe ayesandul’ ukubhaptizwa—ali-1 000 ngowe-1975 kuphela. Nangona kwakukho amabandla angama-31, amaninzi ayengenabo abadala. Ekubeni kwakungekho nyameko yothando lwabalusi bokomoya, ezinye zeengxaki ezinzulu namatyala okuziphatha okubi akazange aconjululwe. Ngelo xesha kwiindawo ezifana neMalanje, iWaku Kungo neNdalatando onke amabandla ayekwiinkampu zentolongo.
Ekufikeni kwakhe, uMzalwan’ uOlih wanikwa uluhlu olude lweenkalo ekwakufuneka zixutyushwe. Kwanikelwa ingqalelo kwiindlela amaNgqina asekuhlaleni awayenokuqhubeka ngazo nobulungiseleli bawo abunikwe nguThixo phantsi kwezo meko zazikho. Kwaboniswa indlela yokulungiselela uncwadi phezu kwako nje ukunqongophala kwephepha. Kwaxutyushwa nangemfuneko yoncwadi olungakumbi ngeelwimi zasekuhlaleni, kakade ke, kwakuza kuthabatha ixesha ukufumana nokuqeqesha abaguquleli abafanelekayo.
Kwanikelwa ingqalelo nakwiingxaki zamabandla. UMzalwan’ uOlih wabethelela into yokuba bonke kufuneka baphile ngemilinganiselo yeBhayibhile, kuquka abadala. Akukho mntu ufanele avakalelwe kukuba akafanelwanga sisiluleko. Kwaphendulwa nemibuzo ngokuphathelele iimfanelo zokubhaptizwa, ukubhalisa imitshato nokutyelelwa kwamabandla ngabaveleli beziphaluka. Abazalwana baseAngola balixabisa elo lungiselelo loMbutho ukuze bafumane ulwalathiso lweZibhalo ngaloo mzalwana unamava.
Xa wayetyelele apho uMzalwan’ uOlih, kwaqhutywa intlanganiso nabadala baseLuanda nabo nabaphi na ababenokukwazi ukuza abavela kwezinye iindawo. Ngentsimbi ye-10:00 kusasa, baqalisa ukufika ngabanye ukuze bangatsalel’ ingqalelo kuloo ndawo yentlanganiso. Noko ke, ngaphambi kokuba loo ntlanganiso iqalise ngentsimbi yesi-7 ngokuhlwa, indawo eyayiza kuba kuyo yatshintshwa izihlandlo ezibini kuba kwabonakala ngathi yayibekwe esweni. Ukufika kukaMzalwan’ uOlih kuloo ndawo yesithathu, wafumana abadala abangama-47 behleli eyadini bemlindile. Xa wadlulisela imibuliso yentsapho yaseBheteli yaseNigeria, bawangazelisa izandla ukubonisa uxabiso. Loo ntetho yakhe yeyure yaba yingxubusho yeBhayibhile ngelungiselelo labadala, egxininisa imfuneko yokufumana abadala abangakumbi kwibandla lamaKristu yaye ecacisa imisebenzi ebandakanyekileyo. Emva kwaloo ntetho, abazalwana babuza imibuzo kangangeeyure ezimbini ezingakumbi de kwafuneka bemke apho ukuze baye kufika emakhaya bekhuselekile ngaphambi kokuba kufike ixesha elimiselweyo lokuba kungahanjwa ebusuku.
Wavakalelwa njani uMzalwan’ uOlih ngaloo veki wayichitha nabazalwana baseAngola? “Ndimele nditsho ukuba ndangenelwa kakhulu. Ndakhuthazwa ngokunzulu kukuzimisela ngokuqinileyo kwabazalwana noodade ukukhonza uYehova phezu kwabo nje ubunzima. Ndayishiya iAngola ndithandaza entliziyweni yaye ndithe gwantyi iinyembezi ngenxa yabo bazalwana, abo bathi nangona babebandezeleka, kodwa babesancumile ngenxa yethemba elimangalisayo abanalo.”
Utyelelo Olulandelayo
Emva konyaka etyelele apho uMzalwan’ uOlih, iQumrhu Elilawulayo lathumela uAlbert Olugbebi, naye owayevela kwisebe laseNigeria ukuba aye kukhonza abazalwana eAngola. Wancomela ukuba baqhube ucwangciso lweSikolo Senkonzo Yobuvulindlela kwabo vulindlela bangama-50. Kwakhona wakhuthaza ukuba bazame ukuqhuba iindibano zesiphaluka rhoqo emva kweenyanga ezintandathu kodwa lilinganiselwe inani labo bezayo.
Ebudeni botyelelo lukaMzalwan’ uOlugbebi, kwaqhutywa iintlanganiso ezintathu namaqela abadala kunye nabazalwana abanyamekela iimbopheleleko kuloo mabandla ayengenabadala. Baba li-102 ababekho. Kwanikelwa isiluleko seZibhalo kwimfuneko yokuba abadala babambelele kwimigaqo yeBhayibhile yaye babe yimizekelo emhlambini, bangabi ziinkosi phezu kwawo. (1 Pet. 5:3) Kwaphendulwa imibuzo ngokuphathelele inkqubo emele ilandelwe xa kunconyelwa naxa kumiselwa abadala kuloo mabandla ayengekabi nabo.
Phakathi kwabo babelapho kuloo ntlanganiso kwakukho uSilvestre Simão, owayesele evavanywe ukholo kwiminyaka emine esentolongweni nakwiinkampu zomsebenzi onzima. Emva kokukhonza njengomdala kangangeminyaka emininzi, waphathiswa imbopheleleko engakumbi yokuba ngumveleli ohambahambayo xa kwanyanzeleka ukuba abazalwana abamhlophe bayinikel’ umva iAngola phakathi kweyee-1970. Ngoku, ekubeni kwakukho ilungiselelo lokuba kuqhutywe iindibano zesiphaluka rhoqo emva kweenyanga ezintandathu, kwabakho imfuneko yomveleli wesithili. Nangona uMzalwan’ uSimão wayenabantwana abathandathu, kunye nembopheleleko yomsebenzi wengqesho owawubandakanyekile ekunyamekeleni intsapho yakhe, wasamkela eso sabelo sitsha. Uye wasinyamekela ngendlela engumzekelo kangangeminyaka engama-20 edluleyo. Ukwakhonza nakwiKomiti yeSebe lalapho.
Xa wayequkumbela utyelelo lwakhe, uMzalwan’ uOlugbebi wanikela ingxelo ngolwando olukhuthazayo: Ngoxa kwakusafuneka amaNgqina asebenzise ubulumko ukuze ahlanganisane naxa eshumayela, yabonakala ngathi iyayekelela noko loo ntshutshiso ingathethekiyo kwabo kwakufuneka baye emkhosini. Enyanisweni, nangona ngoko babephakathi kwe-150 nama-200 abazalwana ababesesentolongweni okanye kwiinkampu zomsebenzi onzima, elo nani lehla laya kutsho kuma-30 ngoMatshi wowe-1982.
Ucelomngeni Lokusasaza Ukutya Kokomoya
Kulo lonke elo xesha lokuvalwa umlomo, ukulungiselela ukutya kokomoya rhoqo kwakuyeyona nto iphambili. Oku kwakusoloko kubandakanya ukuzibeka esichengeni okukhulu.
Kuqala, kwakunzima ukufumana iphepha elaliza kusetyenziswa kumatshini wokukhuphela IMboniselo. Kwakufuneka imvume karhulumente ukuze kuthengwe iphepha. Nangona kwakukho abavakalisi abangaphezu kwama-3 000, kangangethuba elithile kwakuveliswa imibhalo yamanqaku afundwayo engama-800 ukusa kweli-1 000 kuphela ngenxa yokunqongophala kwephepha. Sekunjalo, besebenzisa umatshini wokushicilela omncinane, abazalwana babekwazi ukuvelisa imibhalo yeencwadi ezincinane ezineqweqwe elithambileyo, njengethi, INyaniso eKhokelela kuBomi obungunaPhakade.
Bebeka ubomi babo esichengeni, uFernando Figueiredo noFrancisco João Manuel basamkela isabelo sokuvelisa uncwadi. Loo magorha abazalwana afumana iindawo apho ayenokulandisela khona elo phulo lawo lokukhuphela. Maxa wambi, ezo ndawo kwakufuneka zitshintshwe kusenzelwa ukhuseleko. Kwezinye iindawo, loo matshini wokukhuphela wawufakwa kwigumbi ekwakungenakuvakala sandi sawo kulo, elingenafestile okanye iindawo zokungenisa umoya, nto leyo eyayisenza iimeko zokusebenza zibe nzima. Kwigumbi elisecaleni kwelo, amanye amatsha-ntliziyo ayedibanisa amaphephancwadi aze awafake iistaple. Kwakufuneka agqibe ukuwadibanisa, awafake iistaple, aze awapakishe ukuze asasazwe kwangobo busuku. Kwakufuneka kucinywe nawuphi na umzila waloo msebenzi, ukuze kungabikho nto itsala amehlo. Njengoko imveliso yayisanda, kwasetyenziswa oomatshini bokukhuphela ababini ngaxeshanye “ekhitshini,” kuloo ndawo kwakulungiselelwa kuyo olo ncwadi luqulethe ukutya kokomoya. Kwakukho iqela labazalwana ababesebenza apho yonk’ imihla, befaka oonobumba, befunda baze balungise izinto ezibhalwe phosakeleyo, bekhuphela, bawadibanise, bafake iistaple baze bathumele loo maphephancwadi emabandleni.
Ukuze kuthunyelwe uncwadi kumabandla awayethe saa ngaphandle kwaseLuanda kwakufuneka kusetyenziswe abathunywa bezigidimi. Esi yayisisabelo esiyingozi. Omnye owayekhonza njengomthunywa wezigidimi usibalisela oku: “Emva kweenyanga ezithile kubhengezwe ngokusesikweni oko kuvalwa umlomo, ndaya kwiphondo laseBenguela malunga nomsebenzi wam wengqesho. Iofisi yoMbutho yasekuhlaleni yandinikela iimpahla ezithile ukuba ndizise kumabandla aseLobito naseBenguela. Kwakungekho mzalwana ndimaziyo kwezo zixeko. Ekuphela kwendlela endandinokunxibelelana ngayo nabo yayiyinombolo yomnxeba yomnye wabo badala baseBenguela. Ngenxa yezizathu zokhuseleko, ekuphela kwendlela esasiza kubazi ngayo yayiligama elithi Intsapho kaIsaya.
“Emva kokuba ndifikile eBenguela, yonke into yabonakala ihamba kakuhle. Ngenxa yohlobo lomsebenzi wam, njengesiqhelo ayizange ihlolwe impahla yam kwisikhululo seenqwelo-moya. Loo mpahla ndiyiphathisiweyo yaya kufika isaphelele. Ukufika nje kwam kweso sixeko ndakhawuleza ndatsalela abo bazalwana umnxeba ukuze baze kulanda loo mpahla. Loo mzalwana ndandithetha naye wathi wayengaziva mnandi, kodwa wathembisa ukuba uza kuthumela omnye kuloo hotele eze kulanda loo pasile. Ngenxa yezizathu endingenakuzichaza, ebudeni bezo ntsuku zine ndazichitha ehotele, akukho bani wezayo ukuza kulanda loo mpahla, phezu kwako nje ukusoloko nditsalel’ umnxeba loo mzalwana yonk’ imihla.
“Kusuku lokuhamba kwam, ndandingenayo enye indlela ngaphandle kokubuyela eLuanda naloo mpahla. Ukufika kwethu kwisikhululo senqwelo-moya, umphathi wegqiza lethu wacela ukuba kuhlolwe onke amalungu egqiza lakhe nempahla yawo ukuze amisele umzekelo kwabanye abahambi. Ndabona ukuba kukho iindlela ezimbini kuphela: (1) ukulahla loo mpahla emgqomeni wenkunkuma, okanye (2) ndiyigcine ndize ndibanjwe.
“Emva kokuthandaza kuYehova, kwathi qatha IMizekeliso 29:25 ethi: ‘Ukungcangcazela ngumntu kubeka umgibe, kodwa okholosa ngoYehova uya kukhuselwa.’ Ndagqiba ekubeni ndijamelane naloo meko, ekubeni kwakuza kuba yinkcitho enkulu ukulahla oko kutya kokomoya kuninzi kangako.
“Ndema ekupheleni komgca khon’ ukuze bangaphazamiseki kangako abantu xa amapolisa efumene olo ncwadi namaphephancwadi. Xa kwakusele abantu ababini ababeza kuhlolwa ngaphambi kwam, ndeva umntu othi, ‘Nceda uze, kukho umntu apha ofuna ukudibana nelungu labathunywa elivela eLuanda ngokuphathelele impahla ethile.’ Ukuva kwam oko, ndathi entliziyweni, ‘uYehova uwuvile umthandazo wam. Ngoku ndibona ukuzaliseka kukaIsaya 59:1 othi: “Isandla sikaYehova asisifutshane ukuba singasindisi,”’ yaye ndaphuma buphuthuphuthu. Ukufika kwam kuloo mzalwana, ndandinexesha nje lokuthi Intsapho kaIsaya. Waphendula waza wathabatha loo mpahla. Kwafuneka ndibuyele buphuthuphuthu njengoko inqwelo-moya yayiza kunduluka, ngoko ke andizange ndibe nalo nexesha eli lokuthetha naloo mzalwana. Ewe, uYehova ‘ulusindiso lwethu ngexesha lokubandezeleka.’”—Isa. 33:2.
Ukunyamekela Umhlambi Phezu Kwazo Nje Iingozi
Imfazwe—umkhweli wehashe leSityhilelo elimbala ubumlilorha—yaqhubeka idlavula ubomi babantu baseAngola. (ISityhi. 6:4) Iidolophu nemizi-mveliso zaqhushumbiswa, iindlela zafakwa izigcayiseli, kwaqhushumbiswa iibhulorho, konakaliswa imibhobho yamanzi kwaza kwahlaselwa neelali. Ukubulawa kwenyambalala yabantu kwaba yinto yamihla le. Kwatshatyalaliswa izivuno, yaye amafama abalekela ezixekweni. Iimbacu zemfazwe zathontelana eLuanda. Ukulinganiselwa ukutya nokuthengiselwa ngondlela mnyama kwabenza nzima ubomi bemihla ngemihla. Kodwa intsebenziswano yothando phakathi kwamaNgqina kaYehova yanceda amaninzi asinda nakuba kwakungekho themba.
Ebudeni belo xesha liyingozi kangako, uRui Gonçalves, uHélder Silva, nabanye babeka ubomi babo emngciphekweni betyelela amabandla awayethe saa kulo lonke elo lizwe. Echaza indlela awayelungiselelwa ngayo loo matyelelo, uMzalwan’ uGonçalves wabhala wathi: “NgoMeyi 1982 kwabakho utyelelo lokuqala lomveleli wesiphaluka eTombua. Abazalwana abangama-35 baqalisa ukufika kwindawo yentlanganiso ngezihlandlo ezicwangciswe kakuhle ukuqala ngentsimbi ye-10:00 kusasa ngaloo mini. Balinda bezolile. IODP [Organization for the Defense of the People] yayibek’ esweni yonk’ intw’ eshukumayo kuloo dolophu. Ndaya kufika ngobumnyama, kwiiyure ezili-11 kamva, ngentsimbi yesi-9:00 ebusuku. Kwimizuzu enga-30 kamva, loo ntlanganiso yaqalisa yaza yaqhuba de kwaba yi-4:40 kusasa.”
Inkoliso yabo babenesabelo kumsebenzi wesiphaluka babetshatile yaye benabantwana. Kodwa benza konke okusemandleni abo ukunyamekela izilangazelelo zokomoya zamabandla. Omnye wabo bazalwana, ngoku olilungu leKomiti yeSebe, ucacisa oko kwakubandakanyekile kolo hambo lokutyelela amabandla: “Kwakulungiselelwa ukuba kutyelelwe ibandla ngalinye ngeveki. Noko ke, loo matyelelo ayeqalisa ngoMvulo endaweni yangoLwesibini. Oku kwakubangelwa kukuba kwakungenzeki ukuba ibandla lihlanganisane kunye lonke. Kwakusenziwa utyelelo kwiSifundo Sencwadi Sebandla ngasinye. Kumabandla amakhulu kwakudla ngokutyelelwa amaqela ahlukahlukeneyo kwingokuhlwa enye. Iiyure zezo ntlanganiso zazilandelelana kangangokuba umveleli wesiphaluka kwakufuneka asuke kwelinye iqela aleqe kwelinye. Wayedla ngokuluphinda olo cwangciso ukuze kungenelwe iqela ngalinye. Ngoko ke, ebudeni beveki, ntetho nganye wayedla ngokuyinikela izihlandlo ezisi-7 ukusa kwezingama-21. Wawusiba mninzi umsebenzi wabo weveki yaye ufuna ukuzibhokoxa, kodwa abo bazalwana bazingisa ekunikeleni ukhuthazo emabandleni.”
URui Gonçalves usalukhumbula kakuhle olunye uhambo olwalunamagingxigingxi lokuya kwidolophu yaseCubal ngoJanuwari 1983. Waphants’ ukufela kulo. Wathi: “Ekuphela kwendlela yokutyelela elo bandla yayikukuphelekwa ngumkhosi ukuze ukukhusele. Emva kokuhlolisisa ngenyameko imeko yalapho, umkhosi wagunyazisa ukuba izithuthi ezingama-35 ziqalise uhambo lwazo. Sahamba ngenqwelo-mafutha kaMzalwan’ uGodinho, yaye eyethu yayiyeyesithathu kolo krozo lwezithuthi ezithandathu. Kwiiyure nje ezimbini kuphela sikolo hambo, kwadutyulwa umjukujelwa ngabagrogrisi, yaye wayivuthulula inqwelo-mafutha yomkhosi yokuqala. Ngokukhawuleza kwalandela omnye, owavuthulula isithuthi sesibini. Zimbini iibhombu ezantlitha inqwelo-mafutha yethu kodwa azizange ziqhushumbe. Ekubeni loo nqwelo-mafutha yayihamba, uMzalwan’ uGodinho wakhwaza esithi wonk’ ubani makatsibe. Njengoko ndandizama ukuzifihla ehlathini, ndadlakazwa indlebe yasekhohlo yimbumbulu, ndaza ndafa isiqaqa.”
Ngaphambi kokuba afe isiqaqa, wabona amajoni amathathu abagrogrisi eswantsulisa abanye abazalwana, kodwa abo bazalwana basabela ehlathini. UMzalwan’ uGonçalves uqhubeka athi: “Ukuvuka kwam, intloko yam yayibomvu ligazi. Kwiiyure ezimbalwa kamva, ndarhubuluza ndaya endleleni. Ndafunyanwa liqela lomkhosi, landinika unyango lokuqala laza landithabatha landisa kwisibhedlele saseBenguela.” Kamva wafumanisa ukuba zonke ezo nqwelo-mafutha zazilapho zatshiswa okanye zatshatyaliswa. Abantu abali-12 ababelapho kwezo nqwelo-mafutha babefile, yaye abali-11 babenzakele kakubi ngamanxeba eembumbulu. Abo bazalwana babehamba noMzalwan’ uGonçalves ngabo kuphela abangazange bafunyanwe ziimbumbulu. Yaye nakuba uMzalwan’ uGonçalves waphulukana nenxalenye enkulu yendlebe yakhe kwanezinye izinto zakhe, uqukumbela ngokuthi: “Sambulela ngokusuk’ entliziyweni uYehova.”
Ukwabelana Ngamanzi Anik’ Ubomi
Ngasihlandlo sithile xa inkoliso yabemi baseAngola yayicinga ngokusinda kuphela, amaNgqina kaYehova ayezimisele ukusasaza “iindaba ezilungileyo zento elunge ngakumbi” kuyo yonke loo ntsimi inkulu. (Isa. 52:7) Ayewenza njani lo msebenzi?
Omnye uvulindlela oseLuanda ucacisa ukuba, yena, umfazi wakhe nentombi yakhe encinane babedla ngokuya kunye kubulungiseleli. Emva kokubulisa umninimzi, babedla ngokucelela intombi yabo amanzi okusela. Ukuba bawaphiwe loo manzi, babedla ngokuxelela umninimzi ukuba bazi amanzi athile anokuzisa ezona ngenelo zingaphezu kwaloo manzi abandayo awanike intombi yabo ngobubele. Abo bafun’ ukwazi babedla ngokubuza, ‘Ngamanzi anjani lawo?’ Yayisandula ke loo ntsapho icacise ngeentsikelelo zoBukumkani bukaThixo nethemba lobomi obungunaphakade.—Yoh. 4:7-15.
Ayengaziphathi iibhegi zencwadi, iiBhayibhile, okanye uncwadi kubulungiseleli bawo. Kodwa ukuba umninimzi uneBhayibhile yaye ufuna ukufunda ngezo zinto, ayedla ngokusebenzisa iBhayibhile yomninimzi ukuze aqhubeke naloo ngxoxo. Naphina apho kuboniswe umdla, ayedla ngokubuyela. Ngokusebenzisa iindlela zokungena ngobulumko ezinjengale, amaNgqina ayekwazi ukufumana abantu abanomdla, yaye amabandla asikelelwa ngolwando oluqhubekayo.
Umntu KaThixo
Neendawo ezikude zazifikelelwa ngeendaba ezilungileyo. Zafikelela nakummandla waseGambos, kufutshane nomda waseNamibia, ngenxa yemigudu kaTchande Cuituna. Waqala ukuva ngesigidimi soBukumkani xa wayekwilizwe elalisakuba yiRhodesia. Emva kokusebenza ixesha elide kwimigodi yaseMzantsi Afrika, wagoduka waya kufuya iinkomo. Wayequqa eMzantsi Afrika esiya kufuna iimpapasho zeWatch Tower, yaye ngesinye isihlandlo ethabathe olo hambo, wabhaptizwa ngowe-1961. Emva koko, wasasaza iindaba ezilungileyo ngenzondelelo kubantu bakowabo.
Wayedla ngokulayisha amanzi, ukutya noncwadi lweBhayibhile kwinqwelo yakhe yeenkomo aze aye kushumayela eqala equimbo ukusa equimbo (kwelinye icala lelali aye kuma kwelinye) kangangeenyanga ezimbini ukusa kwezintathu sihlandlo ngasinye. Ukwaphuka kwaloo nqwelo yakhe yeenkomo, wayedla ngokuqhubeka nolo hambo lwakhe ekhwele inkunzi yakhe yenkomo. Kwanaxa wayeneminyaka engama-70 ubudala, wayehamba ngeenyawo nabanye abavakalisi umgama ongaphezu kweekhilomitha ezingama-200.
UTchande Cuituna waba nomhlambi omkhulu weenkomo owawunokuzalisa amathafa. Kwelo butho loosolusapho, wayegqalwa njengentloko yalapho. Umsebenzi wosuku wawuqalisa ngokukhaliswa kwentsimbi ukuze wonk’ ubani ahlanganisane eze kumva xa exubusha iBhayibhile ngolwimi lwasekuhlaleni. Kwiintsuku zentlanganiso, eso sandi siqhelekileyo secangci lexina sasixelela abantu abamalunga ne-100 ukuba bahlanganisane ukuze beve imfundiso yokomoya.
Kuyo yonke loo ngingqi yaseGambos, uTchande Cuituna waye waziwa njengomntu kaThixo. Ngokwenza oko akufunde kwisifundo sakhe sobuqu seBhayibhile nakwiimpapasho ezixabisekileyo ‘zekhoboka elithembekileyo neliyingqondi,’ uMzalwan’ uCuituna wamisela umzekelo obalaseleyo ukuze abanye bawulandele. Ukuze afikelele abantu abaninzi kangangoko kunokwenzeka, waguqulela incwadana ethi “This Good News of the Kingdom” kwiilwimi zesiNyaneka nesiKwanyama.
Iofisi eseLuanda yeva ngomsebenzi kaMzalwan’ uCuituna kwiingxelo zenkonzo yasentsimini awayezithumela ngalo lonke ixesha kubazalwana abaseWindhoek, eNamibia. Kumzamo wokuba uMzalwan’ uCuituna anxibelelane ngokusondeleyo namanye amaNgqina, ngowe-1979 iofisi yaseLuanda yathumela uHélder Silva, umveleli wesiphaluka ukuba aye kudibana naye. Usalukhumbula kakuhle olo hambo.
UMzalwan’ uSilva ubhala athi: “Sahamba ngenqwelo-mafutha kangangeekhilomitha ezili-160 ukuya eChiange. Ukusuka apho kwakusasele iikhilomitha ezingama-70 esasiza kubetha ngezikaTshiwo. Imvula eyathabatha malunga neeyure ezintandathu yatsho saphantse asakwazi ukuqhubeka. Maxa wambi sasihamba emanzini athe gabhu emadolweni, kodwa singenakuma kuba loo mmandla wawunamarhamncwa asendle aneengcwangu amaninzi. Ngenxa yodaka, sakufumanisa kulula ukukhulula izihlangu, sixwaye impahla yethu ngeentonga emagxeni. Ekugqibeleni, saya kufika kwingingqi yaseLiokafela nakwindawo esasisiya kuyo, equimbo (ilali) kaCuituna. Sasilambile yaye sidinwe kanobom, ngoko ke, abafazi balapho basinika amasi, isiselo salapho esibizwa ngokuba yibulunga (kissangua), ikoko nomqa obizwa ngokuba yi-ihita (pirão de massango). Emva kokuthi zava kamnandi sothe umlilo, sasisele silungele ukungena emxholweni.” Olo tyelelo lwaba linyathelo elisa phambili ekulungelelaniseni ukushunyayelwa kweendaba ezilungileyo kwingingqi yaseGambos.
Akukho namnye owayelapho onokuze alulibale olo bhaptizo lwabazalwana noodade abatsha abali-18 ngoAgasti wowe-1986 kuMlambo iCaculuvar. Olo yaba lubhaptizo lokuqala ukuqhutyelwa kwingingqi yaseGambos ebudeni beminyaka engama-40 ukususela ekufikeni kwesigidimi soBukumkani apho. Oovulindlela abanenxaxheba kumsebenzi owenziwa kuloo mmandla babengaziva luvuyo. Ayinakuchazwa ngamazwi indlela awavuya ngayo uMzalwan’ uCuituna njengoko wayezibonela ngokwakhe olo bhaptizo. Exhumaxhuma luvuyo, wathi: “Ndiziva njengoKumkani uDavide xa wayepheleka ityeya kaYehova.” (2 Sam. 6:11-15) UMzalwan’ uCuituna usaqhubeka ekhonza njengovulindlela othe ngxi.
Umsebenzi Kumazantsi EAngola
Ngowe-1975, uTymoly oneminyaka eli-18 ubudala, ibhinqa elithe ncothu eliphuma kwingingqi yaseHuíla kumazantsi eAngola, lafumana inyaniso ngenxa yemigudu kavulindlela ogama linguJosé Tiakatandela. UTymoly wasixabisa isigidimi seBhayibhile, kodwa abazali bakhe bamchasa ngokukrakra. Maxa wambi wayevinjwa ukutya kangangeentsuku, ebethwa aze ekugqibeleni agityiselwe ngamatye. Ubomi bakhe busemngciphekweni, wahamba ngeenyawo iikhilomitha ezingama-60 waya kufika eLubango. Apho wakwazi ukuya kwiintlanganiso zebandla. Ngoncedo lweeklasi zebandla zokufundisa ukufunda nokubhala, wenza inkqubela ukusa kwinqanaba lokungenelela kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo. Wabhaptizwa ngowe-1981. UTymoly wafunda nokuthunga ukuze akwazi ukuziphilisa, yaye uzenzela ngokwakhe iimpahla ezintle ezimbalwa. Ngamadoda amathathu namabhinqa amane ohlanga lwakhe awevayo ngesigidimi soBukumkani ngowe-1978 awabhaptizwa ngowe-1980.
Kwandula ke ngowe-1983 uJosé Maria Muvindi waseLubango wangenelela ubuvulindlela bobuncedani beenyanga ezintathu. Waya emazantsi, eshumayela kwiindawo ezisemaphandleni ezingqonge iidolophu zaseJau naseGambos. Wehla waya kutsho kwiPhondo laseNamibe, esasaza iindaba ezilungileyo phakathi kohlanga lwamaMukubai, olona luninzi apho. Ebona intswelo enkulu kuloo mimandla, wangenelela ubuvulindlela obuthe ngxi. Wathelelwa ngabanye oovulindlela.
Xa uMzalwan’ uMuvindi wayeshumayela kuloo ndawo, inyaniso yeBhayibhile yachukumisa iintliziyo zabaninzi kwabo bantu. Baqalisa ukwenza iinguqu ezazifuneka ebomini babo. Ukuze bakwazi ukukhonza uYehova ngendlela eyamkelekileyo, kwafuneka bayeke ukwenza izinto ezichaseneyo nezibhalo, njengesithembu, ukuziphatha okubi, ukunxila nokukholelwa kwimimoya. Baqala ukuyeka ukunxiba itchinkuani okanye isibheshu ngokwesithethe salapho. Kwaqalisa ungcelele olungapheliyo lwezibini ezazisiya eLubango ukuze zibhalise ngokusemthethweni imitshato yazo. Kwabanye oku kwakuthetha ukushiya loo lali isihlandlo sokuqala kubomi babo! Iofisi yokubhalisa yalapho eChiange eyayivaliwe kangangeminyaka elishumi yaphinda yavulwa kulungiselelwa loo mdolomba wabantu abafika ngesiquphe bevela kwingingqi yaseGambos befuna iziqinisekiso zokuzalwa namakhadi ezazisi ukuze babhalise imitshato yabo.
Okubuhlungu kukuba, uMzalwan’ uMuvindi wabulawa sisifo sokudumba kwesibindi ngowe-1986, kodwa ubulungiseleli bakhe benzondelelo bazala isiqhamo esihle. Ngenxa yemigudu yakhe kunye nabo wayesebenza nabo kwezo ngingqi, baninzi abafumana ubungqina. Namhlanje, kuloo mmandla kukho amabandla asithoba kunye namaqela alishumi angekalungelelaniswa kakuhle njengamabandla, onke akhuthaza unqulo lokwenyaniso kuloo ngingqi.
Ukuba Phantsi Kweliso Elibukhali
Ngenxa yokusekwa kwePopular Brigades of Vigilantes (BPV) ngowe-1984, kwaphinda kwaziswa ingcinezelo entsha kubazalwana bethu. Umsebenzi weBPV yayikukuqinisekisa ukuba babekwa esweni ngokusondeleyo abo bangabandakanyekanga kwiinkqubo zemvukelo. Yaluphumeza njani iBPV olo thumo lwayo? UDomingos Mateus, owayekhonza njengomveleli wesiphaluka ngoko, usakukhumbula kakuhle oko: “Kwiimbombo zone zaseLuanda, wawubona ilungu lePopular Brigade Vigilante, elalibonakala ngebhanti lomkhosi elifakwa engalweni elimbala uluhlaza okwesibhakabhaka nelinoonobumba abathi BPV. Ayegunyaziswe ukuhlola nabani na odlulayo. Kwaya kusiba nzima ngakumbi kubazalwana ukuba beze neempapasho zabo kwiintlanganiso. NgoDisemba 1985 kwakukho isimbuku samaqela angama-800 awayesenza loo msebenzi eLuanda, nto leyo eyenza kwanzima nokuqhuba iintlanganiso zebandla.
“Kwindawo yembutho iex-Largo Serpa Pinto kwakukho amalungu elo qela amalunga nama-40 elinde wonke loo mmandla. Ayephelekwa ngamalungu ePopular Armed Forces for the Liberation of Angola, iqela elalixhobe ngoombayimbayi bomatshini. Kwakuyinto eqhelekileyo ukuva sele behlwayela nje iimbumbulu xa besukela umntu okanye befuna ukummisa ukuze bamncine.
“Elinye ibandla lalungiselela intlanganiso enkulu kwikhaya lomzalwana. Ngaphambi nje kokuba luqalise ucwangciso, saqonda ukuba kukho ilungu leBPV elijonge abazalwana njengoko babengena yaye lalibhala amagama abo encwadini. Phezu kwayo nje loo ngozi, umzalwana ohlala apho akazange aphakuzele. Kwathi qatha icebo elithile. Ezolile, wachwechwa waya kuma ngasemva kwaloo ndoda, yaye wathi esakuba kufutshane kuyo waqalisa ukukhwaza, ‘Bamelwane, khangelani! nali isela, bambani isela!’
“Lothukile, elo lungu lacela kwabanentsente, lilahla yonk’ into elaliyiphethe. Njengoko abamelwane babephuma ezindlwini zabo besiza yaye abanye bekrobe ngeefestile ukuze babone oko kwakusenzeka, loo mzalwana wangena endlwini yakhe waza waxelela omnye umdala wathi: ‘Mzalwana, ungaqalisa intlanganiso ngoku, yonk’ into ihamba kakuhle.’ Zonke iintlanganiso ezazilungiselelwe kwelo khaya kwiveki yotyelelo azizange ziphinde zibe nangxaki okanye ziphazanyiswe.”
“Iqhinga Lidliwe Yimpuku”
Ukunxibelelana kwamaNgqina kaYehova nabazalwana bawo abangamaKristu abangaphandle kwelo lizwe kwaya kusiba nzima. Noko ke, uAntónio Alberto wayesebenza kumzi-mveliso wamafutha wangaphandle kwelo lizwe. Wancedisa ekuthwaleni iileta zabazalwana baseAngola nezesebe lasePortugal.
Kodwa ngenye imini ngowe-1987, elinye ipolisa kwisikhululo somoya lafumana ipakethe eyayineencwadi eziphathelele utyelelo neminye imibandela enobuzaza. UMzalwan’ Alberto wayegubha luloyiko. Emva kwemini, wagoduka esiya kubona intsapho yakhe, ekubeni wayeqinisekile ukuba kungekudala wayeza kubanjwa. Watsalela umnxeba umzalwana owayevelela loo micimbi waza wathi, “Tat’ omkhulu iqhinga lidliwe yimpuku.”
Emva koko, ngenkalipho uMzalwan’ Alberto waya kwikhaya lomphathi wamapolisa kwisikhululo somoya. Lo mzalwana wacacisa ukuba wayesentolongweni ngexesha lolawulo lorhulumente wethanga kunye namanye amatyendyana abafana bamaPhuthukezi, yaye bagcina unxibelelwano ngembalelwano, yaye ipakethe equlethe ezo leta iye yathinjwa kwisikhululo somoya. Lo mphathi wokhuseleko wamnika ikhadi aza kubonisa ngalo kuloo ndoda ithimbe loo pakethe, ecela ukuba iziswe kwiofisi yakhe. Xa lo Mzalwana wadlulisela loo myalezo kuloo ndoda ilapho kwisikhululo somoya, elo gosa lothuka labanda. Kwakutheni? Kungenxa yokuba lalingakwazi ukuyisa kumphathi wokhuseleko—yayitshisiwe! Zatsho zehla izibilini kuMzalwan’ uAlberto, kwakungekho monakalo wenzekileyo.
Ayezimisele Ukuhamba Kwiindlela ZikaYehova
Naloo mfazwe ingapheliyo yeza nolunye uhlobo olutsha lwengcinezelo kumaNgqina kaYehova ukuze aphule ubundilele bawo bobuKristu. NgoFebruwari 1984, abanye abafana abali-13 babanjwa ngenxa yokwala ukuphatha izixhobo. Kubo, babebathathu kuphela ababengamaNgqina abhaptiziweyo; abanye babengabavakalisi abangabhaptizwanga nabafundi beBhayibhile. Phezu kwako nje ukugrogriswa nokuxhatshazwa emzimbeni, bangqineka bengashukunyiswa nto kwisigqibo sabo sokuhamba kwiindlela zikaYehova. (Isa. 2:3, 4) Okubuhlungu kukuba, xa babethunyelwa eLuanda ngenqwelo-moya, emva kokuphakama kwayo yawa yaye wonk’ ubani owayelapho kuyo wafa.
NgoAprili 1985 elinye iqela labantu abasithoba—kuquka amaNgqina abhaptiziweyo, abavakalisi abangabhaptizwanga nabantu abanomdla—alizange livume ukwaphula ubundilele balo. (Yoh. 17:16) Lathatyathwa ngololiwe, emva koko lafakwa kwihelikopta, laya kuphoswa phakathi emsini apho kwakusiliwa khona. Xa amajoni azama ukulinyanzela ukuba lizibandakanye edabini waza uManual Morais de Lima akavuma, wadutyulwa wafa. Omnye umzalwana wabethwa ngesiqhushumbisi esadlakaza umlenze wakhe kabuhlungu, kangangokuba wakhutshelwa ngaphandle kuloo ndawo yomlo waza wathunyelwa esibhedlele. Ababini kwabo bazalwana baxelelwa oku, “La helikopta nize ngayo apha asiyokaYehova,” ngoko ekuphela kwendlela yayikukuba babethe ngezikaTshiwo—iikhilomitha ezingama-200 kuloo mmandla wawuzaliswe yimikhosi yabagrogrisi namarhamncwa asendle. Ekufikeni kwabo eLuanda, baphinda babanjwa! Sekunjalo, babesaqinisekile ukuba ukulawulwa kukuthanda uYehova uThixo nabanye abantu yeyona ndlela ilungileyo yokuphila.—Luka 10:25-28.
Kwesinye isiganeko, amaNgqina amane athunyelwa kwinkampu yomkhosi ekwanti kumazantsi eAngola. Amajoni ayeqinisekile ukuba ukuqina kwemfazwe kwakuya kunyanzela amaNgqina ukuba athabathe izixhobo ukuze azikhusele. Kunoko, uMiguel Quiambata ukhumbula ukuba, amanye amagosa achukumiseka kukuma ngokuqinileyo kwaloo madoda yaye aqonda ukuba akayongozi, awanika inkululeko yokuhamba-hamba kuloo mmandla. Asebenzisa loo nkululeko ukuze afundise abanye ngelungiselelo likaYehova lobomi obungunaphakade alenze ngoNyana wakhe, uYesu Kristu. Ngowe-1987 xa ayebhiyozela iSikhumbuzo sokufa kukaKristu, kwakukho abangama-47, yaye kungekudala inani labo babesiza kwiintlanganiso lenyuka laya kutsho kuma-58.
Amalunga nama-300 amaNgqina kaYehova awayesesentolongweni ngowe-1990 ngenxa yobundilele bawo bobuKristu. Amanye ayekhonze apho izigwebo eziphindaphindiweyo, ngasinye siyiminyaka engaphezu kwemihlanu. Amanye ayegcinwe eluvalelweni iminyaka emine engabekwa tyala. Nkqu nasemva kokuba exolelwe amabanjwa, abanye abasemagunyeni entolongweni bakufihla oko kubazalwana baza babagcina entolongweni. Abanye balibazisa ukuwakhulula kuba amaNgqina ayegqalwa njengabona basebenzi bawo baphambili nabanokuphathiswa imisebenzi eyenziwa ngaphandle kweentolongo bengakhange bazame ukuqhwesha. Yaye oko kuxolelwa akuzange kukuthintele ukubanjwa nokuxhonywa kwamanye amaNgqina amabini ngowe-1994.
Kamva, ngoxa wayesasaza iphecana iKingdom News No. 35, omnye udade onguvulindlela wadibana nendoda eyayililungu lomkhosi eyamchazela ukuba yayikho xa kwakubulawa amaNgqina amathathu awayengavumi ukuphatha izixhobo. Xa wayibuza enoba ihlabathi beliya kuba yindawo elungileyo ukuba bonke abantu bebengamaNgqina kaYehova, yavuma isithi ukuba ayakwazi ukujamelana nokufa ngenxa yokungavumi ukubulala abanye abantu, ngokuqinisekileyo ihlabathi beliya kuba noxolo ukuba bonke abantu bebengamaNgqina kaYehova. Yamkela incwadana enemifanekiso ethi Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi?, yavuma ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile yaza yaqalisa ukuya kwiintlanganiso zebandla.
Amanzi Enyaniso Ayaqhubeka Equkuqela
UYehova wanika umprofeti uHezekile umbono wamanzi obomi equkuqela ephuma kwitempile enkulu kaThixo yokomoya. Ayequkuqela ngaphantsi yaye etyhubela imiqobo, edlula kwilizwe elingumqwebedu yaye ephilisa yonke into apho kwakungekho kuphila. (Hez. 47:1-9) Phezu kwayo nje imiqobo, namhlanje la manzi enyaniso anik’ ubomi aye aqukuqelela kumazwe angaphezu kwama-230, kuquka iAngola.
Maxa wambi imiqobo iye yabonakala imikhulu, kodwa amanzi obomi aphuma kuThixo aye afumana indlela yokutyhubela kuyo. Kuyo yonke iminyaka yee-1980, ukubekelw’ imiqathango bekungqongqo kangangokuba abathunywa bezigidimi abavela phesheya bebefika manqaphanqapha kwiofisi yaseLuanda. Sekunjalo, uncwadi lweBhayibhile oluqulethe inyaniso ehlaziyayo lwalunqumla kumda ophakathi kweAngola neNamibia, apho kwakulula ukunqumla khona. Ngaloo ndlela kwakufumaneka iimpapasho zesiPhuthukezi nezinye iilwimi zalapho. Eli lungiselelo lasebenza kuloo mmandla kangangeminyaka eliqela.
Uncedo lwaluvela kwimithombo emininzi. Baninzi abantu abangamachule ababenceda abazalwana ukuba bafumane iiBhayibhile. Nkqu namalungu omkhosi, wambi awayenezalamane ezingamaNgqina, ayezibeka esichengeni ukuze ancede abazalwana baseAngola. Izixhobo zeofisi ezininzi, kuquka oomatshini abaxabisekileyo bokukhuphela, zathunyelwa ngamagama abantu abathile abaziwayo. Kamva omnye wabo bantu wakhetha ukuzibandakanya nabantu bakaYehova ekukhonzeni ngaphantsi kolwalathiso ‘lweNkosana yoXolo,’ kaThixo.—Isa. 9:6.
Ngowe-1984, uThierry Duthoit nomfazi wakhe, uManuela, bafudukela eAngola besuka eZaire (ngoku eyiDemocratic Republic of Congo). Baye bathandwa kakhulu ngabazalwana basekuhlaleni. UMzalwan’ uDuthoit wayesukile egadeni yaye wayefaniswa nommi waseRashiya. Ngaphantsi korhulumente welo xesha, abemi abaninzi baseRashiya babehamba ngokukhululekileyo eAngola.
Oku kujongwa phosakeleyo kwasetyenziswa kakuhle ukuze kuziswe kwelo lizwe lidlavulwe yimfazwe uncwadi oluchaza indlela uYehova uThixo aya kuthi ngoBukumkani bakhe obungoMesiya azise uxolo lokwenyaniso kuluntu aze alunabisele eziphelweni zomhlaba. (INdu. 72:7, 8) UMzalwan’ uDuthoit wamisela uqhagamshelwano lwezoshishino neqela labaqhubi beenqwelo-moya abavumayo ukuthuthela iibhokisi zoncwadi lweBhayibhile kwelo lizwe. Emva koko uMzalwan’ uDuthoit wayezilanda kwisikhululo seenqwelo-moya azise kubazalwana. Wakwazi nokufumana amayeza awayefuneka ngeyona ndlela ukuze kunyangwe abazalwana.
Ngenxa kaMzalwan’ uDuthoit, abazalwana abaneembopheleleko batsho bazana noMnu. Ilídio Silva, usomashishini owanikela ngoomatshini ababini bokukhuphela. Kwakunzima kubazalwana ukubafumana, ekubeni urhulumente wayegcina ingxelo yenani labo bonke oomatshini beeofisi abakwelo lizwe. Naye uMnu. Silva wafumana iintsikelelo, kuba ekugqibeleni waba ngumkhonzi kaYehova obhaptiziweyo.
Ngenxa yezixhobo zokukhuphela ze-elektroniki, kwade kwaveliswa inkupho yeMboniselo enamaphepha angama-20. Oku kwakuquka amanqaku aphambili ababekade bengawafumani abazalwana baseAngola. Kwixeshana nje elifutshane, kwakusele kusasazwa umlinganiselo wemibhalo engama-10 000 kwinkupho nganye. Kwakhutshelwa nencwadana ethi Ukuhlolisisa IZibhalo ibe yaxatyiswa kakhulu. IPortugal yathumelwa imibandela ekhethiweyo ethatyathwe kwincwadi ethi “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Yaye Siyingenelo” ukuze nayo ikhutshelwe. Kamva, nawo loo mbandela wafumaneka kwiincwadana. Oku kwanceda ucwangciso lweSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo lwaba lolufundisayo. Hayi indlela awayehlaziya ngayo loo malungiselelo okomoya!
Ubungqina bentsikelelo kaThixo babuquka ukwanda kwenani labantu abadumisa uYehova kweli lizwe. Ngasekupheleni konyaka wenkonzo yowe-1987, inani labo bafaka ingxelo yomsebenzi njengamaNgqina akhe lafikelela kuma-8 388, ulwando olungaphezu komlinganiselo we-150 ekhulwini ukususela ekuvalweni umlomo ngowe-1978. Nalo inani lamabandla laphindaphindeka, lisuka kuma-33 laya kutsho kuma-89. Nangona kwakusetyenziswa ubulumko obukhulu xa kumenywa abo banomdla basebatsha kwiintlanganiso, abo babebakho babeba malunga ne-150 ekhulwini kunenani labavakalisi. Abavakalisi babesenza umlinganiselo weeyure ezili-18 kwinkonzo yasentsimini nyanga nganye, yaye izifundo zeBhayibhile zasekhaya zafikelela kwincopho yama-23 665! Liyinyaniso elokuba, kwakukho iingxaki zoqoqosho, yaye kwakunqongophele ukutya. Kodwa intembelo ababenayo abazalwana bethu kwizithembiso zikaYehova yabanceda bahlala bekhaliphile. Babezimisele ukuqhubeka “belithetha ngenkalipho ilizwi likaThixo.”—IZe. 4:31.
Uqeqesho Olukhethekileyo Lwabaveleli Besiphaluka
Abaveleli abahambahambayo ababesoloko bezinikele ngenxa yamabandla nabo babelufuna ukhuthazo. Hayi indlela abavuya ngayo bakuva ngamalungiselelo okuba baye kwintlanganiso ekhethekileyo yabaveleli abahambahambayo eLisbon, ePortugal ngoNovemba 1988!
Khawuthelekelele uvuyo ababenalo xa babenxulumana nentsapho yaseBheteli yasePortugal yonk’ imihla! ULuis Cardoso, omnye wabo babeye kuloo ntlanganiso, ushwankathela indlela awayevakalelwa ngayo athi: “Eli yaba lelona xesha libangel’ imincili kum. Samkelwa ngokufudumeleyo yintsapho yaseBheteli ePortugal. Abazalwana babeziva ngathi abasenzelanga nto ngokwaneleyo. Ezo ntsuku zingama-34 zaba ziintsuku ezixakekileyo zomsebenzi ovuyisayo nosifundisayo.”
Kuqala bachitha iiveki ezimbini besebenza nabaveleli abahambahambayo kwiziphaluka zasePortugal ukuze bafunde ngokuzibonela. Kwiiveki ezimbini ezilandelayo, baya kuloo ntlanganiso. Yayixubusha ngokukhethekileyo ngomsebenzi wabo wobuthixo ibe yabalungiselela ezo klasi zeSikolo Sobulungiseleli SoBukumkani ababeza kuba ngabahlohli kuzo. Kwiveki elandelayo, baya kwiiklasi zeSikolo Sobulungiseleli SoBukumkani zabadala nezicaka zolungiselelo ePortugal. Oku kwanika abazalwana baseAngola ithuba lokuba babukele indlela abaveleli abahambahambayo basePortugal abafundisa ngayo abadala balapho oko bakufunde kwintlanganiso yabo.
UMzalwan’ uCardoso uthi: “Le ntlanganiso yandifundisa oko kuthethwa kukuba ngumfundi olungileyo. Ndafunda ukufundisisa nokuphanda ngendlela endingazange ndenze ngayo ngaphambili. Ngomzekelo wabo, abazalwana basifundisa indlela yokubonisa ulwazelelo kubafazi bethu ukuze sikwazi ukusebenza kunye ngokumanyeneyo. Elo xesha lingalibalekiyo lagqwesa ngakumbi xa abazalwana basibonisa ‘iPhoto Drama of Creation.’ Ndandisele ndive lukhulu ngayo, kodwa ngoku ukuzibonela ngokoqobo ngamehlo kwakubangel’ imincili.”
Emva kwelo xesha lemfundiso, ngo-Oktobha 1990, uMário Nobre, umveleli wesiphaluka ovela ePortugal, wafumana isabelo sokuya kusebenza nabaveleli besiphaluka baseAngola njengoko babekhonza amabandla akwilizwe labo. Wachitha iinyanga ezimbini eqeqesha abazalwana, yaye ububele nomonde wakhe waxatyiswa kakhulu.
Evuya gqitha, uMzalwan’ uNobre usibalisela into eyenzeka emva kweentsuku ezimbalwa efikile eAngola: “Kwalungiselelwa ukuba ndinikele intetho yesidlangalala kwibandla elinabavakalisi abali-198. Ndothuswa kukubona kukho abantu abangama-487. Okwandothusayo kukuba umveleli owongamelayo wandicela ukuba ndiphinde ndiyinikele loo ntetho. Kwakukho isiqingatha sebandla kuphela! Eneneni ndavuma ukwenjenjalo, yaye kwabakho abangama-461 kwintetho yesibini, isimbuku sabantu abangama-948!”
Ngoxa wayelapho, uMzalwan’ uNobre wafunda okuninzi ngobomi bemihla ngemihla babazalwana baseAngola. Wafumanisa ukuba izitrato zaseLuanda zaziyingozi ngenxa yokudubulana, kodwa waqhelana ngokukhawuleza naloo meko waza wanikel’ ingqalelo yakhe kumdla ongathethekiyo oboniswa ngabantu kwisigidimi soBukumkani. Ngokuphathelele indawo awayehlala kuyo, uthi: “Abazalwana bandinika eyona ilungileyo babenayo. Yonke into esasinayo yayisanelisa nje iintswelo zobomi, kodwa ke kwakwanele oko.”
Imbalela Engathethekiyo
Ekuqaleni kowe-1990, umkhweli wehashe elimnyama leSityhilelo—indlala—waphalisa mpela kumazantsi eAngola xa kwagqugqisa imbalela engathethekiyo iinyanga ezintathu. (ISityhi. 6:5, 6) Izilimo zavuthuluka tu. Kwakukho ukubandezeleka okungathethekiyo. Ngokutsho kwephephandaba laseLisbon iDiário de Notícias, ubuncinane ngabantu abangama-10 000 abafa ngenxa yaloo mbalela.
Xa ezo ndaba zafikelela kwisebe lasePortugal, ngokukhawuleza abazalwana bathumela iicontainer ezinkulu ezimbini ngenqanawa zisiya kubazalwana noosomashishini ababebonise umdla kwinyaniso yeBhayibhile. Enye icontainer yathunyelwa eBenguela, enye eLuanda.
Isebe laseMzantsi Afrika lathumela iitoni ezingama-25 zoncedo ngelori eyanqumla eNamibia. Ukufika kwabo eWindhoek, abazalwana, bacela imvume yokungena eAngola kummeli waseAngola ukuze base loo mpahla kubazalwana babo abangamaKristu. Nangona elo gosa lalisazi ukuba amaNgqina akagqalwa ngokusemthethweni kwelo lizwe, lawakhupha ngovuyo loo maphepha ayefuneka ukuze olo ncedo luye kufika kwabo bantu babandezelekileyo. Kwalungiselelwa nomkhosi ukuze ubapheleke ukuqinisekisa ukuba bafika bekhuselekile.
Ukufika kwayo loo lori kwibhulorho eyakhelwe nje ukubambisa yoMlambo iCunene, kwafuneka ukuba abazalwana bakhuphele yonk’ into kwiilori ezincinane baze baphinde bayibuyisele bakuwelela kwelinye icala bekhuselekile. Emva kokudlula kwiindawo zomkhosi ekuhlolwa kuzo ezingaphezu kwama-30, loo lori yaya kufika eLubango. Olo hambo lwempumelelo lwahlahlel’ indlela ezinye izihlandlo ezithathu ezingakumbi, kuso ngasinye kusisiwa iitoni zezinto ezixabisekileyo zoncedo.
UFlávio Teixeira Quental, owayeseLubango xa kwakufika ilori yokuqala, ukhumbula oku: “Xa sabona loo lori ifika malunga nentsimbi yesithathu emva kwemini, savuya kakhulu yaye sathuthuzeleka, kwangaxeshanye sasimangalisiwe yaye sisoyika. Sasiza kuzigcina phi iitoni ezingama-25 zoncwadi, impahla nokutya? IHolo yoBukumkani yethu yayingenazo iingcango okanye iifestile, yaye indlu yethu yayincinane ukuba yanele zonke ezo bhokisi. Ngokukhawuleza salungiselela ukuba abazalwana balinde imini nobusuku, yaye safaka yonk’ into kwiHolo yoBukumkani.”
Yonke loo mpahla yasasazwa ngokukhawuleza. UMzalwan’ uQuental uhlabela mgama athi: “Elo yayilixesha lemfazwe. . . . Ngelo xesha sasidla ngokuba nephephancwadi elinye kwibandla lonke. Hayi indlela esaba nombulelo ngayo kuYehova, kwintlangano yakhe nakubazalwana bethu ababeka ubomi babo emngciphekweni ngenxa yabazalwana babo ababengabazi nokubazi! Oku kwasikhumbuza ngohlobo lothando uYesu awalubonisa kuluntu ngokunikela ngobomi bakhe bobuntu ngenxa yabanye.”—Yoh. 3:16.
Ileta yoxabiso eyayivela kubadala baseBenguela yathi: “Ibixakeke gqitha le mpelaveki idluleyo njengoko amatshantliziyo angama-32 ebesasaza loo mpahla. Sibulela abo baneentliziyo zabo ezilungileyo eziye zabashukumisela ukuba basithumelele esi sipho.” Phezu kwayo nje loo ndlala akukho namnye umzalwana owabulawa yindlala apho.
Isithembiso Samalungelo Abantu
NgoMeyi 31, 1991 kwatyikitywa isivumelwano sokubekwa phantsi kwezixhobo ngamaqela alwayo eAngola, nto leyo eyabangela ukuba kubekho uxolo. Kwavunyelwana ukuba kusekwe umgaqo-siseko omtsha othembisa ngamalungelo oluntu nawezobupolitika. Loo mfazwe yamakhaya yeminyaka eli-16 yalishiya ilivuthulule elo lizwe. Bamalunga nama-300 000 abantu ababulawayo. Umlinganiselo weminyaka ephilwa ngamadoda wawungama-43; yaye ungama-46 kumabhinqa. Kwakuthabath’ unyawo ukuphela kwemisebenzi nokunyuka kwamaxabiso. Inkqubo yemfundo yayintlitheke kanobom. Mninzi umonakalo ekwakufuneka ulungisiwe. Ngaba wawuza kuquka ukuzisa isiqabu koko kuvalwa umlomo kwamaNgqina kaYehova ukususela ngowe-1978?
Ngo-Oktobha 22, 1991 kwafakwa isicelo sokubhaliswa kwentlangano yamaNgqina kaYehova eAngola kumphathiswa wezobulungisa. Eso sicelo sabhengezwa nasezindabeni ukuze saziwe ngabantu bonke.
Kusuku nje olulandelayo iphephandaba iJornal de Angola lapapasha inqaku elalisithi kwinxalenye yalo: “Ngokutsho kwesithethi samaNgqina aseAngola, kukho ithemba lokuba le Association iya kwamkelwa ngokusemthethweni, yaye iyanelisa indlela eliye lakwamkela ngayo oko iSebe Lezobulungisa.” Elo nqaku lahlalutya nembali yamaNgqina kaYehova eAngola, kwanengxelo yawo kumazwe afana nePortugal neMozambique apho umsebenzi wamaNgqina kaYehova wawuvuliwe.
Okwesihlandlo sokuqala eAngola, kwapapashwa iindaba ezimnandi ngamaNgqina kaYehova! Kwiintsuku eziliqela emva koko, umalathisi welo phephandaba wathi uye watsalelwa iminxeba emininzi, nkqu nangabantu abakwizikhundla eziphezulu, bemothulel’ umnqwazi ngokushicilela elo nqaku.
“Amava Endingasoze Ndiwalibale”
AmaNgqina kaYehova ayesele eqalisile ukuhlanganisana kunye ngokukhululekileyo. Amabandla anabavakalisi abali-100 anikela ingxelo yokuba ngabantu abangama-300 ukusa kuma-500 abeza kwiintlanganiso! AmaNgqina ayeza kuthini ukuze akwazi ukwamkela ezo zihlwele zingako, ekubeni kude kube ngoko ayenyanzelekile ukuba aqhube iintlanganiso zawo ngokwamaqela amancinane emizini yabantu? Abanye abazalwana abanomhlaba omkhulu ngasemva kwemizi yabo babesenza uphahla lwamazinki baze banikele ngaloo ndawo ukuze isetyenziswe libandla. Amabandla amaninzi ayehlanganisana nje ebaleni. Abavakalisi bakhuthazwa ukuba bameme izifundo zeBhayibhile ezisele zihambele phambili kuphela kwiintlanganiso nakwiindibano ngenxa yokuba kwakungekho ndawo yanele bonke abanye. Iindawo zokunqula zazifuneka buphuthuphuthu.
UDouglas Guest noMário P. Oliveira bathunyelwa apho bevela ePortugal ukuze baye kunceda abazalwana bahlole loo msebenzi wenziwayo baze baqwalasele nezinto eziza kufuneka kwixesha elizayo. Ngoxa babelapho, kwaqhutywa iintlanganiso ezikhethekileyo nabadala, noovulindlela abaphuma kumabandla ali-127 aseLuanda. Kwabakho ithuba lokudibana nabadala abaphuma kumabandla angama-30 angaphandle kwelo komkhulu. Zonke iindawo zelo lizwe zazinabameli. Hayi indlela esakheka ngayo ngeso sihlandlo!
KuMzalwan’ uGuest lawo yaba ngamava achukumisa ngokunzulu. Wayesele esebenze ngokusondeleyo naba bazalwana ngembalelwano kangangeminyaka engama-30. Ekhumbula olu tyelelo, wathi: “Okona kuhlab’ umxhelo kukungakhalazi kwabo ngenxa yezinto abangenazo. Uxolo lwangaphakathi lwalubonakala kuncumo lwabo, lutyhila ukuba baphilile ngokomoya. Eyona nto babesoloko bethetha ngayo lithemba lokwandisa umsebenzi wokushumayela kwilizwe labo. Lawo ngamava endingasoze ndiwalibale.”
Ukugqalwa Ngokusemthethweni Kwakhona
NgoAprili 10, 1992, iphepha likarhulumente elisemthethweni, iDiário da República, labhengeza ukuba IAssociation of Jehovah’s Witnesses ivunywe ngokusemthethweni. Oko kwavuselela amaNgqina kaYehova ukuba azimisele ekusebenziseni loo mathuba kangangoko. Ngokukhawuleza afikelela incopho entsha yabavakalisi abangama-18 911—umlinganiselo wama-30 ekhulwini ngaphezu kwalowo wonyaka owandulela lowo. Izifundo zamakhaya zeBhayibhile ezingama-56 075—umlinganiselo wezifundo ezithathu kumvakalisi ngamnye—zazisalatha kwintabalala yesivuno esasiseza.
Ngoku isebe laseMzantsi Afrika lachazelwa ukuba liqalise ukuthumela IMboniselo, uVukani! nolunye uncwadi eAngola. Kwathengwa iilori ezimbini ukuze kube lula ukusasaza uncwadi kumabandla alapho. Hayi indlela abavuya ngayo abazalwana xa kwafika imibhalo engama-24 000 yenkupho yeMboniselo kaMeyi 1, 1992, neli-12 000 yenkupho kaVukani! kaMeyi 8, 1992! Kungekudala kwabakho isixa esaneleyo sencwadi ekwakuza kuqhutywa ngazo izifundo zeBhayibhile zasekhaya. Ngaphambili, ukuze baqhube izifundo, abanye abavakalisi babekade becengceleza yonk’ imibuzo neempendulo ezikuloo mpapasho ifundwayo.
Ukujamelana Namaxesha Anzima Kwakhona!
Ugonyamelo lwalungekapheli. Emva konyulo ngoSeptemba 1992 elo lizwe laphinda ladlavulwa yimfazwe yamakhaya. Kwaqhambuka umlo owoyikekayo ngo-Oktobha 30 kwizixeko ezikhulu ezihlanu: eLubango, eBenguela, eHuambo, eLobito, ngokukodwa eLuanda, apho iingxelo zachaza ukuba kubulewe abantu abali-1 000 kwiintsuku zokuqala zaloo mlo.
Izibhedlele zazizele zimi ngeembambo. Izidumbu zaziqungquluze ezitratweni. Izifo zasasazeka okomlilo wedobo. Kwakungekho ndlela yakufumana iinkonzo zombane, ukutya namanzi kangangeeveki eziliqela. Kwagqugqisa ubusela nokuphanga. Abantu abaninzi baxhwaleka.
AmaNgqina kaYehova amaninzi aseLuanda abulawa; kwanikelwa ingxelo yokuba amanye alahlekile. Xa zafika ePortugal ezo ngxelo zokuba abazalwana bethu basebugxwayibeni ngaloo ndlela, ngokukhawuleza elo sebe lathumela ukutya namayeza.
Ngelo xesha lokulwa kwamaqela ahlukeneyo ezobupolitika, ukungathabathi icala ngokuqinileyo kwamaNgqina kaYehova kwakwakhelwe umkhanya ngabantu. Kwakuthethwa kakuhle ngento yokuba yayikuphela kwabantu abangabandakanyekanga kwezobupolitika yaye ayengathabathi cala kuloo mzabalazo. Abantu abanomdla baqalisa ukuya kumaNgqina esitratweni becela izifundo zeBhayibhile.
Njengoko amaNgqina ayekhangele imeko yawo, ayeqinisekile ukuba afumana inzaliseko yesiprofeto seBhayibhile, yaye oko kwayomeleza ngakumbi intembelo yawo kuBukumkani bukaThixo. Akuqonda ukuba sexesheni kokufunda incwadi ethi ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo!, ngokukodwa inxalenye ephathelele imisebenzi yerhamncwa lasendle kule mihla yokugqibela.
Isigidimi Esivela KwiQumrhu Elilawulayo
Ngokukhawuleza nje emva kokuqhambuka kobundlobongela, iQumrhu Elilawulayo lathumela kwisebe lasePortugal ileta eyayivakalisa inkxalabo ngabazalwana baseAngola. Phakathi kwezinye izinto, loo leta yayiqwalasela ezona zinto zifuneka ngokukhawuleza kubazalwana baseAngola. Ukuqukumbela, iQumrhu Elilawulayo lacela ukuba kudluliselwe imibuliso yalo efudumeleyo kubazalwana baseAngola.
Xa bafumana esi sigidimi eLuanda, abazalwana bavakalisa umbulelo wabo ongazenzisiyo kuYehvoa ngenxa yentlangano enothando ngolo hlobo ebanyamekela ngothando abantu bakhe kumaxesha embandezelo. Ngokukhethekileyo kwabakho amazwi othando okuthuthuzela iintsapho zabo bazalwana baphulukana nobomi babo kolo gonyamelo.
INdibano YeSithili Eyimbalasane
Noko ke, ngoJanuwari 1993, iimeko zaseLuanda zaba buzola, yaye abavakalisi ababevela kwiindawo ezahlukeneyo zelo lizwe bakwazi ukuya kwiNdibano YeSithili ‘Yabathwali Bokukhanya’ eyayilapho kwelo komkhulu. Abanye babevela kude ngeenyawo. Omnye udade wayevela kwiPhondo laseHuambo ehambe iintsuku ezisixhenxe nabantwana bakhe abane abancinane, oyena mdala eneminyaka nje emithandathu ubudala. Waya kufika edinwe eyimfe kodwa evuyiswa kukubakho kweso sidlo sokomoya babeza kusinandipha.
Kwaqeshwa i-Industrial Fair Pavilion kangangeeveki ezimbini ezilandelelanayo. Oomatshini bombane nezixhobo zesandisi-lizwi zazivela ePortugal. Nangona abazalwana bamema abo babesiza rhoqo kwiintlanganiso, eso sakhiwo sendibano sasizele siphuphuma kuzo zombini ezo ndibano. Bebonke abo babekho bafikelela kuma-24 491. Yayisisihlandlo sokuqala ukuba abazalwana baseAngola bakwazi ukunandipha ucwangciso olupheleleyo lweentsuku ezintathu zendibano yesithili, kuquka umdlalo. Kwabhaptizwa abalungiseleli abatsha abangama-629 kwezo ndibano, yaye abo babekwindibano bavuyiswa kukufumana incwadana enemifanekiso ethi Bunandiphe Ubomi Emhlabeni Ngonaphakade! ngesiKikongo, isiKimbundu nesiUmbundu kwakunye nencwadana enemifanekiso ethi Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathelele? ngesiPhuthukezi.
Amagosa karhulumente ayekondele ngokusondeleyo ukuziphatha kakuhle kwamaNgqina awayelapho. Kwakukho umahluko omkhulu koko kwakusenzeka eLuanda. Ngosuku lokuqala lwendibano, kwaqhambuka udushe nxamnye neembacu ezazibuyela emakhaya kwiidolophana ezahlukeneyo zeso sixeko. Kwabulawa ezininzi kwaza kwangxwelerhwa amakhulu. Kwakuphangwa izinto. Kwatshatyalaliswa imizi yabantu kuquka naleyo yabazalwana. Loo ntlungu yokuvuka kogonyamelo yenza umahluko phakathi kokukhanya komoya okwakunanditshwa ngabantu bakaYehova wabonakala nangakumbi.—Isa. 60:2.
Ukuqhawuka Konxibelelwano Lwamabandla Neofisi
Ngenxa yokuvuka phantsi komlo, lwaya luqhawuka unxibelelwano phakathi kwenkoliso yamabandla akwamanye amaphondo neofisi yaseLuanda. Umkhosi wabavukeli waseka ikomkhulu layo eHuambo ngoJanuwari 1993, kwaza emva koko kwalandela umlo owoyikekayo. Abazalwana basaba bengumndilili baya kutshona ematyholweni ngoxa eso sixeko sihle sasitshatyalaliswa ngokoqobo. Kangangeenyanga ezine kwakungekho ndaba zivela kumabandla ali-11 awayekweso sixeko. Ekugqibeleni, ngoAprili kwafumaneka isigidimi esifutshane sisithi: “Abo bebekho eSikhumbuzweni samabandla ali-11 aseHuambo: bebengama-3 505. Ukuza kuthi ga ngoku akukabikho mntu ufileyo.” Ezinjani zona iindaba ukuba mnandi zokuba kwakungekho mzalwana ubuleweyo!
Kwiinyanga neminyaka eyalandelayo, kwakufika iingxelo ezingakumbi, zichaza ngokuthembeka nokunyamezela. Elinye ibandla lanikela ingxelo yokuba: “Elona xesha lakhe laba libi gqitha yaba ziinyanga ezimbini apho umlo waqatsela de akwabikho namnye waba nobuganga bokuhamba ezitratweni emini. Abazalwana bahlanganisana kunye kumgangatho wegumbi eliqeshiswayo lesinye isakhiwo. Ebusuku babedla ngokuphuma baye kukha amanzi, bawabilise ukuze babe nento yokusela kusuku olulandelayo. Abantu abazama ukunqumla isitrato besuka kwesinye isakhiwo besiya kwesinye, babedla ngokudutyulwa ngabantu abangababoniyo nokuba baphi na. Abazalwana babekufumana njani ukutya? Babedibanisa loo nto banayo ukuze bazithengele irayisi kumajoni ngexabiso elixhomileyo. Mntu ngamnye wayesabelwa ikomityi enye ngemini. Xa bengafumani kutya, babedla ngokugxotha iphango ngokusela loo manzi abilisiweyo. Babengakwazi ukufumana uncwadi, kodwa ukuze bazigcine bomelele ngokomoya, babefunda ngokuphindaphindiweyo amaphephancwadi neencwadi ababenazo. Ngenxa yoko, ngoku baziva besondele ngakumbi kuYehova.”
Elinye ibandla elikwiPhondo laseKwanza Norte alizange linxibelelane neofisi yaseLuanda kangangeminyaka emibini. Nangona lalikwanti, ngokuthembeka amaNgqina alapho agcina ingxelo yawo yenkonzo yasentsimini nengxelo yemali yeminikelo efunyenweyo. Babesebugxwayibeni, kodwa abazange bayichukumise loo minikelo ukuze bayisebenzisele iziqu zabo. Yaye baqhubeka besenza iminikelo emincinane kumsebenzi owenziwa ehlabathini lonke. Loo minikelo yangeniswa xa bathi ekugqibeleni bakwazi ukunxibelelana neofisi. Onjani wona umzekelo wokuxabisa intlangano kaYehova ebonakalayo!
Ukwandiswa KweBheteli
Ekupheleni kowe-1992, iAssociation of Jehovah’s Witnesses yakwazi ukuthenga umzi onemigangatho emithathu owawukade uqeshiswe kwiofisi yekomiti yelo lizwe. Kwakuloo nyaka, yakwazi ukuqesha isakhiwo esifanelekele ukugcina uncwadi yaye kamva sasetyenziswa ukwenza umsetyenzana wokushicilela. Kwiminyaka emibini kamva, kwacetywa ukuhlaziywa kwaloo ndlu inemigangatho emithathu kuze kongezelelwe eminye imigangatho emithathu.
Izinto zokwakha zazingafumaneki apho, ngoko zaya kufunwa ePortugal zaze zafakwa kwiicontainer zathunyelwa eAngola ngenqanawa. UCarlos Cunha, uJorge Pegado noNoé Nunes bafika bevela ePortugal besiya kusebenzisa ubuchule babo bokwakha kuloo msebenzi. Umveleli walo msebenzi, uMário P. Oliveira wasePortugal, usichazela oku: “Xa kwakuqalisa loo msebenzi wokwakha ngoJulayi 1994, iBheteli yaba libubu leenyosi ezixakekileyo njengoko kwakufika icontainer emva kwenye. Ngokoqobo wonk’ ubani kuloo ntsapho wayencedisa ekothuleni ezo container zizise zonke izixhobo nempahla yokwakha kuquka ipeyinti, iitile, imigubasi yeengcango neefestile, njalo njalo. Intsapho yaseBheteli yayifundile ngeenkqubo ezikhawulezayo, kodwa ngoku kwaba nzima ukuba ikukholelwe oko yayikubona ngamehlo ukwakhiwa ngokuphanyaza kweso kwesakhiwo esinemigangatho emithathu.”
Ekuqukunjelweni kwalo msebenzi, kwafunyawa ileta yoxabiso evela kumzalwana walapho esithi: “Ndiyambulela uYehova ngokuba ndiye ndavunyelwa ndanenxaxheba ekwakhiweni kwale Bheteli intsha. Ekuqaleni kwakungathi liphupha, kodwa kuye kwaba yinto yokwenene. Kwakulilungelo elingathethekiyo ukubakho xa kuxutyushwa itekisi yosuku yonk’ imihla, nto leyo yandikhuthaza kakhulu. Ndatsho ndawazi ngamagama awo onke amalungu entsapho yaseBheteli, wambi endandiwabona nje kuphela endibanweni njengezithethi. Ndicela uYehova ukuba xa kusakhiwa iBheteli entsha okanye esinye isakhiwo kwixesha elizayo, andiphe elo lungelo likhulu lokuba nenxaxheba kuloo msebenzi.”
Ukususela ngoko, kuye kwathengwa isiqwengana sesiza esiziihektare ezi-4,5 malunga neekhilomitha ezili-10 ngaphandle kwaseLuanda ukuze kunyanyekelwe intswelo ekhulayo. Sinethemba lokuba leyo iya kuba yindawo yeofisi entsha nekhaya laseBheteli.
Abanye abazalwana ababezimisele ukunceda bagaleleka eAngola bevela kwamanye amazwe. NgoMeyi nangoJuni wowe-1994, kuye kwafika abavangeli basemazweni abasibhozo. Abazalwana baseMzantsi Afrika baye behla benyuka besiya kunceda ukufakela umatshini omtsha wokushicilela nokufundisa abazalwana balapho indlela yokuwusebenzisa. Kweza abazalwana basePortugal beze kuncedisa kwiikhompyutha, ukugcina iincwadi nokulungelelanisa eminye imicimbi. Amalungu entsapho yaseBheteli akhonza kwamanye amazwe avela eKhanada naseBrazil aya kunceda ngobuchule bawo. Hayi indlela abakuxabisa ngayo abazalwana ukuzinikela ngokuvumayo ukuze bancede kuloo msebenzi nangokuqeqesha abazalwana balapho ngezakhono ezixabisekileyo!
Iindibano Zinikela Ubungqina Obuhle
Ngowe-1994 kwenziwa amalungiselelo okuba kuqhutywe iindibano zesithili kwiindawo ezingakumbi. Okwesihlandlo sokuqala, ezimbini kuzo zaqhutywa kwamanye amaphondo: enye yayiseBenguela, yaye kwakuze abantu abangama-2 043 kuyo, ngoxa enye yaba seNamibe, apho bafikelela kwincopho yabangama-4 088 ababekho. Isimbuku sabo babekho safikelela kuma-67 278 yaye kwabhaptizwa abangama-962.
Umalathisi welinye ibala wachukumiseka gqitha koko wakubona apho kangangokuba wanikela ngebala lakhe ukuba lisetyenziswe iiveki ezimbini ngaphandle kwentlawulo. Omnye umntu onomdla wathi: “Hayi indlela abaziphethe kakuhle ngayo abo bantu bendibabukele apho! Bendingezanga kuhlola ukuba nenza ntoni na; ndinqwenela ukuqhubeka nani. Ndicela nincede nithumele umntu oza kundifundisa ngokukhawuleza, ukuze nam ndiwulandele ngokupheleleyo umzekelo wenu.”
KwiNdibano YeSithili ‘Yabadumisi Abanovuyo’ ka-Agasti 1995, amaNgqina alungiselela ibala elikhulu elikumbindi weLuanda. Abazalwana bafakela izihlalo ezitsha zamaplanga kwindawo enkulu, bafaka ipeyinti entsha, baza balungisa nemibhobho yamanzi. Babeza kusabela njani abantu xa bemenyelwa apho? Intsabelo yaba ngaphaya kokuqonda! Kwimpelaveki yokuqala, ezo zihlwele zazalisa nalapho ebaleni ziphuphuma kuyo yonk’ indawo nangaphantsi kwezo ndawo zokuhlala ebaleni. Abo babekho bavuyiswa kukuva ukuba babengama-40 035 ababekho. Kwimpelaveki elandelayo, kweza abanye abangama-33 119. Kwabhaptizwa isimbuku sabali-1 089.
Ekubeni ayengaphantsi kwama-26 000 amaNgqina kaYehova kwelo lizwe lonke, babevela phi bonke abo bantu? Yayingabemi baseAngola ababenomdla kwisigidimi seBhayibhile esifundiswa ngamaNgqina kaYehova. Omnye umcholacholi weendaba eLuanda wathi: “Apha eCoqueiros Stadium kwenzeka into engazange ibonwe. Apha kukho abantu abamalunga nama-60 000 bazo zonke iindidi abeze kwindibano yesithili yamaNgqina kaYehova. Kumangalisa ngokwenene; amadoda, abafazi, abantwana nabantu abakhulileyo bonke bahlanganisene kunye . . . baphulaphule ukhuthazo lokudumisa uThixo wabo, uYehova.”
Abo babebukele abantu abafikayo bachukunyiswa kukuba phezu kwako nje ukutsala nzima, babenxibe kakuhle yaye becocekile. Ebudeni bocwangciso, wonk’ ubani wayenikel’ ingqalelo. Kwakungathi ekuphela kwabantu abahambahambayo ngabo balindi babebala. Omnye usekela-mphathiswa waseburhulumenteni owayekho kulo lonke ucwangciso lwakusasa ngeCawa wathi: “Ndimangalisiwe! Hayi indlela abahluke ngayo abantu abalapha kweli bala kwabo bangaphandle. Ndichukunyiswa yindlela olusebenziseka ngayo ucwangciso lwenu. Ndinothulel’ umnqwazi!”
AmaNgqina aseAngola ayefundile ngeendibano ezinkulu zabantu bakaYehova kwezinye iindawo zehlabathi. Kodwa ngoku ayekwenye yazo kwilizwe lawo. Enjani yona intsikelelo emva kweminyaka yokunyamezela etyhubela amaxesha anzima! Ayengazi nokuba makathini na. Ayezele yimibulelo kuYehova ngokuwenza abe yinxalenye yentsapho ekhethekileyo esemhlabeni kweli xesha libaluleke kangaka kwimbali yoluntu.
IAngola Iba Lisebe
Ukushunyayelwa kweendaba ezilungileyo kwakusanda ngokukhawuleza. Ukususela ngowe-1994 ukusa kowe-1996, inani labavakalisi lalisanda ngomlinganiselo we-14 ekhulwini nyaka ngamnye. Incopho yabavakalisi yafikelela kuma-28 969, yaye inani lezifundo zekhaya zeBhayibhile ladlula kuma-61 000. Xa yayibhaliswa ngokusemthethweni iAssociation of Jehovah’s Witnesses ngowe-1992, kwakukho amabandla angama-213; ngowe-1996 elo nani landa laya kutsho kuma-405. Ukubakho kwabali-108 394 kwiSikhumbuzo saloo nyaka kwalatha ekuhlanganisweni kwentabalala engakumbi.
Ukuguqula iofisi yaseLuanda ibe lisebe kwakunokubangela ukuba iimfuno zasekuhlaleni zinyanyekelwe ngokukhawuleza. Ngoko ke, ngoSeptemba 1, 1996, iofisi yesebe yaqalisa ukusebenza eAngola. IQumrhu Elilawulayo lamisela iKomiti yeSebe yabazalwana abathathu ababesele bethembekile ekukhonzeni kwikomiti yelo lizwe: uJoão Mancoca, uDomingos Mateus, noSilvestre Simão. Kwakhethwa abanye abavangeli basemazweni ababini, ukuze bancedisane nabo: uJosé Casimiro noSteve Starycki.
Ukuze ancede ekulungiseleleni ezo nguqu, uDouglas Guest, wasePortugal watyelela eAngola ngoJuni 1996. Wathetha nentsapho yaseBheteli enamalungu angama-56 ngemfuneko yokuba amisele umzekelo omhle kwizinto zonke. Ucwangciso olukhethekileyo lwabadala noovulindlela ababengama-5 260, kunye nabafazi babo bevela kummandla waseLuanda lwabalaselisa udliwano-ndlebe namalungu eKomiti yeSebe kwanabanye abazalwana abakhulileyo, bekhumbula iimbalasane zembali yabantu bakaYehova eAngola. UMzalwan’ uGuest wathetha nabo ngenkalipho eyabangelwa kukuthembela ngoYehova nokufuna kuYe amandla.
Ukwenza Inyaniso Ifumaneke Ngolwimi Lwabo
ISityhilelo 7:9 sithi “isihlwele esikhulu” sabantu “siphuma kuzo zonke iintlanga nezizwe nezizwana neelwimi” sasiza kuthelela ekunquleni uYehova. Ngokuqinisekileyo neAngola iqukiwe kwesi siprofeto. Kukho iilwimi ezingama-42 neziyelelane ezininzi ezithethwa eAngola. Kuzo isiUmbundu, isiKimbundu, nesiKikongo zezona lwimi zomthonyama zisetyenziswa ngokubanzi.
Kangangeminyaka, kwiintlanganiso zebandla kwakusoloko kuguqulelwa loo mbandela ufundwayo ngokusuka kwisiPhuthukezi ubuncinane ngolwimi olunye lwasekuhlaleni. Ukuze babe nezo ncwadi zifundwayo, abantu kwakufuneka bafunde isiPhuthukezi, ukanti ayenqabile amathuba okufunda. Enye yeempapasho zokuqala ukufumaneka ngesiUmbundu yincwadana ethi “This Good News of the Kingdom.” Ngowe-1978 xa omnye wabadala wafumana umbhalo wayo wagqabaza wathi: “Ekubeni sinale ncwadana ngesiUmbundu, eMoçâmedes [ngoku eyiNamibe] kuza kubakho abavakalisi abangaphezu kwama-300. Inkoliso yabantu kulo mmandla ithetha yaye ifunda olu lwimi. Le yintsikelelo ngokwenene!” Kangangendlela eyaba nkulu ngayo loo ntsikelelo ngoku eNamibe kukho abavakalisi abali-1 362 kumabandla angama-21.
Kodwa kwakusekuninzi ekufuneka kwenziwe ukuze kufikelelwe iintliziyo zabantu baseAngola ngokulungiselela iindaba ezilungileyo ngeelwimi zabo. Kwafuneka kumiselwe iSebe Labaguquleli elipheleleyo. Ngokukhawuleza emva kokuba amaNgqina kaYehova ebhaliswe ngokusemthethweni ngowe-1992, kwathunyelwa abathathu kwabo babeza kuba ngabaguquleli kwisebe laseMzantsi Afrika ukuba baye kufumana uqeqesho lokuqala. Kwafunyanwa iikhompyutha. Emva koko uKeith Wiggill nomfazi wakhe, uEvelyn beza bevela eMzantsi Afrika beze kunceda ekulungelelaniseni elo sebe litsha nasekusebenziseni iinkqubo zekhompyutha zoMbutho ze-Translation Tools.
Kwatsho kwafumaneka uncwadi olungakumbi ngeelwimi zomthonyama. Kwapapashwa ngesiUmbundu, iincwadana ezinemifanekiso ezifana nethi Bunandiphe Ubomi Emhlabeni Ngonaphakade! nethi Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele? Emva koko zakhutshwa ngesiKikongo nesiKimbundu, kunye namaphecana ahlukeneyo. Ngowe-1996 kwakhululwa incwadi ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade nencwadana enemifanekiso ethi Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi? ngazo zontathu ezo lwimi. Umveleli wesithili wanikela ingxelo yokuba kwelinye lalo mabandla wayekhonza kuwo, wasebenzisa intshumayelo elula gqitha nengqalileyo yaye waqalisa izifundo zeBhayibhile ezingama-90 ngeveki enye! Kunyaka olandelayo amabandla anda esusela kwangama-478 ukusa kwangama-606.
Enjani yona intsikelelo yokuba abazalwana bakwazi ukuva nokufunda inyaniso yeBhayibhile ngolwimi lwabo! Ngowe-1998 kwaqhutywa indibano yesithili yokuqala epheleleyo ngolwimi lwesiUmbundu eHuambo. Inani labo babekho laba ngaphezu kwama-3 600. Ngenxa yombulelo abo babekho bavakala besithi, “uYehova akasilibalanga!” Ubungqina baloo nkathalo yothando bongezelelwa xa kwakufumaneka IMboniselo ngesiUmbundu, ukuqala kwinkupho kaJanuwari 1, 1999.
Imfuneko Engxamisekileyo YeeHolo ZoBukumkani
Ngenxa yokuvalwa umlomo komsebenzi wawo, kangangeminyaka emininzi amaNgqina kaYehova aseAngola ayengakwazi ukufumana iiHolo zoBukumkani. Ukususela ngowe-1992, inani lamabandla aseLuanda nje kuphela liye lakhula lisusela kwali-147 laya kutsho kwangama-514. Kwelo lizwe lonke, inani lamabandla liye landa ngaphezu komlinganiselo wama-200 ekhulwini, laya kutsho kuma-696. Umlinganiselo wabo bezayo kwiintlanganiso uphakathi kwabantu abangama-200 nama-400 kumabandla amaninzi. Iindibano ezinkulu nezincinane zowe-1998 zanikela ingxelo yabantu ababekho eliphindaphinda kane inani labavakalisi! Zifuneka ngokungxamisekileyo iindawo ezifanelekileyo zokuhlanganisana.
Isixeko saseLubango safumana iHolo yoBukumkani yaso yokuqala ngowe-1997, eLobito ngoJulayi 1998, naseViana (kumazantsi nje eLuanda) ngoDisemba 1999. Ngenxa yoncedo olukhoyo lwenkqubo yezizwe ngezizwe yokwakhiwa kweeHolo zoBukumkani, ngoku kwenziwa inkqubela.
Kuye kwalungiselelwa ukuba kusetyenziswe iHolo yoBukumkani eyakhiwe ngophahla lwentsimbi, enamacala avulekileyo nenokufuduswa eAngola. Kutheni iyenokufuduswa nje? Phezu kwayo nje imigudu yokufumana isiza ngokusemthethweni, nasemva kokuba kwakhiwe kusenokufika ubani ayibange loo ndawo. IHolo yoBukumkani icetywa ngendlela yokuba ikwazi ukufuduswa xa kuyimfuneko. Kona ukuvuleka emacaleni, kwenzelwa ukubetha komoya kuloo mozulu yalapho ishushu. NgoMeyi wama-2000, kwafika impahla yokwakha yesakhiwo sokuqala. Kukho iiHolo zoBukumkani ezingama-24 nje kuphela ezakhiwe ngeendlela ezahlukeneyo kwelo lizwe, yaye kuza kufuneka ezinye ezingama-355 kule minyaka mihlanu ilandelayo. Kukho ithemba lokuba oko kwenziwayo kuya kunceda ekuhlangabezaneni nale ntswelo yongxamiseko.
Ukongezelela kumsebenzi weeHolo zoBukumkani, kucetywa ukwakhiwa kweHolo yeNdibano enophahla lwentsimbi, amacala avulekileyo nezihlalo ezingama-12 000 kwixesha elizayo.
Ukuhlonela Ubungcwele Begazi
Ukuze kufezwe enye intswelo, ngo-Oktobha 1996 yaqalisa ukusebenza iKomiti Yokunxibelelana Nezibhedlele (Hospital Liaison Committee [HLC]) ebunjwe ngabadala abalishumi abanenkathalo ukuze ikhonze amakhulukhulu amabandla akummandla waseLuanda. AmaNgqina alapho avuyiswa kukuba nabazalwana abaqeqeshwe kakuhle abanokufumaneka ukuze bawancede afumane unyango oluwuqwalaselayo umnqweno wawo ‘wokukhwebuka egazini.’—IZe. 15:28, 29.
Izakhiwo zonyango ezasindayo kuloo mfazwe ziye azakhathalelwa ukususela phakathi kwiminyaka yee-1970. Amayeza ayenqabile. Ngaba kwezo meko zinzima kangako, oogqirha babeza kuvuma ukusebenzisana namaNgqina kaYehova ekumiseleni inkqubo yonyango notyando ngaphandle kwegazi? Ekuqaleni, oogqirha nabaphathi-zibhedlele abaninzi babengasabeli kakuhle okanye barhoxisa usuku ekufanele kudityanwe ngalo. Kwandula ke kwavela ingxaki efuna unyango.
Omnye umzalwana wephondo laseMalanje wasiwa eAmérico Boavida Hospital eLuanda ukuze atyandwe ithumba elisesiswini. Elinye ilungu leHLC lahamba nomfazi waloo mzalwana betyelela ugqirha. UGqr. Jaime de Abreu, oyintloko yotyando kweso sibhedlele, wawamkela loo maNgqina mabini. Okwabamangalisayo kukuba, wayeqhelene namaNgqina kaYehova nokuma kwawo kumbandela wegazi, yaye wayevile ngenkqubo engasebenzisi gazi xa wayekwikhefu ePortugal.
Ngenxa yentsebenziswano kaGqr. de Abreu, kwenziwa unyango oluphumelelayo ngaphandle kwegazi. Kamva, abazalwana beHLC badibana noGqr. de Abreu kunye neqela lakhe ukuze bamnike inkcazelo engakumbi. Ngoku bahlanu oogqirha abasebenzisana namaNgqina ngokuhlonela ukuma kwawo egazini.
Abasebenzi Bokuvuna Abangakumbi
Emva kokuba ziconjululwe iintswelo ezininzi zokulungelelanisa uncwadi, ingqalelo engakumbi yanikelwa kumdla omkhulu oboniswa entsimini. Hayi indlela asebenza kakuhle ngayo eAngola amazwi kaYesu athi: “Ewe, isivuno sikhulu, kodwa abasebenzi bambalwa”! (Mat. 9:37) Iingxelo zabonisa ukuba kukho izixeko ezininzi ezifuna uncedo ekunyamekeleni abo babonisa umdla kwinyaniso.
Usabela kule ntswelo, uMbutho wathumela abavangeli basemazweni abali-11 abangakumbi ukuze baye kuncedisa ‘esivunweni.’ Abanye bathunyelwa kwizixeko eziselunxwemeni zaseBenguela naseNamibe. Kodwa uYehova uye wavusa inkoliso yabasebenzi phakathi kwabantu baseAngola ngokwabo. Kule minyaka nje mihlanu idluleyo, bangama-21 839 abantu abaye babhaptizwa, ngaloo ndlela bethelela intlaninge yabadumisi bakaYehova abazahluleleyo kwelo lizwe.
Amehlo KaYehova Aphezu Kwabo
Bekusoloko kunzima ukuthumela abazalwana abanamava kuzo zonke iindawo ezinabantu abanomdla kwiLizwi likaThixo. Uye waba yintoni umphumo? Ubungqina obukhulu buye babonisa ukuba loo msebenzi walathiswa kungekhona ngumntu, kodwa ngumoya kaThixo. (Zek. 4:6) Amehlo kaYehova aphezu kwabo bonke abakhonzi bakhe, kwanabanye abakufuna ngokunyanisekileyo ukwazi nokukhonza uThixo oyinyaniso.—INdu. 65:2; IMize. 15:3.
Abemi benye idolophana yephondo laseKwanza Norte baya eLuanda baza bafumana amaphephancwadi kumaNgqina awayewahambisa esitratweni. Emva kokubona indlela ezilunge ngayo iindaba aziquletheyo, nabo bagqiba ekubeni balandele umzekelo waloo maNgqina aseLuanda baze babelane nabanye ngaloo maphephancwadi. Bayiqonda nemfuneko yokuhlanganisana kunye, ngoko enye indoda kwelo qela yenza konke okusemandleni ayo ukuze iqhube ezo ntlanganiso. Noko ke, ekubeni yayikwanti loo lali yabo, iindaba zokuba amaNgqina kaYehova abhaliswe ngokusemthethweni kwiminyaka emithathu ngaphambili zazingekafikeleli kumagunya alapho. Ngenxa yoko, abo bemi babengavumelekanga ukuhlanganisana ekuhleni. Bengatyhafiswa koko, babehlanganisana ehlathini.
Ekugqibeleni, zaya kufika kwiofisi yaseLuanda iindaba zokuba kukho abantu abaseQuilombo dos Dembos abafuna ukuncedwa balungiselelwe ibandla. Kwathunyelwa umveleli wesiphaluka kuloo lali ngo-Oktobha 1997, yaye ngabantu abali-140 ababekho entlanganisweni ebudeni bolo tyelelo lwakhe. Wayehlala ephethe umbhalo wesitampu seAssociation of Jehovah’s Witnesses, ngoko ke wayekwazi ukunikel’ ubungqina bokuba amaNgqina kaYehova yintlangano esebenza ngokusemthethweni kumagunya asekuhlaleni. Ngoku elo qela liyakuvuyela ukuhlanganisana kunye ekuhleni, yaye kulo kukho oovulindlela, abanceda abantu abaninzi abanomdla.
Ngowe-1996, uAna Maria Filomena wagaleleka kwidolophu encinane kwiphondo laseBié. Wenza konke okusemandleni akhe ukuze asasaze iindaba ezilungileyo, yaye kungekudala iqela labantu ababenomdla lahlanganisana kwisifundo sencwadi nakwiSifundo seMboniselo veki nganye. UAna Maria wayeziqhuba ngokwakhe iintlanganiso kuba kwakungekho mzalwana ubhaptiziweyo apho. Ngenye imini waxelelwa ukuba kukho umphathi-mkhosi walapho owayeza kubakho kwintlanganiso yangeCawa ukuze azivele ngokwakhe oko kwakufundiswa apho. Weza, ephelekwe ngamajoni amabini. Ngokucacileyo, wayanelisekile koko wayekuva apho kuba ngaphambi kokuba emke wathi, “Qhubeka nomsebenzi wakho ngaphandle kokoyika kulo mmandla.” Ngoku elo qela lincinane liliBandla iUmbundu Kuito-Bié Sul, elinabavakalisi abangama-40 yaye kwiintlanganiso zangeCawa kubakho abantu abali-150.
Ekubeni ayekhe aqhawukana nonxibelelwano kangangeminyaka emibini, amabandla akwiphondo laseUíge akazange akufumane ukutya kokomoya awayekufuna. Elinye iNgqina lalapho lacacisa ingxaki yalapho kwisihlobo salo esasisebenza kwiinqwelo-moya ezithutha impahla rhoqo. Ngobubele eso sihlobo savuma ukuza nomveleli wesiphaluka, uvulindlela okhethekileyo noncwadi olunobunzima obuziikhilogram ezingama-400 kwinqwelo-moya elandelayo ngaphandle kwentlawulo. Ekufikeni kwabo, abazalwana bafumana ibandla elalinyamekela amaqela amahlanu aqhawukelwe lunxibelelwano. Qela ngalinye laliqhuba iintlanganiso nabantu abangama-50 ukusa kwabangama-60 abanomdla.
Kwakwelo phondo linye, ekuqaleni kowe-1996 umveleli wesiphaluka watyelela elinye ibandla elaliqhawukile kunxibelelwano nentlangano ukususela ekuqaleni kokusekwa kwalo ngaphezu kweminyaka emine. Wafumana ntoni apho? Nangona kwakukho abavakalisi abangama-75 kuphela, yaba sisimbuku sabantu abangama-794 ababekho kwintetho yakhe yesidlangalala! Kucacile ukuba, ukuba kwanti akuzange kuyiphelise inzondelelo yabo bazalwana yokushumayela iindaba ezilungileyo kwabanye.
Kwafika iingxelo ezifanayo eziphathelele umdla omkhulu kwinyaniso zivela kummandla omganyana kumazantsi eLuanda, kwindawo yaseGabela. Uvulindlela owayelapho wayeqhuba iZifundo Zencwadi Zebandla ezihlanu—ngasinye kubusuku ngabunye phakathi evekini. Naye ‘wacela iNkosi yesivuno ukuba ikhuphe abasebenzi abangakumbi.’—Mat. 9:37, 38.
“Olona Ngquzulwano Lumanyumnyezi Kule Mihla Yethu”
Umsebenzi wamaNgqina kaYehova wokushumayela iindaba ezilungileyo kulo lonke elaseAngola umangalisa gqitha xa ucinga ngeemeko zelo lizwe. Ingxelo yeZizwe Ezimanyeneyo ichaza imfazwe yamakhaya yaseAngola “njengolona ngquzulwano lumanyumnyezi kule mihla yethu.” Ngenxa yendlela ababandezeleka ngayo abantu apho, kunganzima ukuyikhanyela loo ngcaciso. Nkqu nasemva kokuphela kokudubulana, kwanikelwa ingxelo yokuba ngabantu abali-1 000 ababulawa ngemini. NgoMatshi 2000, iThe New York Times yathi: “Imfazwe yaseAngola, ilizwe elinabantu abazizigidi ezili-12, ishiye abantu abasisigidi befile, yaye abazizigidi ezithathu ngoku bathe saa babalekile kumakhaya abo.”
Nokuba kungaphela ukudubulana, imiphumo yemfazwe iya kusala ikho. IAngola inelona nani liphakamileyo leziqhushumbisi ezityaliweyo ehlabathini yaye babalelwa kuma-70 000 abantu abanqumke amalungu omzimba ngenxa yeziqhushumbisi—elona nani liphakamileyo ehlabathini. Okumangalisayo kukuba, iziqhushumbisi zisaqhubeka zityalwa ngaloo maqela alwayo. Oku kubangela amafama ashiye amasimi awo nto leyo enegalelo ekunqongophaleni kokutya kubemi balapho.
Phakathi kwezo zixholo-xholo, amaNgqina kaYehova akasindi kwezo ngozi. Kwelinye iphondo laseKwanza Norte, kwabulawa amaNgqina amane kunye nomntu onomdla xa kwakudubulana imikhosi karhulumente neyabavukeli. Amanye aye abulawa kwiingozi zeziqhushumbisi neebhombu ezityalwe kwiindawo zemarike. Ngowe-1999, amaNgqina amane aphulukana nobomi bawo ngoxa ayezama ukusa ukutya nezinye izinto kwamanye amaKristu eHuambo. Okuvuyisayo kukuba, azixhaphakanga ezo ziganeko.
Njengabanye abantu, amaNgqina kaYehova aye abandezeleka ngeyona ndlela ngenxa yokunqongophala kokutya, impahla yokunxiba kwanendawo yokufihla intloko. Xa imfazwe yamakhaya yathabath’ unyawo ngowe-1999, baqikelelwa kubantu abazizi-1 700 000, kuquka amaNgqina kaYehova amaninzi, ekwanyanzeleka ukuba basabe beshiya amakhaya abo. Abantu abasaba imfazwe basoloko bebalekela kwizalamane zabo ezihlala kwizindlu ezisele zizele kakade. Nangona kunzima ukulungiselela intsapho zabo, abadala bayaqhubeka benyamekela iimfuno zokomoya zabazalwana. Asinawo amazwi anokuchaza ubunzulu boxabiso lwala maNgqina kwamanye amaKristu aseItali, ePortugal naseMzantsi Afrika aye asabela kusizi lwawo aza athumela iicontainer ezininzi zokutya, isinxibo namayeza awayefuneka kakhulu.
Imizekelo Ephilayo Yokholo
Kanye njengokuba kwakusetyenziswa umlilo otshisayo ukusulungekisa igolide mandulo, zibe njalo nezilingo ezinyanyezelwe ngabakhonzi bakaThixo ukuvelisa ukholo oluvavanyiweyo. (IMize. 17:3; 1 Pet. 1:6, 7) Amawaka amaNgqina kaYehova aseAngola, aselula nakhulileyo, anokholo olunjalo ukuvavanywa.
UCarlos Cadi, umlungiseleli onexesha elide owathi kwixesha elingaphezu kwesiqingatha senkulungwane elidluleyo wafunda inyaniso exabisekileyo yeBhayibhile kunye noJoão Mancoca kwiBelgian Congo, uphawula athi: “Ukuma ngenkalipho nokuzimisela kwabazalwana bethu, kuquka abaninzi abanikela ngobomi babo, kuye kwanikela ubungqina obunamandla. Oku akubangelwanga zizenzo zabo nje kuphela kodwa nakukuthetha phandle kwabo ngenkalipho kwabaninzi abasemagunyeni.”
Omnye owanikela ubungqina obunjalo nguAntunes Tiago Paulo. Waphathwa gadalala ngamadoda awayefuna ukwaphula ubundilele bakhe bobuKristu. Namhlanje, ukhonza njengelungu lentsapho yaseBheteli eAngola kunye nabanye abangcungcuthekiswa ngendlela efanayo: uJustino César, uDomingos Kambongolo, uAntónio Mufuma, uDavid Missi, noMiguel Neto. UAlfredo Chimbaia, owachitha iminyaka engaphezu kwemithandathu entolongweni, ngoku ukhonza kunye nomfazi wakhe kumsebenzi wesiphaluka.
Omnye udade wabona umyeni wakhe edlakazeliswa esahlulwa kwintsapho yakhe waza wabulawa luhlanga olwalusilwa nolwakhe. Watyityimbiselwa umnwe, kwathiwa ukuba ufuna ukuphila, makasabele kwiDemocratic Republic of Congo. Ukuze aye kufika apho wayeza kubetha ngezikaTshiwo nabantwana bakhe abane. Olo hambo lwathabatha iinyanga ezilishumi. Ngaphambi kokuba aqalise olo hambo, wayengaqondi ukuba ukhulelwe, yaye wabeleka ngaphambi kokuba aye kufika eCongo. Okubuhlungu kukuba, kamva loo mntwana wafa. Wayesoloko ethandaza. Wathi xa ukwimeko enjalo apho kungekho nto unokuyenza, ufanele uwulahlele kuYehova umthwalo wakho. (INdu. 55:22) Ukuba awenjinjalo, uya kuhlala uselusizini ube uzibuza, “Kutheni kusenzeka kum oku, Yehova?” Loo dade wayenombulelo kakhulu kukuba nje ephila kangangokuba ukufika kwakhe eKinshasa, wakhonza njengovulindlela ongumncedani kwinyanga yakhe yokuqala elapho.
“UThixo Akanazintloni Ngabo”
Oko kwabhalwa ngumpostile uPawulos ngamadoda nabafazi bokholo bamandulo kubachaza kakuhle abakhonzi bakaYehova baseAngola. Amazwi akhe sinokuwabeka ngale ndlela: ‘Singathetha sithini na? Lingaphela ixesha ukuba singabalisa ngayo yonke imizekelo yokholo yabo basinda kuhlangothi lwekrele, bathi bekwimo yobuthathaka basuka benziwa baba namandla, yaye bathuthunjiswa ngenxa yokuba babengavumi ukukhululwa ngokulalanisa. Ewe, abanye basifumana isilingo sabo ngokwenziwa intlekisa nokutyakatywa, eneneni ngokungakumbi kunoko, ngemixokelelwano neentolongo. Balingwa, beswele, besezimbandezelweni, bephatheke kabuhlungu; yaye ihlabathi lalingabafanelanga.’ (Heb. 11:32-38) Nangona babecekiseka kwabo babebatshutshisa, nangona abaninzi beswele ngenxa yemfazwe nezixholo-xholo, “uThixo akanazintloni ngabo, ukuba abizwe ngokuba unguThixo wabo,” kuba bagcine amehlo abo ekhangele ekuzalisekeni kwezithembiso zakhe.—Heb. 11:16.
Nangona eqhubeka efumana imiphumo emibi yomsindo wamadoda aphalisa amahashe eSityhilelo, amaNgqina kaYehova aseAngola aziqonda kakuhle iintsikelelo zikaThixo. Kunyaka ophelileyo, abavakalisi abangaphezu kwama-40 000 abakwelo lizwe banikele ngeeyure ezingaphezu kwe-10 000 000 bexelela abanye ngeendaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. Ngokomlinganiselo wenyanga nganye bebexakekile beqhuba izifundo zeBhayibhile zamakhaya ezingaphezu kwama-83 000 nabantu abanomdla. Umnqweno onyanisekileyo wabavakalisi boBukumkani baseAngola kukunceda abantu abaninzi kangangoko kunokwenzeka ukuze bafumane ithuba lokuzikhethela ubomi bokwenene uThixo abenza bufumaneke ngoYesu Kristu. Yaye hayi indlela abavuya ngayo xa kwathi phezu kwazo nje iimeko ezingazinzanga zelo lizwe kwabakho abantu abangaphezu kwama-181 000 ababehlanganisene ukuze bakhumbule iSidlo SeNkosi Sangokuhlwa! Babona ubungqina obuninzi bokuba amasimi amhlophe afuna ukuvunwa.—Yoh. 4:35.
Ekunye nabazalwana bawo abangamaKristu abasehlabathini lonke, amaNgqina kaYehova aseAngola aqiniseke ngokupheleleyo ngoloyiso lokugqibela loKumkani neNkokeli yawo yasezulwini, uYesu Kristu. (INdu. 45:1-4; ISityhi. 6:2) Phezu kwazo nje iimvavanyo ajamelana nazo, azimisele ukuba ngabakhonzi bakhe abathembekileyo namaNgqina anyanisekileyo oThixo wawo onothando, uYehova.—INdu. 45:17.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 68]
‘Nangona imeko yethu yomzimba inkenenkene, siphile qete ngokomoya. Oko kwenzekayo koko kanye kwaxelwa kwangaphambili eBhayibhileni.’
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 73]
Bafunda iBhayibhile baza baqalisa ukushumayela. Kungekudala bathunyelwa eAngola.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 78]
“Eyona nto imbi kakhulu unokundenza yona kukundibulala. Ngaba ikho onokuyenza engaphezu kwaleyo? Kodwa andiyi kululahla ukholo lwam.”
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 82]
Wayeqinisekile ukuba wayeyifumene inyaniso. Kodwa wayeyixabisa kangakanani?
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 85]
Entolongweni babedla ngokushumayela eludongeni ngawo nawuphi na umbandela weBhayibhile othi qatha engqondweni.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 89]
Babengqongwe yimiqondiso yemfazwe, kodwa batyhalela phambili nobulungiseleli babo.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 91]
Abalusi abangamaKristu babesenza amatyelelo amafutshane rhoqo xa besiya naxa bevela emsebenzi. Babedla ngokufunda izibhalo ezimbalwa naloo ntsapho.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 96]
“Kulungile ndiza kuthi ‘Viva!’” Wonk’ ubani waba nolindelo. Ekugqibeleni loo nkwenkwana yakhwaza yathi “Viva Yehova!”
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 103]
“Ndayishiya iAngola ndithandaza entliziyweni yaye ndithe gwantyi iinyembezi ngenxa yabo bazalwana, abo bathi nangona babebandezeleka, kodwa babesancumile ngenxa yethemba elimangalisayo abanalo.”
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 108]
“Wayedla ngokuyinikela izihlandlo ezisi-7 ukusa kwezingama-21. Wawusiba mninzi umsebenzi wabo weveki yaye ufuna ukuzibhokoxa.”
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 111]
Kwelo butho loosolusapho, wayegqalwa njengentloko yalapho. Waye waziwa njengomntu kaThixo.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 116]
Bephantsi kwengcinezelo yokwaphula ubundilele babo bobuKristu, abazange bagungqe kwisigqibo sabo sokuhamba kwiindlela zikaYehova.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 124]
“Hayi indlela esaba nombulelo ngayo kuYehova, kwintlangano yakhe nakubazalwana bethu ababeka ubomi babo emngciphekweni ngenxa yabazalwana babo ababengabazi nokubazi!”
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 128]
Ukungathabathi icala ngokuqinileyo kwamaNgqina kaYehova kwakwakhelwe umkhanya ngabantu.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 138]
Kukho amabandla angama-696 kodwa kukho iiHolo zoBukumkani ezingama-24 nje kuphela.
[Imaphu/Imifanekiso ekwiphepha 81]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
Atlantic Ocean
DEM. REP. OF CONGO
ANGOLA
Luanda
Malanje
Lobito
Benguela
Huambo
Lubango
Namibe
Baía dos Tigres
NAMIBIA
[Umfanekiso ozalise iphepha, kwiphepha 66]
[Imifanekiso ekwiphepha 71]
UGray no-Olga Smith
[Umfanekiso okwiphepha 74]
UJohn Cooke (phakathi), ekunye noJoão Mancoca (ekunene) noSala Filemon (ekhohlo), ababephakathi kwabokuqala ukulumela ngokuqinileyo unqulo lokwenyaniso eAngola
[Umfanekiso okwiphepha 87]
Indibano eyayinehlombe kuloo nkululeko yethutyana ngowe-1975
[Umfanekiso okwiphepha 90]
Ilizwe elidlavuzwe yimfazwe
[Imifanekiso ekwiphepha 102]
“Ikhitshi” apho kwakulungiselelwa khona ukudla kokomoya
[Umfanekiso okwiphepha 104]
USilvestre Simão
[Imifanekiso ekwiphepha 123]
Impahla yokuya kunceda eAngola ilayishwa eMzantsi Afrika
[Umfanekiso okwiphepha 126]
Ngasentla: Intlanganiso ekhethekileyo nabadala noovulindlela abathe ngxi eLuanda
[Umfanekiso okwiphepha 126]
UDouglas Guest (ekhohlo) eAngola ngowe-1991, ekunye noJoão noMaria Mancoca kunye noMário Oliveira
[Umfanekiso okwiphepha 131]
Iofisi yokuqala eyayisetyenziswa ngamaNgqina kaYehova eLuanda
[Imifanekiso ekwiphepha 134]
INdibano YeSithili ‘Yabadumisi Abanovuyo’ ekwakukho kuyo abantu abangama-73 154 eLuanda
[Umfanekiso okwiphepha 139]
Uphahla lwesakhiwo sesinyithi esisebenza njengenye yeeHolo zoBukumkani ezingama-24 eAngola
[Umfanekiso okwiphepha 140]
IKomiti yeSebe (ukusuka ekhohlo ukuya ekunene): uJoão Mancoca, uSteve Starycki, uSilvestre Simão, uDomingos Mateus, noJosé Casimiro
[Umfanekiso okwiphepha 140, 141]
Intsapho yaseBheteli eAngola ngowe-1996, xa kwakusekwa elo sebe
[Umfanekiso okwiphepha 142]
Imbinana yamalungu amaninzi entsapho yaseBheteli awazingqina enokholo ngaphantsi kwempatho egadalala: (1) UAntunes Tiago Paulo, (2) uDomingos Kambongolo, (3) uJustino César
[Umfanekiso okwiphepha 147]
UCarlos Cadi