EINDONESIA
Sathobela Ulwalathiso—Saphila!
UBlasius da Gomes
WAZALWA Ngo-1963
WABHAPTIZWA Ngo-1995
IBALI LOBOMI Umdala owawunyamekela ngothando umhlambi ngoxa kwakusilwa unqulo eAmbon, ekummandla weZiqithi zeMaluku.
NGOJANUWARI 19, 1999, kummandla oziikhilomitha ezimalunga nezintathu ukusuka kwikhaya lam, kwakhula intiyo phakathi kwamaSilamsi namaKristu eyaphumela kugonyamelo. Kwakusisiphithiphithi nje apho.a
Ndaqinisekisa ukuba intsapho yam ikhuselekile ndaza emva koko ndafowunela abanye abavakalisi ukuqinisekisa ukuba nabo bakhuselekile. Ndabacebisa ukuba bazole futhi bangayi kwimimandla eyingozi. Ekuhambeni kwexesha abadala baya komeleza ukholo lwabazalwana baza babakhuthaza ukuba baqhube iintlanganiso bengamaqela amancinane.
Iofisi yesebe yathi masifuduse nabaphi na abavakalisi ababehlala kwimimandla eyingozi, saza olo lwalathiso saludlulisela kwiintsapho ezininzi. Omnye umzalwana ongazange afune ukufuduka wabulawa ligquba labantu abaxhobileyo. Wonke umntu owathobela ulwalathiso lweofisi yesebe wasinda.
a Lo mlo waya uqina kulo lonke iphondo laseMaluku kangangeminyaka engaphezu kwemibini kangangokuba amawakawaka abantu awashiya amakhaya awo.