IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • yb16 iphe. 82-iphe. 85 isiqe.¶ 5
  • Amagqabantshintshi NgeIndonesia

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Amagqabantshintshi NgeIndonesia
  • Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Ka-2016
Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Ka-2016
yb16 iphe. 82-iphe. 85 isiqe.¶ 5

EINDONESIA

Amagqabantshintshi NgeIndonesia

Ukuma Komhlaba I-Indonesia ikumda weOstreliya nezwekazi iAsia, kwaye lelinye lamazwe aneziqithi ezininzi. Iziqithi zayo ezingaphezu kwe-17 500 zizele ziintaba namahlathi ashinyeneyo. Ngowona mmandla uthandwa kakhulu ziintaba-mlilo kwaye zingaphezu kwe-100 iintaba-mlilo ezisaqhushumbayo.

Ibhinqa laseIndonesia linesihombiso sentloko sohlanga lwalapho

Abantu I-Indonesia lilizwe lesine elinabantu abaninzi ehlabathini (ilandela iTshayina, i-Indiya neMerika), kwaye zingaphezu kwe-300 iintlanga ezihlala apha. Isiqingatha sezi ntlanga ngabantu baseJava nabaseSunda.

Unqulo Malunga ne-90 pesenti yabantu balapha ngamaSilamsi. Abanye ngamaHindu, amaBhuda okanye abantu abazibiza ngokuba ngamaKristu. Abanye babo benza namasiko aqhelekileyo asekuhlaleni.

Ulwimi Zingaphezu kwe-700 iilwimi ezithethwa apha.[10] Olona lwimi luthethwa zezo ntlanga zahlukeneyo sisi-Indonesia esithathwe kwisiMalay. Abantu abaninzi bathetha ulwimi lwasekuhlaleni xa besekhaya.

Inyama ehlohlwe kwisikhuni

Indlela Abantu Abazixhasa Ngayo Abaninzi ngabarhwebi namafama asakhasayo. Eli lizwe lityebe ngemigodi, iinkuni, ioli negesi kwaye lizuza kakhulu ngokuthengisa irabha neoli yesundu.

Ukutya Okona kutya kwalapha yirayisi. Ukutya okuxhaphakileyo yinasi goréng (irayisi egcadiweyo namaqanda adityaniswe nemifuno), isatay (inyama eyosiweyo) negado-gado (isaladi efakwe ipeanut sauce).

Imozulu Kabini ngonyaka imozulu iyatshintsha, kuyabalela okanye kufume. Iindudumo zixhaphakile.

UKUMA KOMHLABA (izkwe khilomitha)

1 910 931

ABEMI

256 000 000

ABAVAKALISI NGO-2015

26 246

UMLINGANISELO WOMVAKALISI KUBEMI

9 754

KWISIKHUMBUZO NGO-2015

55 864

Imaphu yeIndonesia
    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share