Abazalwana kwintlanganiso eyayiseTbilisi ngo-1992
EGEORGIA | 1991-1997
“UThixo Wakhulisa.”—1 Kor. 3:6.
UGenadi Gudadze wayengumveleli wesiphaluka ekuqaleni kweminyaka yoo-1990
IGEORGIA yazimela ngo-1991, ngonyaka eyaphela ngawo iSoviet Union. Kodwa ukutshintsha kwezopolitiko nezidubedube kwabangela ukuba abantu baphile nzima. UGenadi Gudadze, owayengumveleli wesiphaluka kuloo minyaka, uthi abantu babefolela isonka imini yonke.
Ngelo xesha kwakuqhelekile ukuba amaNgqina ancokole ngesigidimi seBhayibhile neqela labantu elifolileyo. UGenadi uthi: “Kuloo minyaka yayinzima, kwakubonakala ngathi wonke umntu uyayifuna inyaniso. Safumana iziliphu ezilikhulu ezazinee-adresi zabo babefuna ukufundelwa iBhayibhile.”
Emva kweentlanganiso, abazalwana abanembopheleleko babeye bafunde uludwe lwamagama neeadresi zabo bacela ukutyelelwa. Abavakalisi babeye benze ithuba lokubatyelela.
Ukushumayela kubantu ababefolele isonka ngeminyaka yoo-1990
UMzalwana uLevani Sabashvili owayengumdala eTbilisi ukhumbula esinye isibini esacela ukutyelelwa. Iinkcukacha zaso zathathwa ngabavakalisi abohlukeneyo, kodwa uthi, “akukho nomnye umntu owabatyelelayo. Babehlala kude, ibe uninzi lwethu lwalunezifundo zeBhayibhile eziliqela.”
Kwiinyanga ezimbalwa kamva, esi sibini saphinda sathumela esinye isicelo. Saphinda sathumela nesesithathu, kodwa ngoku sasihamba nomyalezo, sasicela ukuba amaNgqina akhumbule ukuhlala emsulwa egazini labantu. (IZe. 20:26, 27) ULevani uthi: “Sasingakuthandi ukutyelela abantu ngexesha lokubhiyozelwa konyaka omtsha. Kodwa ngoku, saziva sinyanzelekile.”
Esi sibini sinxanelwe inyaniso, uRoini noNana Grigalashvili, zange sikholelwe xa ngenye intsasa ebandayo satyelelwa nguLevani nomnye umzalwana. Saqalisa ngoko nangoko ukufunda iBhayibhile. Ngoku, uRoini noNana ngoovulindlela kunye nabantwana babo.
Imigudu Yokufikela Abanomdla
Ekubeni babenombulelo, abo bamkela inyaniso banikela ngexesha, amandla, nangezinto zabo ukuze babelane nabanye ngeendaba ezilungileyo. Nangona babeneembopheleleko zentsapho, uBadri noMarina Kopaliani, babephakathi kwabo babezibhokoxa besiya kweminye imimandla ukuze bancede abanye.
Ngeempela-veki, uBadri noMarina kunye noonyana babo abakwishumi elivisayo, uGocha noLevani, babelungiselela ukuya kummandla waseDusheti owawuneentaba ezintle, kumntla Tbilisi. Ngamanye amaxesha babehamba iikhilomitha eziyi-150 kwiindlela ezingamajikojiko ukuze baye kwimimandla ekude.
Ngenye imini, uBadri nomfazi wakhe bamenywa lelinye ibhinqa. UBadri uthi: “Safika kwigumbi elikhulu elalinabantu abayi-50 ababesilindile! Ekuqaleni, ndandothukile, kodwa emva kokuba ndithandaze kuYehova, ndancokola nabo ngeevesi ezikuMateyu 24 ezithetha ngemihla yokugqibela. Omnye umntu owayemangalisekile wathi, ‘Kutheni abefundisi bethu bengasixeleli ezi zinto?’”
ISikhumbuzo Sitsala Abantu
ISikhumbuzo sokufa kukaYesu sanika abantu baseGeorgia abanomdla ithuba elingakumbi lokuva inyaniso. Ngo-1990, iSikhumbuzo esasikwaDade Ia Badridze eTbilisi, sabenza umdla abantu basekuhlaleni.
UIa Badridze wamkela abantu abayi-200 ababeze eSikhumbuzweni kwigumbi lakhe.
UDade Badridze wavula igumbi lakhe elalikumgangatho we-13, ukuze kuqhutywe iSikhumbuzo kulo. Encediswa ngabantwana bakhe, wakhupha zonke izinto ezazikwigumbi lokuhlala ukuze kubekho indawo. Kodwa wayeza kuzifumana phi izitulo ezaneleyo? EGeorgia, kwakuqhelekile ukuba iintsapho ziqeshe izitulo neetafile xa ziza kuba nabantu abaninzi. Ekubeni yena wayeqeshe izitulo zodwa, abaphathi bevenkile babembuza: “Awuzokuzidinga iitafile? Niza kutya njani?”
Bonke ababeye kwisikhumbuzo sokufa kukaYesu bangena banela kwigumbi likaDade Badridze. Okumangalisayo kukuba kwakuye abantu abayi-200! Yiloo nto abamelwane babebuza imibuzo emininzi ngamaNgqina KaYehova.
ISikhumbuzo Esingenakulibaleka
Ngo-1992, kwaqeshwa iiholo ezinkulu kwiindawo ezahlukeneyo kwelo lizwe, ekwakuza kuqhutyelwa kuwo iSikhumbuzo. UDavit Samkharadze, owayehlala eGori, ukhumbula ukuba wabuzwa ngumveleli ojikelezayo ngeSikhumbuzo.
Akuva ukuba abavakalisi baceba ukudibana kwikhaya lomnye umvakalisi, wabuza: “Alikho iholo elikhulu elikwalapha ekuhlaleni? Kutheni ningaqeshi lona?” Ekubeni iholo lalithatha abantu abangaphezulu kwabayi-1 000, babe abavakalisi bona bengaphezulu nje kwe-100, babengasiboni isizathu sokuqesha iholo elikhulu.
Umveleli wacebisa wathi: “Ukuba umvakalisi ngamnye angeza nabantu abalishumi kwiSikhumbuzo, zonke eza zitulo zingagcwala.” Nangona icebiso lakhe lalibonakala lingenakwenzeka ekuqaleni, abavakalisi basekuhlaleni benza kangangoko banako ukuze balilandele. Bothuka yaye bavuya kakhulu xa kweza abantu abayi-1 036.a
Oovulindlela Abazimiseleyo Baya Kweminye Imimandla
Ngo-1992, kwakusekho ezinye iindawo eGeorgia apho amaNgqina KaYehova ayengekashumayeli kuzo ngesigidimi seBhayibhile. Loo mimandla mitsha yayinokufikelelwa njani ngoxa ilizwe likwimeko embi yezoqoqosho?
UTamazi Biblaia, owayehlala entshona Georgia ngelo xesha, uthi: “Umveleli ojikelezayo wadibana nabanye bethu ukuze sithethe ngoko kunokwenziwa. Sasingenalwazi lungako ngelungiselelo loovulindlela abakhethekileyo. Kodwa sasisazi ukuba iindaba ezilungileyo zimele zishunyayelwe ngokungxamisekileyo.” (2 Tim. 4:2) Ngoko, kwakhethwa oovulindlela abayi-16 baza bathunyelwa kwiindawo ezahlukeneyo kwela lizwe.—Jonga imaphu elapha.
Iindawo ababethunyelwe kuzo oovulindlela kangangeenyanga ezintlanu.
NgoMeyi 1992, kwabakho intlanganiso eyathatha iiyure ezintathu eTbilisi ukuze kukhuthazwe oovulindlela ababethunyelwe ukuba baye kushumayela kuloo mimandla kangangeenyanga ezintlanu. Nyanga nganye, abadala babebatyelela ukuze babakhuthaze baze babaxhase ngezinto abazidingayo.
Oodade ababini abangoovulindlela, uManea Aduashvili noNazy Zhvania, babethunyelwe kwidolophu yaseOzurgeti. UManea owayeneminyaka eyi-60 ngelo xesha, uthi: “Sasisazi ukuba kukho umntu onomdla owayehlala kufutshane neOzurgeti. Ngoko sathi sifika nje, senza amalungiselelo okudibana naye. Xa safika kwikhaya leli bhinqa, lalisilindile ibe lalikunye nabantu abayi-30 elalibamemile. Saqalisa izifundo zeBhayibhile eziliqela ngaloo mini.”
Safumana umdla ofanayo nakwabanye abantu kwiinyanga ezalandelayo. Emva kweenyanga nje ezintlanu, abantu abayi-12 babefanelekela ukubhaptizwa!
Umoya Wabo Wokuzincama Wavuzwa
Abazalwana ababini abangoovulindlela, uPavle Abdushelishvili noPaata Morbedadze, bathunyelwa eTsageri. Ikummandla onabantu ababesabambelele kwizithethe zamandulo kunye neemfundiso zeNgqobhoko.
Iintaba ezingqonge iTsageri
Njengoko ubusika balapho obubanda gqitha babusondela, isabelo soovulindlela seenyanga ezintlanu sasifikelela esiphelweni, ibe uPaata wacelwa ukuba ayokuncedisa kumsebenzi wokuguqulela kwenye indawo. Ngoko kwafuneka uPavle enze isigqibo. Uthi: “Ndandiqonda ukuba ukuchitha ubusika eTsageri kwakuza kuba nzima. Kodwa izifundo zethu zeBhayibhile zazidinga uncedo olungakumbi, ngoko ndagqiba ekubeni ndingahambi.”
UPavle uthi: “Ndahlala kwikhaya lenye intsapho. Ndandishumayela imini yonke. Ngokuhlwa ndandihlala kunye nale ntsapho ngakwisitovu seenkuni. Kodwa xa kwakufika ixesha lokuba ndiyokulala, ndandinxiba umnqwazi wam ndize ndilale ngengubo emfumamfuma.”
Xa abadala batyelela uPavle entwasa-hlobo, kwakukho abantu abayi-11 ababefanelekela ukuba ngabavakalisi abangabhaptizwanga. Kungekudala, bonke babhaptizwa.
a Ngo-1992, iGeorgia yayinabavakalisi abayi-1 869 ibe kwaya abayi-10 332 eSikhumbuzweni.