IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • yb16 iphe. 146-iphe. 150 isiqe.¶ 1
  • Umsebenzi Ukhula Ngokukhawuleza

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Umsebenzi Ukhula Ngokukhawuleza
  • Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Ka-2016
  • Imixholwana
  • Ukuphumeza Intswelo Engxamisekileyo
Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Ka-2016
yb16 iphe. 146-iphe. 150 isiqe.¶ 1
AmaNgqina kaYehova ashumayela emarikeni eJakarta

Sishumayela emarikeni eJakarta

EINDONESIA

Umsebenzi Ukhula Ngokukhawuleza

Xa iinkokeli zeecawa zeNgqobhoko zeva ngenkululeko yokunqula eyayinikwe amaNgqina kaYehova, iintliziyo zaba lihlwili. Abefundisi bamaProtestanti kunye namagosa ecawa, bebonke bengaphezu kwe-700, benza intlanganiso eJakarta yokucela urhulumente ukuba aphinde awuvale umsebenzi. Kodwa urhulumente akazange avume.

Igrafu ebonisa inani labavakalisi noovulindlela eIndonesia ukususela ngo-2002 ukuya kutsho ngo-2015

Njengoko iindaba zokuvulwa komsebenzi zazisasazeka kulo lonke ilizwe, abantu abaninzi abanomdla babhalela iofisi yesebe becela iincwadi okanye isifundo seBhayibhile. Ngo-2003, bangaphezu kwe-42 000 abantu ababeye kwiSikhumbuzo, beliphindaphinda ngaphezu kwesibini inani labavakalisi balapho. Babephantse babeyi-10 000 abantu ababekwindibano eyayiseJakarta, kukho negosa eliphezulu leSebe Lemibandela Yezonqulo. Eli gosa lamangaliswa kukubona abantu abaselula nabadala betyhila izibhalo kwiiBhayibhile zabo. Laqinisekisa abazalwana ukuba lizimisele ukulungisa inkcazelo engachananga ngamaNgqina kaYehova.

Ukuvulwa komsebenzi kwanika abathunywa bevangeli ithuba lokuba babuyele eIndonesia. Abaqala bafika yayinguJosef noHerawati Neuhardta (ababevela kwiiSolomon Islands), uEsa noWilhelmina Tarhonen (ababevela eTaiwan), uRainer noFelomena Teichmann (ababevela eTaiwan) kunye noBill noNena Perrie (ababevela eJapan). Emva kwabo kwafika abathunywa bevangeli abatsha abaphumelele eGiliyadi, ababefumene izabelo zokuya kukhonza kuMntla weSumatra, eKalimantan, kuMntla weSulawesi nakwezinye iindawo ezisemaphandleni.

UJulianus Benig

“Ndandikuvuyela nyhani ukunceda abafundi ukuba baphucule indlela abafundisa nabathetha ngayo.”—UJulianus Benig

Ngo-2005, iofisi yesebe yaqhuba iiklasi ezimbini ezintsha zesikolo sobuthixo. UJulianus Benig, ongomnye wabaqeqeshi kwiSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli (ngoku esibizwa ngokuba siSikolo Sabavangeli BoBukumkani) uthi, “Ndandikuvuyela nyhani ukunceda abafundi ukuba baphucule indlela abafundisa nabathetha ngayo nokuba basetyenziswe ngakumbi yintlangano.” Abaninzi abaphumelele kwesi sikolo ngoku bangoovulindlela abakhethekileyo kunye nabaveleli beziphaluka. Abazalwana abaninzi ababekwiklasi yokuqala yeSikolo Sabaveleli Abahambahambayob baqaliswa ukuqeqeshwa ngoxa umsebenzi wawusavaliwe. Esi sikolo sitsha sabanceda bakwazi ukuqhubeka nezabelo zabo emva kokuba umsebenzi uvuliwe. UPonco Pracoyo, owayekwiklasi yokuqala, uthi: “Esi sikolo sandinceda ndanovelwano olungakumbi ndaza ndazimisela ngakumbi kumsebenzi wam wokuba ngumveleli wesiphaluka. Sasihlaziya yaye sikhuthaza!”

Ukuphumeza Intswelo Engxamisekileyo

Kwiminyaka eyi-25 yokuvalwa komsebenzi, amabandla amaninzi eIndonesia ayehlanganisana emakhayeni amancinane abazalwana. Ayembalwa amabandla awayenemali yokwakha iiHolo zoBukumkani, yaye kwakunzima ukufumana imvume yokwakha iindawo ezintsha zokunqulela. Ngenxa yokuba amabandla ayesanda ngokukhawuleza, iofisi yesebe yaseka iSebe Lokwakhiwa KweeHolo ZoBukumkani (ngoku elibizwa ngokuba liSebe Lasekuhlaleni Lokwakha Nelenza Iiplani) ukuze kwakhiwe ngokukhawuleza.

Enye yeendawo ezancedakala kuqala kwindlela entsha yokwakha siSiqithi saseNias kuMntla weSumatra. UHaogo’aro Gea, umzalwana owayenexesha ekhonza kwiBandla laseGunungsitoli, uthi: “Saba nemincili sakuva ukuba siza kuba neHolo yoBukumkani entsha. Iofisi yesebe yathumela amatsha-ntliziyo akhayo asixhenxe ukuze avelele lo msebenzi wokwakha, owagqitywa ngo-2001.” UFaonasökhi Laoli, ilungu lekomiti yokwakha yasekuhlaleni, uthi: “Ngaphambili sasihlanganisana kumakhaya amancinane abazalwana, yaye abantu basekuhlaleni babewajongela phantsi amaNgqina kaYehova. Kodwa yathi yakugqitywa ukwakhiwa iHolo yoBukumkani, abantu abayi-20 ababesiza kwiintlanganiso banda baya kutsho kwabayi-40. Kwiinyanga nje eziyi-12, banda ngaphezu kwe-500 pesenti. Indawo yethu yokunqula yeyona ibukekayo ekuhlaleni, yaye abantu bayawahlonela ngoku amaNgqina kaYehova.”

IHolo yoBukumkani enemigangatho emibini eBandung, kwiNtshona yeJava

IHolo yoBukumkani yaseBandung

Ngo-2006, eBandung, eNtshona Java, abazalwana baqalisa ukukhangela isiza sokwakha iHolo yoBukumkani yokuqala kweso sixeko. USingap Panjaitan, ongumdala owayekhonza kwikomiti yokwakha, uthi: “Kwasithatha iinyanga eziyi-12 ukufumana isiza esifanelekileyo. Kodwa, ngaphambi kokuba abasemagunyeni basinike imvume yokwakha, ubuncinane kwakufuneka abamelwane abangengomaNgqina abayi-60 bavume ukuba sakhe. Baba yi-76 abavumayo, kuquka ibhinqa elalinempembelelo kakhulu nelalichasa ekuqaleni. Xa yagqitywayo, samema abamelwane kunye nosodolophu waseBandung ukuba baze kuyibona. Lo sodolophu wathi: ‘Le ndawo yokunqula icocekileyo ingumzekelo wokulandelwa zizo zonke iicawa.’” Le Holo yoBukumkani inemigangatho emibini yanikezelwa ngo-2010.

Ukususela ngo-2001, kuye kwakhiwa iiHolo zoBukumkani ezingaphezu kwe-100 eIndonesia, kodwa kufuneka ezingakumbi.

a Ibali lobomi bukaHerawati Neuhardt likuVukani! kaFebruwari 2011.

b Ngoku sibizwa ngokuba siSikolo Sabaveleli Besiphaluka Nabafazi Babo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share